Daniel 6
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 Kwakholeka kuDariyo ukumisa phezu kobukumkani iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zibe sebukumkanini bonke."
1 Dario achou por bem nomear cento e vinte sátrapas para governarem todo o reino;
2 Wamisa phezu kwazo ezo abongameli babathathu, omnye kubo inguDaniyeli, ukuze iirhuluneli zinike ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nankxwaleko."
2 e colocou três supervisores sobre eles, um dos quais era Daniel. Os sátrapas tinham que prestar contas a eles para que o rei não sofresse nenhuma perda.
3 Waza lo Daniyeli wabongamela abongameli nabaziirhuluneli, ngokokuba egqithisele kubongameli ngomoya omhle; ukumkani wacinga ngokummisa phezu kobukumkani bonke."
3 Ora, Daniel se destacou tanto entre os supervisores e os sátrapas por suas grandes qualidades, que o rei planejava colocá-lo à frente do governo de todo o império.
4 Baza abongameli nabaziirhuluneli bafuna, ukuba bafumane ithuba ngakuDaniyeli mayela nobukumkani. Ke ababanga nako ukufumana nalinye ithuba, nantlondi imbi, ngenxa enokuba ebethembekile; bekungafumaneki nanye imposiso nantlondi imbi kuye."
4 Diante disso, os supervisores e os sátrapas procuraram motivos para acusar Daniel em sua administração governamental, mas nada conseguiram. Não puderam achar falta alguma nele, pois ele era fiel; não era desonesto nem negligente.
5 Aza loo madoda athi, Asiyi kufumana nalinye ithuba ngakulo Daniyeli, ngaphandle kokuba silifumane kuye mayela nomthetho woThixo wakhe."
5 Finalmente esses homens disseram: "Jamais encontraremos algum motivo para acusar esse Daniel, a menos que seja algo relacionado com a lei do Deus dele".
6 Baza abo bangabongameli nabaziirhuluneli beza kukumkani bedlongozela, batsho kuye ukuthi, Kumkani Dariyo, phila ngonaphakade!"
6 E assim os supervisores e os sátrapas de comum acordo foram falar com o rei: "Ó rei Dario, vive para sempre!
7 Bonke abongameli bobukumkani, nabathetheli bomkhosi, neerhuluneli, namaphakathi, namabamba, bavumelene ngecebo lokuba ukumkani amise ummiselo, aqinise isalelo sokuthi: Bonke abathandaza umthandazo nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama."
7 Todos os supervisores reais, os prefeitos, os sátrapas, os conselheiros e os governadores concordaram em que o rei deve emitir um decreto ordenando que todo aquele que orar a qualquer deus ou a qualquer homem nos próximos trinta dias, exceto a ti, ó rei, seja atirado na cova dos leões.
8 Kaloku ke, kumkani, siqinise isalelo, uwubhale umbhalo, ongenakuguqulwa wona, ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiwa bani."
8 Agora, ó rei, emite o decreto e assina-o para que não seja alterado, conforme a lei dos medos e dos persas, que não pode ser revogada".
9 Ngenxa yoko ukumkani uDariyo wawubhala umbhalo lowo, isalelo eso."
9 E o rei Dario assinou o decreto.
10 Ke kaloku uDaniyeli, akwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade."
10 Quando Daniel soube que o decreto tinha sido publicado, foi para casa, para o seu quarto, no andar de cima, onde as janelas davam para Jerusalém. Três vezes por dia ele se ajoelhava e orava, agradecendo ao seu Deus, como costumava fazer.
11 Aza adlongoza la madoda, amfumana uDaniyeli ethandaza, etarhuzisa phambi koThixo wakhe."
11 Então aqueles homens foram ver e encontraram Daniel orando, pedindo ajuda a Deus.
12 Ezo asondela, athetha phambi kokumkani ngesalelo sokumkani, athi, Akusibhalanga na isalelo sokuthi: Bonke abathandaza nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama? Waphendula ukumkani wathi, Loo nto iqinisekile ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiswa bani wona."
12 Assim foram falar com o rei acerca do decreto real: "Tu não publicaste um decreto ordenando que nos próximos trinta dias todo aquele que fizesse algum pedido a qualquer deus ou a qualquer homem, exceto a ti, ó rei, seria lançado na cova dos leões? " O rei respondeu: "O decreto está em vigor, conforme a lei dos medos e dos persas, que não pode ser revogada".
13 Aza aphendula athi phambi kokumkani, UDaniyeli, ongowakoonyana abathinjiweyo bakwaYuda, akakhathali nguwe, kumkani, nasesi salelo usibhalileyo; ke uthandaza umthandazo wakhe kathathu ngemini."
