Daniel 11

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT

Sair da comparação
NVT Nova Versão Transformadora
1 Nam ke, ngomnyaka wokuqala kaDariyo umMedi, ndema ukuba ndimomeleze ndimhlanganisele."
1 Tenho acompanhado Miguel para apoiá-lo e fortalecê-lo desde o primeiro ano do reinado de Dario, o medo.)
2 Ngoku ke ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kusaza kusuka kume ookumkani abathathu kumaPersi, nowesine uya kutyeba ngobutyebi obukhulu kunabo bonke; athi, xa omeleleyo ngobutyebi bakhe, abaxhokonxe bonke, baye kulwa nobukumkani bakwaYavan."
2 “Agora, portanto, eu lhe revelarei a verdade. Outros três reis persas reinarão e serão sucedidos pelo quarto rei, muito mais rico que os outros. Ele usará sua riqueza para instigar todos a lutarem contra o reino da Grécia.
3 Kosuka kume ukumkani oligorha alawule ngolawulo olukhulu, enze ngokukholeka kuye."
3 “Então surgirá um rei poderoso, que governará com grande autoridade e realizará tudo que desejar fazer.
4 Buya kuthi, xa athe wesuka wema, buqhekezwe ubukumkani bakhe, bahlulelwe emimoyeni yomine yasezulwini, bungabi bobempunde yakhe, bungabi njengolawulo lwakhe abelawula ngalo; kuba buya kunyothulwa ubukumkani bakhe, bube bobabambi, bungabi bobayo."
4 Mas, no auge de seu poder, seu reino será quebrado e dividido em quatro partes. Não será governado pelos descendentes do rei e o reino não terá a mesma autoridade de antes, pois seu império será arrancado fora e entregue a outros.
5 Ke uya komelela ukumkani wasezantsi; omnye kubathetheli bakhe omelele ngaphezu kwakhe, alawule; lube lulawulo olukhulu ulawulo lwakhe."
5 “O rei do sul se tornará poderoso, mas um de seus oficiais se tornará ainda mais poderoso e governará seu reino com grande força.
6 Bodibana ekupheleni kweminyaka; ithi intombi yokumkani wasezantsi ingene kukumkani wasentla, ukuba balungisane. Ke iya kuwa ingalo yayo; angemi yena, nengalo yakhe iwe; inikelwe yona, nababeyingenisile, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha."
6 “Alguns anos depois, será formada uma aliança entre o rei do norte e o rei do sul. A filha do rei do sul se casará com o rei do norte para garantir a aliança, mas tanto ela como seu pai perderão a influência sobre ele. Ela será abandonada, junto com aqueles que a apoiam.
7 Kophuma ke ehlumelweni leengcambu zayo omnye osendaweni yakhe; aye empini, aye ezinqabeni zokumkani wasentla, azenze ngendawo, eyise."
7 Mas, quando um de seus parentes se tornar o rei do sul, ele reunirá um exército, entrará na fortaleza do rei do norte e o derrotará.
8 Wothimba, azise eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo, isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla."
8 Quando ele voltar ao Egito, levará os ídolos deles, e também objetos valiosos de ouro e prata. Por alguns anos, deixará o rei do norte em paz.
9 Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe."
9 “Mais tarde, o rei do norte invadirá o reino do sul, mas logo voltará para sua terra.
10 Oonyana bakhe baya kuxhoba, bahlanganise imfidi yeempi ezininzi, ize nokuza, ikhukule, idlule, ibuye; balwe, bade base enqabeni yakhe."
10 Os filhos do rei do norte, porém, reunirão um exército poderoso que avançará como uma inundação e levará a batalha até a fortaleza do inimigo.
11 Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe."
11 “Enfurecido, o rei do sul sairá para lutar contra o grande exército reunido pelo rei do norte e o derrotará.
12 Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawaka-waka angamashumi; ke angeyisi noko."
12 Depois que o exército inimigo for vencido, o rei do sul se tornará orgulhoso e executará muitos milhares de inimigos; sua vitória, porém, não durará muito tempo.
13 Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi."
13 “Alguns anos depois, o rei do norte voltará com um exército bem equipado, muito maior que antes.
14 Ngaloo maxesha kuya kusukela phezulu abaninzi ngakukumkani wasezantsi; baziphakamise oonyana abangamanyangaza abantu bakowenu, ukuba bawumise umbono; bakhubeke."
14 Nessa ocasião, haverá uma rebelião geral contra o rei do sul. Homens violentos de seu povo, Daniel, se juntarão a eles em cumprimento desta visão, mas serão derrotados.
15 Wofika ukumkani wasentla, afumbe udonga lokungqinga, ayithimbe imizi enqatyisiweyo; iingalo zasezantsi zingamisi, nabantu bakhe abahleliweyo bangabi namandla okuma."
