Daniel 3
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 UNebhukadenetsare ukumkani wenza umfanekiso wegolide. Ukuphakama kwawo bekuziikubhite ezimashumi mathandathu, ububanzi bawo bebuziikubhite ezintandathu; wawumisa ethafeni laseDura, ezweni laseBhabheli."
1 O rei Nabucodonosor fez uma imagem de ouro de vinte e sete metros de altura e dois metros e setenta centímetros de largura, e a ergueu na planície de Dura, na província da Babilônia.
2 UNebhukadenetsare wathumela ukuba kuhlanganiswe iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze beze ekusungulweni komfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani."
2 Depois convocou os sátrapas, os prefeitos, os governadores, os conselheiros, os tesoureiros, os juízes, os magistrados e todas as autoridades provinciais para assistirem à dedicação da imagem que mandara erguer.
3 Zaza zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze usungulwe umfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani; bema ke phambi komfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani."
3 Assim todos eles, sátrapas, prefeitos, governadores, conselheiros, tesoureiros, juízes, magistrados e todas as autoridades provinciais se reuniram para a dedicação da imagem que o rei Nabucodonosor mandara erguer, e ficaram de pé diante dela.
4 Ummemezi wadanduluka ngamandla, wathi, Kuthiwa kuni, zintlanga, zizwe, zilwimi:"
4 Então o arauto proclamou em alta voz: "Esta é a ordem que lhes é dada, ó homens de todas nações, povos e línguas:
5 Ngexesha enithe neva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, yiwani phantsi, niqubude kumfanekiso wegolide awumiseleyo uNebhukadenetsare ukumkani."
5 Quando ouvirem o som da trombeta, do pífaro, da cítara, da harpa, do saltério, da flauta dupla e de toda espécie de música, prostrem-se em terra e adorem a imagem de ouro que o rei Nabucodonosor ergueu.
6 Ongathanga awe phantsi, aqubude, uya kujulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo."
6 Quem não se prostrar em terra e não adorá-la será imediatamente atirado numa fornalha em chamas".
7 Ngenxa yoko, ngelo xesha, xa zalivayo iintlanga zonke ilizwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, zawa phantsi zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zaqubuda kumfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani."
7 Por isso, logo que ouviram o som da trombeta, do pífaro, da cítara, da harpa, do saltério e de toda espécie de música, os homens de todas nações, povos e línguas prostraram-se em terra e adoraram a imagem de ouro que o rei Nabucodonosor mandara erguer.
8 Ngenxa yoko, ngelo xesha kwasondela amadoda angamaKaledi, awancetheza amaYuda."
8 Nesse momento alguns astrólogos se aproximaram e denunciaram os judeus,
9 Athetha athi kukumkani uNebhukadenetsare, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade!"
9 dizendo ao rei Nabucodonosor: "Ó rei, vive para sempre!
10 Wena kumkani, uwise umthetho wokuthi, bonke abantu abathe baliva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, mabawe phantsi baqubude kumfanekiso wegolide."
10 Tu emitiste um decreto, ó rei, ordenando que todo o que ouvisse o som da trombeta, do pífaro, da cítara, da harpa, do saltério, da flauta dupla e de toda espécie de música se prostrasse em terra e adorasse a imagem de ouro,
11 Ongathanga awe phantsi, aqubude, makajulelwe ezikweni elivutha umlilo."
11 e que todo o que não se prostrasse em terra e não a adorasse seria atirado numa fornalha em chamas.
12 Kukho amadoda angamaYuda, owamise enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli, uShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; la madoda akakhathali nguwe, kumkani; akababusi oothixo bakho, akaqubudi kumfanekiso wegolide owumisileyo."
12 Mas há alguns judeus que nomeaste para administrar a província da Babilônia, Sadraque, Mesaque e Abede-Nego, que não te dão ouvidos, ó rei. Não prestam culto aos teus deuses nem adoram a imagem de ouro que mandaste erguer".
13 Waza wathi uNebhukadenetsare, equmbile, eshushu, mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani."
13 Furioso, Nabucodonosor mandou chamar Sadraque, Mesaque e Abede-Nego. E assim que eles foram conduzidos à presença do rei,
14 Waphendula uNebhukadenetsare, wathi kubo, Nenza ngabomi na, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, ukuthi ningambusi uthixo wam, ningaqubudi kumfanekiso wegolide endiwumisileyo?"
14 Nabucodonosor lhes disse: "É verdade, Sadraque, Mesaque e Abede-Nego, que vocês não prestam culto aos meus deuses nem adoram a imagem de ouro que mandei erguer?
15 Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?"
15 Agora, porém, quando vocês ouvirem o som da trombeta, do pífaro, da cítara, da harpa, do saltério, da flauta dupla e de toda espécie de música, se vocês se dispuserem a prostrar-se em terra e a adorar a imagem que eu fiz, será melhor para vocês. Mas, se não a adorarem, serão imediatamente atirados numa fornalha em chamas. E que deus poderá livrá-los das minhas mãos? "
16 Baphendula ooShadraki, noMeshaki noAbhede-nego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, akufuneki kuthi ukuba sikuphendule ngale ndawo."
