Deuteronômio 15
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA
1 Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, uze wenze uyekelelo."
1 Ao fim de cada sete anos, farás remissão.
2 Nali ke isiko loyekelelo: Bonke ababoleki ababoleke ngesandla sabo, mabayiyekelele into abayiboleke ummelwane wabo, bangammemi ummelwane wabo ongumzalwana wabo; ngokuba kumenyezwe uyekelelo lukaYehova."
2 Este, pois, é o modo da remissão: todo credor que emprestou ao seu próximo alguma coisa remitirá o que havia emprestado; não o exigirá do seu próximo ou do seu irmão, pois a remissão do Senhor é proclamada.
3 Ungammema owolunye uhlanga; ke into eyiyeyakho ekumzalwana wakho soyiyekelela isandla sakho."
3 Do estranho podes exigi-lo, mas o que tiveres em poder de teu irmão, quitá-lo-ás;
4 Kodwa ke ze kungabikho hlwempu kuwe; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulime;"
4 para que entre ti não haja pobre; pois o Senhor , teu Deus, te abençoará abundantemente na terra que te dá por herança, para a possuíres,
5 ukuba uthe kodwa waliphulaphula ngenyameko izwi likaYehova uThixo wakho, wagcina ukuwenza wonke lo mthetho ndikuwiselayo namhla."
5 se apenas ouvires, atentamente, a voz do Senhor , teu Deus, para cuidares em cumprir todos estes mandamentos que hoje te ordeno.
6 Ngokuba uYehova uThixo wakho ukusikelele, njengoko wathethayo kuwe; woboleka iintlanga ezininzi ngezibambiso, ke wena akuyi kuboleka kuzo ngazibambiso. Wolawula iintlanga ezininzi, ke zona aziyi kukulawula."
6 Pois o Senhor , teu Deus, te abençoará, como te tem dito; assim, emprestarás a muitas nações, mas não tomarás empréstimos; e dominarás muitas nações, porém elas não te dominarão.
7 Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova, uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho, usivale isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu."
7 Quando entre ti houver algum pobre de teus irmãos, em alguma das tuas cidades, na tua terra que o Senhor , teu Deus, te dá, não endurecerás o teu coração, nem fecharás as mãos a teu irmão pobre;
8 Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako."
8 antes, lhe abrirás de todo a mão e lhe emprestarás o que lhe falta, quanto baste para a sua necessidade.
9 Uze uzigcine kungabikho butshijolo entliziyweni yakho, uthi, Usondele umnyaka wesixhenxe, umnyaka woyekelelo; libe libi iliso lakho ngakumzalwana wakho olihlwempu, ungamniki nto; aze akhale ngawe kuYehova, ube nesono."
9 Guarda-te não haja pensamento vil no teu coração, nem digas: Está próximo o sétimo ano, o ano da remissão, de sorte que os teus olhos sejam malignos para com teu irmão pobre, e não lhe dês nada, e ele clame contra ti ao Senhor , e haja em ti pecado.
10 Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho; ngokuba ngenxa yale ndawo wokusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo."
10 Livremente, lhe darás, e não seja maligno o teu coração, quando lho deres; pois, por isso, te abençoará o Senhor , teu Deus, em toda a tua obra e em tudo o que empreenderes.
11 Kuba alisayi kuza lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe elo; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho olusizana, olihlwempu lakho ezweni lakho."
11 Pois nunca deixará de haver pobres na terra; por isso, eu te ordeno: livremente, abrirás a mão para o teu irmão, para o necessitado, para o pobre na tua terra.
12 Xa athe wazithengisa kuwe umzalwana wakho, umHebhere nokuba ngumHebherekazi, wakukhonza iminyaka emithandathu, womndulula ngomnyaka wesixhenxe ekhululekile kuwe."
12 Quando um de teus irmãos, hebreu ou hebreia, te for vendido, seis anos servir-te-á, mas, no sétimo, o despedirás forro.
13 Xa uthe wamndulula ekhululekile kuwe, uze ungamndululi elambatha."
13 E, quando de ti o despedires forro, não o deixarás ir vazio.
14 Wompha umphe empahleni yakho emfutshane, nasesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho; umnike into akusikelele ngayo uYehova uThixo wakho;"
14 Liberalmente, lhe fornecerás do teu rebanho, da tua eira e do teu lagar; daquilo com que o Senhor , teu Deus, te houver abençoado, lhe darás.
15 ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhulula uYehova uThixo wakho; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ngale nto namhla."
15 Lembrar-te-ás de que foste servo na terra do Egito e de que o Senhor , teu Deus, te remiu; pelo que, hoje, isso te ordeno.
16 Kothi, xa athe kuwe, Andimki kuwe; ngokuba ekuthanda wena nendlu yakho, ngokuba kulungile kuye ekuwe nje:"
16 Se, porém, ele te disser: Não sairei de ti; porquanto te ama, a ti e a tua casa, por estar bem contigo,
17 uthabathe ke inyatyhowa, umhlabe ngayo endlebeni iye kuma elucangweni, abe sisicaka kuwe ngonaphakade. Nakwisicakakazi sakho uze wenjenjalo."
17 então, tomarás uma sovela e lhe furarás a orelha, na porta, e será para sempre teu servo; e também assim farás à tua serva.
18 Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonze iminyaka emithandathu nje: wokusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo."
18 Não pareça aos teus olhos duro o despedi-lo forro; pois seis anos te serviu por metade do salário do jornaleiro; assim, o Senhor , teu Deus, te abençoará em tudo o que fizeres.
19 Onke amazibulo athe azalwa ziinkomo zakho nayimpahla yakho emfutshane angamaduna, wowangcwalisa kuYehova uThixo wakho. Uze ungawasebenzisi amazibulo eenkomo zakho, ungawachebi amazibulo empahla yakho emfutshane."
19 Todo primogênito que nascer do teu gado ou de tuas ovelhas, o macho consagrarás ao Senhor , teu Deus; com o primogênito do teu gado não trabalharás, nem tosquiarás o primogênito das tuas ovelhas.
20 Wowadlela phambi koYehova uThixo wakho iminyaka ngeminyaka, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova, wena nendlu yakho."
20 Comê-lo-ás perante o Senhor , tu e a tua casa, de ano em ano, no lugar que o Senhor escolher.
21 Xa athe aba nesiphako, aziziqhwala, aziimfama, onke anesiphako esibi, uze ungawabingeleli kuYehova uThixo wakho."
21 Porém, havendo nele algum defeito, se for coxo, ou cego, ou tiver outro defeito grave, não o sacrificarás ao Senhor , teu Deus.
22 Wowadlela emasangweni akho; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla into enjengebhadi nenjengexhama."
22 Na tua cidade, o comerás; o imundo e o limpo o comerão juntamente, como a carne do corço ou do veado.
23 Ligazi lawo lodwa eningayi kulidla; woliphalazela emhlabeni njengamanzi."
23 Somente o seu sangue não comerás; sobre a terra o derramarás como água.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Deuteronômio 15, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.