Deuteronômio 12

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF

Sair da comparação
ACF Almeida Corrigida Fiel
1 Yiyo le imimiselo namasiko, enowagcina ukuba niwenze ezweni elo, akunika lona uYehova uThixo wooyihlo, ukuba ulime yonke imihla enidla ngayo ubomi emhlabeni."
1 Estes são os estatutos e os juízos que tereis cuidado em cumprir na terra que vos deu o SENHOR Deus de vossos pais, para a possuir todos os dias que viverdes sobre a terra.
2 Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;"
2 Totalmente destruireis todos os lugares, onde as nações que possuireis serviram os seus deuses, sobre as altas montanhas, e sobre os outeiros, e debaixo de toda a árvore frondosa;
3 nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze izimiso zazo zamatye, nibatshise ngomlilo ooAshera bazo, niyixakaxe imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo, nilicime igama lazo kule ndawo."
3 E derrubareis os seus altares, e quebrareis as suas estátuas, e os seus bosques queimareis a fogo, e destruireis as imagens esculpidas dos seus deuses, e apagareis o seu nome daquele lugar.
4 Ize ke ningenjenjalo kuYehova uThixo wenu."
4 Assim não fareis ao Senhor vosso Deus;
5 Endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizweni zenu zonke, ukuba alimise khona igama lakhe, ukuba ahlale khona, ize niquqele khona, niye khona."
5 Mas o lugar que o Senhor vosso Deus escolher de todas as vossas tribos, para ali pôr o seu nome, buscareis, para sua habitação, e ali vireis.
6 Nowasa khona amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu, nemibinge yenu emfutshane;"
6 E ali trareis os vossos holocaustos, e os vossos sacrifícios, e os vossos dízimos, e a oferta alçada da vossa mão, e os vossos votos, e as vossas ofertas voluntárias, e os primogênitos das vossas vacas e das vossas ovelhas.
7 nidle khona phambi koYehova uThixo wenu, nivuye entweni yonke enisa isandla senu kuyo, nina nezindlu zenu, akusikeleleyo kuyo uYehova uThixo wakho."
7 E ali comereis perante o Senhor vosso Deus, e vos alegrareis em tudo em que puserdes a vossa mão, vós e as vossas casas, no que abençoar o Senhor vosso Deus.
8 Ize ningenzi ngokwezinto zonke esizenzayo apha namhla, elowo esenza okuthe tye emehlweni akhe;"
8 Não fareis conforme a tudo o que hoje fazemos aqui, cada qual tudo o que bem parece aos seus olhos.
9 kuba okwangoku anikangeni ekuphumleni oko, naselifeni elo, aninikayo uYehova uThixo wenu."
9 Porque até agora não entrastes no descanso e na herança que vos dá o Senhor vosso Deus.
10 Ke noyiwela iYordan, nihlale ezweni elo, uYehova uThixo wenu aya kunidlisa ilifa kulo, aniphumze ezintshabeni zenu zonke ngeenxa zonke, nihlale nikholosile."
10 Mas passareis o Jordão, e habitareis na terra que vos fará herdar o Senhor vosso Deus; e vos dará repouso de todos os vossos inimigos em redor, e morareis seguros.
11 Kothi ke kubekho indawo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu, alihlalise khona igama lakhe, nizizise khona izinto zonke endiniwisela umthetho ngazo; amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu zonke ezinyuliweyo, enibhambathisa ngazo kuYehova;"
11 Então haverá um lugar que escolherá o Senhor vosso Deus para ali fazer habitar o seu nome; ali trareis tudo o que vos ordeno; os vossos holocaustos, e os vossos sacrifícios, e os vossos dízimos, e a oferta alçada da vossa mão, e toda a escolha dos vossos votos que fizerdes ao Senhor.
12 nivuye phambi koYehova uThixo wenu, nina noonyana benu, neentombi zenu, nezicaka zenu, nezicakakazi zenu, nomLevi osemasangweni enu, ngokuba akanasabelo nalifa nani."
12 E vos alegrareis perante o Senhor vosso Deus, vós, e vossos filhos, e vossas filhas, e os vossos servos, e as vossas servas, e o levita que está dentro das vossas portas; pois convosco não tem parte nem herança.
13 Zigcine, amadini akho anyukayo ungawanyusi ezindaweni zonke ozibonayo."
13 Guarda-te, que não ofereças os teus holocaustos em todo o lugar que vires;
14 Ke endaweni leyo aya kuyinyula uYehova, kwesinye sezizwe sakowenu, wowanyusa khona amadini akho anyukayo, ukwenze khona konke endikuwisela umthetho ngako."
14 Mas no lugar que o Senhor escolher numa das tuas tribos ali oferecerás os teus holocaustos, e ali farás tudo o que te ordeno.
