Eclesiastes 2

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge."
1 Eu disse comigo mesmo: Vamos, tentemos a alegria e gozemos o prazer. Mas isso é também vaidade.
2 Ndathi kohlekayo, Uyageza; nakovuyayo, Wenza ntoni na lo?"
2 Do riso eu disse: Loucura! e da alegria: Para que serve?
3 Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko: ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo."
3 Resolvi entregar minha carne ao vinho, enquanto meu espírito se aplicaria ainda à sabedoria; procurar a loucura até que eu visse o que é bom para os filhos dos homens fazerem durante toda a sua vida debaixo dos céus.
4 Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,"
4 Empreendi grandes trabalhos, construí para mim casas e plantei vinhas;
5 ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;"
5 fiz jardins e pomares, onde plantei árvores frutíferas de toda espécie;
6 ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;"
6 cavei reservatórios de água para regar o bosque. Comprei escravos e escravas; e possuí outros nascidos em casa.
7 ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem."
7 Possuí muito gado, bois e ovelhas, mais que todos os que me precederam em Jerusalém.
8 Ndaziqwebela nesilivere, negolide, nezinto eziziinqobo zookumkani ngookumkani, nezamazwe ngamazwe; ndazenzela iimvumi neemvumikazi, neziyolo zoonyana babantu, inkosikazi namakhosikazi."
8 Amontoei prata e ouro, riquezas de reis e de províncias. Procurei cantores e cantoras, e que faz as delícias dos filhos dos homens: mulheres e mulheres.
9 Ndaba mkhulu ke, ndanda ngaphezu kwabo bonke ababeseYerusalem ngaphambi kwam; bathi nobulumko bam bandinceda."
9 Fui maior que todos os que me precederam em Jerusalém; e, ainda assim, minha sabedoria permaneceu comigo.
10 Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke."
10 Tudo que meus olhos desejaram, não lhes recusei; não privei meu coração de nenhuma alegria. Meu coração encontrava sua alegria no meu trabalho; este é o fruto que dele tirei.
11 Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga."
11 Mas, quando me pus a considerar todas as obras de minhas mãos e o trabalho ao qual me tinha dado para fazê-las, eis: tudo é vaidade e vento que passa; não há nada de proveitoso debaixo do sol.
12 Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha: ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade?"
12 Passei então à meditação da sabedoria, da loucura e da tolice. {Qual é o homem, designado desde muito tempo, que virá depois do rei?}
13 Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama."
13 Cheguei à conclusão de que a sabedoria leva vantagem sobre a loucura, como a luz leva vantagem sobre as trevas.
14 Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye."
14 Os olhos do sábio estão na cabeça, mas o insensato anda nas trevas. Mas eu notei que um mesmo destino espera a ambos,
15 Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo: ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge."
15 e disse comigo mesmo: A minha sorte será a mesma que a do insensato. Então para que me serve toda a minha sabedoria? Por isso disse eu comigo mesmo, que tudo isso é ainda vaidade.
16 Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?"
16 Porque a memória do sábio não é mais eterna que a do insensato, pois que, passados alguns dias, ambos serão esquecidos. Mas então? Tanto morre o sábio como morre o louco!
17 Ndabuthiya ke ubomi; ngokuba mibi kum imisebenzi eyenzeka phantsi kwelanga; ngokuba yonke loo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya."
17 E eu detestei a vida, porque, a meus olhos, tudo é mau no que se passa debaixo do sol, tudo é vaidade e vento que passa.
18 Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam."
18 Também se tornou odioso para mim todo o trabalho que produzi debaixo do sol, porque devo deixá-lo àquele que virá depois de mim.
19 Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge."
19 E quem sabe se ele será sábio ou insensato? Contudo, é ele que disporá de todo o fruto dos meus trabalhos que debaixo do sol em custaram trabalho e sabedoria. Também isso é vaidade.
20 Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga."
20 E eu senti o coração cheio de desgosto por todo o labor que suportei debaixo do sol.
21 Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu."
21 Que um homem trabalhe com sabedoria, ciência e bom êxito para deixar o fruto de seu labor a outro que em nada colaborou, note-se bem, é uma vaidade e uma grande desgraça.
22 Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga?"
22 Com efeito, que resta ao homem de todo o seu labor, de todas as suas azáfamas a que se entregou debaixo do sol?
23 Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge."
23 Todos os seus dias são apenas dores, seu trabalhos apenas tristezas; mesmo durante a noite ele não goza de descanso. Isto é ainda vaidade.
24 Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo."
24 Não há nada melhor para o homem que comer, beber e gozar o bem-estar no seu trabalho. Mas eu notei que também isso vem da mão de Deus;
25 Ngokuba ngubani na ongadlayo, ngubani na ongavayo ubumnandi, engenaye?"
25 pois, quem come e bebe, senão graças a ele?
26 Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya."
26 Àquele que lhe é agradável Deus dá sabedoria, ciência e alegria; mas ao pecador ele dá a tarefa de recolher e acumular bens, que depois passará a quem lhe agradar. Isto é ainda vaidade e vento que passa.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Eclesiastes 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.