Daniel 12

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini."
1 E, naquele tempo, se levantará Miguel, o grande príncipe, que se levanta pelos filhos do teu povo, e haverá um tempo de angústia, qual nunca houve, desde que houve nação até àquele tempo; mas, naquele tempo, livrar-se-á o teu povo, todo aquele que se achar escrito no livro.
2 Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade."
2 E muitos dos que dormem no pó da terra ressuscitarão, uns para a vida eterna e outros para vergonha e desprezo eterno.
3 Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade."
3 Os sábios, pois, resplandecerão como o resplendor do firmamento; e os que a muitos ensinam a justiça refulgirão como as estrelas, sempre e eternamente.
4 Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi."
4 E tu, Daniel, fecha estas palavras e sela este livro, até ao fim do tempo; muitos correrão de uma parte para outra, e a ciência se multiplicará.
5 Mna, Daniyeli, ndabona: nabo abanye ababini bemi, omnye nganeno ngaseludinini lomlambo, omnye ngaphesheya ngaseludinini lomlambo."
5 E eu, Daniel, olhei, e eis que estavam outros dois, um desta banda, à beira do rio, e o outro da outra banda, à beira do rio.
6 Wathi omnye kwindoda leyo yambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, Koda kube nini na, ukuphela kwezi zinto zibalulekileyo?"
6 E ele disse ao homem vestido de linho, que estava sobre as águas do rio: Que tempo haverá até ao fim das maravilhas?
7 Ndeva indoda eyambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, yasiphakamisela ezulwini isandla sayo sokunene nesokhohlo sayo, yafunga ohleli ngonaphakade, isithi, Kuya kusa exesheni, emaxesheni amabini amisiweyo, nasesiqingatheni sexesha; kwakupheliswa ukuhlekezwa kwamandla abantu abangcwele, ziya kupheliswa zonke ezo zinto."
7 E ouvi o homem vestido de linho, que estava sobre as águas do rio, quando levantou a sua mão direita e a sua mão esquerda ao céu e jurou, por aquele que vive eternamente, que depois de um tempo, de tempos e metade de um tempo, e quando tiverem acabado de destruir o poder do povo santo, todas essas coisas serão cumpridas.
8 Mna ke ndeva, andaqonda; ndathi, Nkosi yam, yiyiphi na eyokuphela kwezi zinto?"
8 Eu, pois, ouvi, mas não entendi; por isso, eu disse: Senhor meu, qual será o fim dessas coisas?
9 Yathi, Hamba, Daniyeli, kuba amazwi aya kuvalelwa, atywinwe kude kube lixesha lokuphela."
9 E ele disse: Vai, Daniel, porque estas palavras estão fechadas e seladas até ao tempo do fim.
10 Abaninzi baya kuzenza nyulu, bazenze mhlophe, banyibilikiswe; ke abangendawo baya kwenza okungendawo. Abangendawo bonke abayi kukuqonda oko, kodwa abanengqiqo baya kukuqonda."
10 Muitos serão purificados, e embranquecidos, e provados; mas os ímpios procederão impiamente, e nenhum dos ímpios entenderá, mas os sábios entenderão.
11 Kususela kwelo xesha kwasuswayo inkonzo yamaxesha onke, ukuze zimiswe izinto ezinezothe eziphanzisayo, ziintsuku eziliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci asithoba."
11 E, desde o tempo em que o contínuo sacrifício for tirado e posta a abominação desoladora, haverá mil duzentos e noventa dias.
12 Unoyolo olinde wafika kwiintsuku eziliwaka, elinamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesihlanu."
12 Bem-aventurado o que espera e chega até mil trezentos e trinta e cinco dias.
13 Wena ke, hamba uye ekupheleni. Uya kuphumla, uvuke, uye eqashisweni lakho ekupheleni kwemihla."
13 Tu, porém, vai até ao fim; porque repousarás e estarás na tua sorte, no fim dos dias.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Daniel 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.