Deuteronômio 16
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA
1 Yigcine inyanga enguAbhibhi, wenze ipasika kuYehova uThixo wakho; ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku."
1 Guarda o mês de abibe e celebra a Páscoa do Senhor , teu Deus; porque, no mês de abibe, o Senhor , teu Deus, te tirou do Egito, de noite.
2 Uze ubingelele ipasika kuYehova uThixo wakho, impahla emfutshane neenkomo, kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe."
2 Então, sacrificarás como oferta de Páscoa ao Senhor , teu Deus, do rebanho e do gado, no lugar que o Senhor escolher para ali fazer habitar o seu nome.
3 Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi, ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi."
3 Nela, não comerás levedado; sete dias, nela, comerás pães asmos, pão de aflição (porquanto, apressadamente, saíste da terra do Egito), para que te lembres, todos os dias da tua vida, do dia em que saíste da terra do Egito.
4 Kuze kungabonwa gwele emideni yakho yonke imihla esixhenxe; ze kungabikho ntwana yanyama, oyibingelelayo ngokuhlwa ngosuku lokuqala, eba ngumbeko kude kuse."
4 Fermento não se achará contigo por sete dias, em todo o teu território; também da carne que sacrificares à tarde, no primeiro dia, nada ficará até pela manhã.
5 Akunako ukuyibingelela ipasika kulimbi isango, emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho;"
5 Não poderás sacrificar a Páscoa em nenhuma das tuas cidades que te dá o Senhor , teu Deus,
6 ke kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woyibingelela apho ipasika, ngokuhlwa, ukutshona kwelanga, ngexesha owaphuma ngalo eYiputa;"
6 senão no lugar que o Senhor , teu Deus, escolher para fazer habitar o seu nome, ali sacrificarás a Páscoa à tarde, ao pôr do sol, ao tempo em que saíste do Egito.
7 uyose, uyidle, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; ubuye kusasa, uye ezintenteni zakho."
7 Então, a cozerás e comerás no lugar que o Senhor , teu Deus, escolher; sairás pela manhã e voltarás às tuas tendas.
8 Wodla izonka ezingenagwele imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe yingqungquthela kaYehova uThixo wakho; uze ungenzi namnye umsebenzi."
8 Seis dias comerás pães asmos, e, no sétimo dia, é solenidade ao Senhor , teu Deus; nenhuma obra farás.
9 Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibalela iiveki ezisixhenxe uthabathela ekulifakeni irhengqa engqoloweni ingekavunwa;"
9 Sete semanas contarás; quando a foice começar na seara, entrarás a contar as sete semanas.
10 wenze umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho ngokomlinganiso wombingelelo wokuqhutywa yintliziyo wesandla sakho, uwunike njengokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho;"
10 E celebrarás a Festa das Semanas ao Senhor , teu Deus, com ofertas voluntárias da tua mão, segundo o Senhor , teu Deus, te houver abençoado.
11 uvuye phambi koYehova uThixo wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi ose. masangweni akho, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi ophakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova, uThixo wakho."
11 Alegrar-te-ás perante o Senhor , teu Deus, tu, e o teu filho, e a tua filha, e o teu servo, e a tua serva, e o levita que está dentro da tua cidade, e o estrangeiro, e o órfão, e a viúva que estão no meio de ti, no lugar que o Senhor , teu Deus, escolher para ali fazer habitar o seu nome.
12 Uze ukhumbule ukuba ube ulikhoboka eYiputa, uyigcine uyenze le mimiselo."
12 Lembrar-te-ás de que foste servo no Egito, e guardarás estes estatutos, e os cumprirás.
13 Uze uzenzele umthendeleko weminquba imihla esixhenxe, wakukhova ukubutha okusesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho;"
13 A Festa dos Tabernáculos, celebrá-la-ás por sete dias, quando houveres recolhido da tua eira e do teu lagar.
14 uvuye emthendelekweni wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho."
14 Alegrar-te-ás, na tua festa, tu, e o teu filho, e a tua filha, e o teu servo, e a tua serva, e o levita, e o estrangeiro, e o órfão, e a viúva que estão dentro das tuas cidades.
15 Imihla yoba sixhenxe usenza umthendeleko kuYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikela elungeniselweni lwakho lonke, nasemisebenzini yonke yezandla zakho, ube nokuvuya kuphele."
15 Sete dias celebrarás a festa ao Senhor , teu Deus, no lugar que o Senhor escolher, porque o Senhor , teu Deus, há de abençoar-te em toda a tua colheita e em toda obra das tuas mãos, pelo que de todo te alegrarás.
16 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula; ngomthendeleko wezonka ezingenagwele, nangomthendeleko weeveki, nangomthendeleko weminquba. Makangabonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova;"
16 Três vezes no ano, todo varão entre ti aparecerá perante o Senhor , teu Deus, no lugar que escolher, na Festa dos Pães Asmos, e na Festa das Semanas, e na Festa dos Tabernáculos; porém não aparecerá de mãos vazias perante o Senhor ;
17 elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo."
17 cada um oferecerá na proporção em que possa dar, segundo a bênção que o Senhor , seu Deus, lhe houver concedido.
18 Wozimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo."
18 Juízes e oficiais constituirás em todas as tuas cidades que o Senhor , teu Deus, te der entre as tuas tribos, para que julguem o povo com reto juízo.
19 Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa."
19 Não torcerás a justiça, não farás acepção de pessoas, nem tomarás suborno; porquanto o suborno cega os olhos dos sábios e subverte a causa dos justos.
20 Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho."
20 A justiça seguirás, somente a justiça, para que vivas e possuas em herança a terra que te dá o Senhor , teu Deus.
21 Uze ungazigxumekeli Ashera wemithi, nokuba yiyiphi, ecaleni lesibingelelo sikaYehova uThixo wakho, ozenzela sona;"
21 Não estabelecerás poste-ídolo, plantando qualquer árvore junto ao altar do Senhor , teu Deus, que fizeres para ti.
22 ungazimiseli simiso selitye, into ayithiyileyo uYehova uThixo wakho."
22 Nem levantarás coluna, a qual o Senhor , teu Deus, odeia.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Deuteronômio 16, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.