16 Sadraque, Mesaque e Abede-Nego responderam ao rei: "Ó Nabucodonosor, não precisamos defender-nos diante de ti.
17 Ukuba uThixo wethu esimbusayo unako, wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho, kumkani."
17 Se formos atirados na fornalha em chamas, o Deus a quem prestamos culto pode livrar-nos, e ele nos livrará das suas mãos, ó rei.
18 Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa othixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo."
18 Mas, se ele não nos livrar, saiba, ó rei, que não prestaremos culto aos seus deuses nem adoraremos a imagem de ouro que mandaste erguer".
19 Wesuka uNebhukadenetsare wazala bubushushu, nokumila kobuso bakhe baba bubi kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; waphendula wathi, iziko malenziwe libe shushu ngokuphindwe kasixhenxe, kunoko fudula lisenziwa shushu ngako."
19 Nabucodonosor ficou tão furioso com Sadraque, Mesaque e Abede-Nego, que o seu semblante mudou. Deu ordens para que a fornalha fosse aquecida sete vezes mais do que de costume
20 Wathi kumadoda, kumadoda anobukroti empini yakhe, makababophe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, abajulele ezikweni elivutha umlilo."
20 e ordenou que alguns dos soldados mais fortes do seu exército amarrassem Sadraque, Mesaque e Abede-Nego e os atirassem na fornalha em chamas.
21 Aza la madoda abotshwa eneehempe zawo, neengubo zawo zangaphantsi, nezokwaleka, nezinye iingubo zawo, ajulelwa ezikweni elivutha umlilo."
21 E os três homens, vestidos com seus mantos, calções, turbantes e outras roupas, foram amarrados e atirados na fornalha extraordinariamente quente.
22 Kwathi, ngenxa enokuba ilizwi lokumkani belibukhali, neziko belenziwe lashushu ngokuncamisileyo, ngenxa yoko ilangatye lomlilo lawabulala loo madoda abafunqulayo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego."
22 A ordem do rei era tão urgente e a fornalha estava tão quente que as chamas mataram os soldados que levaram Sadraque, Mesaque e Abede-Nego,
23 La madoda omathathu, ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, awa phakathi kweziko elivutha umlilo, ebotshiwe."
23 os quais caíram amarrados dentro da fornalha em chamas.
24 Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingajulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Unyanisile, kumkani."
24 Mas, logo depois o rei Nabucodonosor, alarmado, levantou-se e perguntou aos seus conselheiros: "Não foram três homens amarrados que nós atiramos no fogo? " Eles responderam: "Sim, ó rei".
25 Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amane, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engenzakele; ukubonakala kweyesine ke kufana nonyana woothixo."
25 E o rei exclamou: "Olhem! Estou vendo quatro homens, desamarrados e ilesos, andando pelo fogo, e o quarto se parece com um filho dos deuses".
26 Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni."
26 Então Nabucodonosor aproximou-se da entrada da fornalha em chamas e gritou: "Sadraque, Mesaque e Abede-Nego, servos do Deus Altíssimo, saiam! Venham aqui! " E Sadraque, Mesaque e Abede-Nego saíram do fogo.
27 Zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, namaphakathi okumkani; bawakhangela la madoda, ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni yawo, akurhawukanga nalunwele lwentloko yawo; iihempe zawo azibanga zizimbi, nevumba lomlilo alifikanga kuwo."
27 Os sátrapas, os prefeitos, os governadores e os conselheiros do rei se ajuntaram em torno deles e comprovaram que o fogo não tinha ferido o corpo deles. Nem um só fio do cabelo tinha sido chamuscado, os seus mantos não estavam queimados, e não havia cheiro de fogo neles.
28 Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo."
28 Disse então Nabucodonosor: "Louvado seja o Deus de Sadraque, Mesaque e Abede-Nego, que enviou o seu anjo e livrou os seus servos! Eles confiaram nele, desafiaram a ordem do rei, preferindo abrir mão de suas vidas a que prestar culto e adorar a outro deus, que não fosse o seu próprio Deus.
29 Ndiwisa umthetho wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ezisukuba zithetha into eyimposiso ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, ziya kwenziwa iziqwenga; izindlu zabo zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle; ngenxa enokuba kungekho thixo wumbi, unako ukuhlangula ngolo luhlobo."
29 Por isso eu decreto que todo homem de qualquer povo, nação e língua que disser alguma coisa contra o Deus de Sadraque, Mesaque e Abede-Nego seja despedaçado e sua casa seja transformada em montes de entulho, pois nenhum outro deus é capaz de livrar ninguém dessa maneira".
30 Waza ukumkani wabenza banempumelelo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, ezweni laseBhabheli."
30 Então o rei promoveu Sadraque, Mesaque e Abede-Nego a melhores posições na província da Babilônia.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Daniel 3, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.