15 Então o rei do norte virá e cercará uma cidade fortificada e a conquistará. Nem as melhores tropas do sul conseguirão resistir a esse ataque.
16 Ofikayo khona uya kwenza ngokuthanda kwakhe, kungabikho umisayo phambi kwakhe, amise yena ezweni eliligugu, atshabalalise ngesandla sakhe."
16 “O rei do norte continuará a avançar sem oposição; ninguém será capaz de resistir-lhe. Ele se deterá na terra gloriosa, decidido a destruí-la.
17 Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye."
17 Fará planos de vir com a força de todo o seu reino e formará uma aliança com o rei do sul. Dará sua filha em casamento a fim de derrubar o reino, mas seu plano falhará.
18 Uya kujika, abhekise eziqithini, azithimbe ezininzi, aphelise abaphathi, kuthi cwaka ukungcikiva kwabo kubo; ke ukungcikiva kwakhe baya kukubuyisela kuye."
18 “Depois disso, voltará sua atenção para o litoral e conquistará muitas cidades. No entanto, um comandante de outra terra acabará com sua insolência e o fará retirar-se, envergonhado.
19 Wojika, abhekise ezinqabeni zelizwe lakhe, akhubeke, awe, angafunyanwa."
19 Ele se refugiará em sua própria fortaleza, mas tropeçará e nunca mais será visto.
20 Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe, kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe."
20 “Seu sucessor enviará um cobrador de impostos para manter o esplendor real. Depois de um breve reinado, porém, ele morrerá, mas não como resultado de ira nem na batalha.
21 Endaweni yakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kunikwa ndili yabukumkani; eze ngokwalama, abuhlasele ubukumkani ngokunyhwalaza."
21 “O próximo a subir ao poder será um homem desprezível, que não faz parte da linhagem real. Ele se infiltrará quando menos se espera e assumirá o controle do reino por meio de intrigas.
22 Iingalo ezikhukulayo ziya kukhukuliswa, zimke ebusweni bakhe, zaphulwe, kwanenganga yomnqophiso."
22 Diante dele, grandes exércitos serão arrasados, incluindo um príncipe da aliança.
23 Wothi, kuseloko akukhova ukuthelela kuzo, enze ngenkohliso, anyuke, azuze namandla ngohlanga olungephi."
23 Com promessas enganosas, fará várias alianças. Apesar de ter apenas um punhado de seguidores, ele se tornará forte.
24 Uya kungena ngokwalama nasezindaweni ezityebileyo zelizwe, enze abangakwenzanga ooyise, nooyise booyise. Uya kukwenza amachithi phakathi kwabo okuphangiweyo, namaxhoba, neempahla zazo, acinge iingcinga zakhe ngeenqaba okwexeshana."
24 Sem aviso, entrará nas regiões mais ricas da terra e distribuirá entre seus seguidores o despojo e os bens dos ricos, coisa que seus antecessores nunca fizeram. Fará planos para conquistar fortalezas, mas isso durará pouco tempo.
25 Woxhokonxela amandla akhe nentliziyo yakhe kukumkani wasezantsi, enempi enkulu. Ukumkani wasezantsi uya kuxhobela imfazwe, enempi enkulu, encamise ngamandla; ke akayi kuma, kuba baya kwenza iyelenqe ngaye."
25 “Então juntará coragem e reunirá um grande exército contra o rei do sul. Este sairá para a batalha, mas de nada adiantará, pois haverá conspirações contra ele.
26 Abadla umamkeliso wakhe bomaphula, ikhukule impi yakhe, bawe ababuleweyo babe baninzi."
26 Sua derrota será causada por gente de sua própria confiança. Seu exército será arrasado, e muitos serão mortos.
27 Ookumkani abo babini, iintliziyo zabo ziya kutsalela ekwenzeni ububi, bathethe amanga sithebeni sinye. Akuyi kuba nampumelelo, kuba isiphelo sisaya exesheni elimisiweyo."
27 Decididos a fazer o mal, esses reis tentarão enganar um ao outro enquanto estiverem à mesa de negociações; mas isso não fará diferença alguma, pois o fim chegará no tempo determinado.
28 Wobuyela ke ezweni lakhe enempahla eninzi, intliziyo yakhe iwuchase umnqophiso ongcwele, afeze, abuyele ke ezweni lakhe."
28 “O rei do norte voltará para casa com muitas riquezas. No caminho, ele se colocará contra o povo da santa aliança e fará grandes estragos antes de seguir viagem.
29 Ngexesha elimisiweyo uya kubuya aye ngasezantsi; ekupheleni kungabi njengoko bekunjalo ekuqaleni."
29 “Então, no tempo determinado, ele voltará a invadir o sul, mas dessa vez o resultado será diferente.