15 Noko ke, ngokunqwena konke komphefumlo wakho, ungaxhela uyidle inyama, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo, emasangweni akho onke; oyinqambi nohlambulukileyo bangayidla into enjengebhadi nenjengexhama."
15 Porém, conforme a todo o desejo da tua alma, matarás e comerás carne, dentro das tuas portas, segundo a bênção do Senhor teu Deus, que te dá em todas as tuas portas; o imundo e o limpo dela comerá, como do corço e do veado;
16 Ligazi lodwa eningasayi kulidla woliphalazela emhlabeni njengamanzi."
16 Tão-somente o sangue não comereis; sobre a terra o derramareis como água.
17 Akunakusidlela emasangweni akho isishumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho nawempahla yakho emfutshane, nezibhambathiso zakho zonke obhambathisa ngazo, nemibingelelo yakho yokuqhutywa yintliziyo, nomrhumo wesandla sakho."
17 Dentro das tuas portas não poderás comer o dízimo do teu grão, nem do teu mosto, nem do teu azeite, nem os primogênitos das tuas vacas, nem das tuas ovelhas; nem nenhum dos teus votos, que houveres prometido, nem as tuas ofertas voluntárias, nem a oferta alçada da tua mão.
18 Zona uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho, endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, wena ke, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho; uvuye phambi koYehova uThixo wakho ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo."
18 Mas os comerás perante o Senhor teu Deus, no lugar que escolher o Senhor teu Deus, tu, e teu filho, e a tua filha, e o teu servo, e a tua serva, e o levita que está dentro das tuas portas; e perante o Senhor teu Deus te alegrarás em tudo em que puseres a tua mão.
19 Zigcine, ungamlibali umLevi, yonke imihla yokuphila kwakho emhlabeni wakho."
19 Guarda-te, que não desampares ao levita todos os teus dias na terra.
20 Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungayidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho."
20 Quando o Senhor teu Deus dilatar os teus termos, como te disse, e disseres: Comerei carne; porquanto a tua alma tem desejo de comer carne; conforme a todo o desejo da tua alma, comerás carne.
21 Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho."
21 Se estiver longe de ti o lugar que o Senhor teu Deus escolher, para ali pôr o seu nome, então matarás das tuas vacas e das tuas ovelhas, que o Senhor te tiver dado, como te tenho ordenado; e comerás dentro das tuas portas, conforme a todo o desejo da tua alma.
22 Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, uya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla."
22 Porém, como se come o corço e o veado, assim comerás; o imundo e o limpo também comerão deles.
23 Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama."
23 Somente esforça-te para que não comas o sangue; pois o sangue é vida; pelo que não comerás a vida com a carne;
24 Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi."
24 Não o comerás; na terra o derramarás como água.
25 Uze ungalidli; ukuze kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova."
25 Não o comerás; para que bem te suceda a ti, e a teus filhos, depois de ti, quando fizeres o que for reto aos olhos do Senhor.
26 Zizinto zakho ezingcwele zodwa ezilunge kuwe, nezibhambathiso zakho, owozithabatha uzise endaweni leyo aya kuyinyula uYehova;"
26 Porém, as coisas santas que tiveres, e os teus votos tomarás, e virás ao lugar que o Senhor escolher.
27 wenze amadini akho anyukayo, inyama negazi, esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho; igazi lemibingelelo yakho uligalele esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho, uyidle inyama yona."
27 E oferecerás os teus holocaustos, a carne e o sangue sobre o altar do Senhor teu Deus; e o sangue dos teus sacrifícios se derramará sobre o altar do Senhor teu Deus; porém a carne comerás.
28 Gcina uwaphulaphule la mazwi onke, ndikuwisela umthetho ngawo, ukuze kulunge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho, kude kuse ephakadeni, xa uthe wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho."
28 Guarda e ouve todas estas palavras que te ordeno, para que bem te suceda a ti e a teus filhos depois de ti para sempre, quando fizeres o que for bom e reto aos olhos do Senhor teu Deus.
29 Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:"
29 Quando o Senhor teu Deus desarraigar de diante de ti as nações, aonde vais a possuí-las, e as possuíres e habitares na sua terra,
30 zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam."
30 Guarda-te, que não te enlaces seguindo-as, depois que forem destruídas diante de ti; e que não perguntes acerca dos seus deuses, dizendo: Assim como serviram estas nações os seus deuses, do mesmo modo também farei eu.
31 Uze ungenjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo; ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshise emlilweni koothixo bazo."
31 Assim não farás ao Senhor teu Deus; porque tudo o que é abominável ao Senhor, e que ele odeia, fizeram eles a seus deuses; pois até seus filhos e suas filhas queimaram no fogo aos seus deuses.
32 Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungongezi kuyo unganciphisi nto."
32 Tudo o que eu te ordeno, observarás para fazer; nada lhe acrescentarás nem diminuirás.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Deuteronômio 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.