13 Então disseram ao rei: "Daniel, um dos exilados de Judá, não te dá ouvidos, ó rei, nem ao decreto que assinaste. Ele continua orando três vezes por dia".
14 Waza ukumkani, akuweva loo mazwi, weva kakubi kakhulu ngayo loo nto. Wamnyamekela uDaniyeli ukuba amsindise, wazama ukuba amhlangule, lada latshona ilanga."
14 Quando o rei ouviu isso, ficou muito contrariado, e como estava decidido a salvar Daniel, até o pôr-do-sol fez todo o esforço que pôde para livrá-lo.
15 Aza la madoda eza edlongozela kukumkani, athi kukumkani, Yazi, kumkani, ukuba amaMedi namaPersi anomthetho wokuba singabi nakuguqulwa sonke isalelo nommiselo, abewumisile ukumkani."
15 Mas os homens lhe disseram: "Lembra-te, ó rei, que, conforme a lei dos medos e dos persas, nenhum decreto ou edito do rei pode ser modificado".
16 Watsho ke ukumkani; bamzisa uDaniyeli, bamjulela emhadini weengonyama. Waphendula ukumkani wathi kuDaniyeli, Wanga uThixo wakho, ombusa ngamaxesha onke, angakusindisa."
16 Então o rei deu ordens, e eles trouxeram Daniel e o jogaram na cova dos leões. O rei, porém, disse a Daniel: "Que o seu Deus, a quem você serve continuamente, o livre! "
17 Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungaguqulwa nto mayela noDaniyeli."
17 Taparam a cova com uma pedra, e o rei a selou com o seu próprio anel-selo e com os anéis dos seus nobres, para que a situação de Daniel não se modificasse.
18 Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; akwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe, waphelelwa bubuthongo."
18 Tendo voltado ao palácio, o rei passou a noite sem comer e não aceitou nenhum divertimento em sua presença. Além disso, não conseguiu dormir.
19 Waza ukumkani wavuka ngesifingo kwakusasa, waya emhadini weengonyama ngobungxamo."
19 Logo ao alvorecer, o rei se levantou e correu para a cova dos leões.
20 Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, ube nako na ukukusindisa ezingonyameni?"
20 Quando ia se aproximando da cova, chamou Daniel com voz aflita: "Daniel, servo do Deus vivo, será que o seu Deus, a quem você serve continuamente, pôde livrá-lo dos leões? "
21 Waza uDaniyeli wathi kukumkani, Kumkani, phila ngonaphakade!"
21 Daniel respondeu: "Ó rei, vive para sempre!
22 UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneke ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga."
22 O meu Deus enviou o seu anjo, que fechou a boca dos leões. Eles não me fizeram mal algum, pois fui considerado inocente à vista de Deus. Também contra ti não cometi mal algum, ó rei".
23 Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye isenzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe."
23 O rei muito se alegrou e ordenou que tirassem Daniel da cova. Quando o tiraram da cova, viram que não havia nele nenhum ferimento, pois ele tinha confiado no seu Deus.
24 Ukumkani wayalela, aziswa loo madoda ebemncethezile uDaniyeli, bawajulela emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza, bengekafiki nokufika emzantsini womhadi, iingonyama zabagonyamela, zawacola onke amathambo abo."
24 E por ordem do rei, os homens que tinham acusado Daniel foram atirados na cova dos leões, juntamente com as suas mulheres e os seus filhos. E, antes de chegarem ao fundo, os leões os atacaram e despedaçaram todos os seus ossos.
25 Waza uDariyo ukumkani wabhalela kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ebezihleli ehlabathini lonke, wathi: Uxolo lwenu malube lukhulu!"
25 Então o rei Dario escreveu aos homens de todas as nações, povos e línguas de toda a terra: "Paz e prosperidade!
26 Ndiwisa umthetho wokuba bathi, ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, badidizele bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade; ubukumkani bakhe abonakaliswa, negunya lakhe liya kuda liye ekupheleni;"
26 "Estou editando um decreto para que nos domínios do império os homens temam e reverenciem o Deus de Daniel. "Pois ele é o Deus vivo e permanece para sempre; o seu reino não será destruído, o seu domínio jamais acabará.
27 esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama."
27 Ele livra e salva; faz sinais e maravilhas nos céus e na terra. Ele livrou Daniel do poder dos leões".
28 Lo Daniyeli waba nempumelelo ebukumkanini bukaDariyo, nasebukumkanini bukaKoreshi umPersi."
28 Assim Daniel prosperou durante os reinados de Dario e de Ciro, o persa.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Daniel 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.