30 Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKiti; uya kukhohlwa, abuye, awubhavumele umnqophiso ongcwele, afeze, abuye, abaqonde abashiya umnqophiso ongcwele."
30 Ele se assustará com os navios de guerra do litoral oeste e voltará para casa. Então descarregará sua ira sobre o povo da santa aliança e recompensará os que abandonarem a aliança.
31 Iingalo zakwakhe zosuka zime, ziyihlambele ingcwele, kwainqaba, zisuse inkonzo yamaxesha onke, zimise izinto ezinezothe, eziphanzisayo."
31 “Seu exército tomará a fortaleza do templo, contaminará o santuário, acabará com os sacrifícios diários e colocará ali uma terrível profanação.
32 Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela ngamazwi agudileyo, ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze."
32 Ele usará de adulação e conquistará os que violaram a aliança; mas aqueles que conhecem seu Deus serão fortes e resistirão.
33 Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku."
33 “Líderes sábios instruirão a muitos, mas esses mestres morrerão pela espada e pelo fogo, ou serão capturados e saqueados.
34 Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane, bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza."
34 Durante essas perseguições, receberão pouca ajuda, e muitos que se juntarem a eles não serão sinceros.
35 Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo."
35 Alguns dos sábios serão vítimas de perseguição e, desse modo, serão refinados, purificados e limpos até o tempo do fim, pois o tempo determinado ainda está por vir.
36 Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse, azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa."
36 “O rei fará o que bem entender, se exaltará, afirmará ser maior que todos os deuses e chegará a blasfemar contra o Deus dos deuses. Terá êxito, mas apenas até que se complete o tempo da ira; pois aquilo que foi determinado certamente acontecerá.
37 Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke."
37 Ele não respeitará os deuses de seus antepassados, nem o deus preferido das mulheres, nem deus algum, pois dirá que é maior que todos eles.
38 Endaweni yabo wozukisa uthixo weenqaba, uthixo ababengamazi ooyise; amzukise ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekayo."
38 Em lugar deles, adorará o deus da fortaleza, um deus que seus antepassados não conheceram, e lhe dará honras com ouro, prata, pedras preciosas e presentes caros.
39 Wokwenzela oku iinqaba ezinqatyisiweyo ngothixo wolunye uhlanga; lo umbukayo, uya kumandisela uzuko, amphathise abaninzi, amabele umhlaba ngokumvuza."
39 Dizendo contar com a ajuda desse deus estrangeiro, atacará as fortalezas mais poderosas. Honrará os que se sujeitarem a ele, os nomeará para cargos de autoridade e dividirá a terra entre eles como recompensa.
40 Ngexesha lokuphela uya kuhlabana nokumkani wasezantsi; ukumkani wasentla adlongozele aye kuye, eneenqwelo zokulwa, nabamahashe, neenqanawa ezininzi; awangenele amazwe, akhukule, adlule."
40 “Então, no tempo do fim, o rei do sul lutará contra o rei do norte. O rei do norte atacará com carros de guerra e seus condutores e com muitos navios. Invadirá várias terras e as arrasará como uma inundação.
41 Wongena ezweni eliligugu, bakhubeke abaninzi; ke aba baya kusinda esandleni sakhe: ooEdom, noMowabhi, nentlahlela yoonyana baka-Amon."
41 Entrará na terra gloriosa e muitas nações cairão, mas Moabe, Edom e a maior parte de Amom escaparão.
42 Uya kusolula isandla sakhe emazweni la, nelizwe laseYiputa aliyi kusinda."
42 Ele conquistará muitos países, e nem mesmo o Egito escapará.
43 Woba ngumphathi wobutyebi begolide nobesilivere, nobezinto zonke ezinqwenelekayo zaseYiputa; omlandela amaLibhi namaKushi."
43 Tomará para si o ouro, a prata e os tesouros do Egito, e os líbios e os etíopes serão seus servos.
44 Ziya kumkhwankqisa iindaba ezivela empumalanga nasentla, aphume enobushushu obukhulu, ukuze abatshabalalise, abasingele phantsi abaninzi."
44 “Mas, então, chegarão notícias do leste e do norte que o deixarão alarmado, e ele partirá enfurecido para destruir e aniquilar muitos.
45 Wozitwabulula iintente zebhotwe lakhe phakathi kweelwandle, ngasentabeni engcwele eligugu, afike ke ekupheleni kwakhe, kungabikho umncedayo."
45 Armará suas tendas entre o monte santo e glorioso e o mar. Enquanto estiver lá, porém, chegará a seu fim, e ninguém o ajudará.”

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Daniel 11, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.