Colossenses 2
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Kuba ndithanda ukuba nikwazi ukuba kukhulu kwako ukuzama endikuzamayo ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo bonke abangabubonanga ubuso bam ngokwenyama;"
1 Pois quero que saibais quão grande luta tenho por vós, e pelos que estão em Laodicéia, e por quantos não viram a minha pessoa;
2 ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise, nekaKristu,"
2 para que os seus corações sejam animados, estando unidos em amor, e enriquecidos da plenitude do entendimento para o pleno conhecimento do mistério de Deus-Cristo,
3 ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi."
3 no qual estão escondidos todos os tesouros da sabedoria e da ciência.
4 Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo."
4 Digo isto, para que ninguém vos engane com palavras persuasivas.
5 Kuba nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu."
5 Porque ainda que eu esteja ausente quanto ao corpo, contudo em espírito estou convosco, regozijando-me, e vendo a vossa ordem e a firmeza da vossa fé em Cristo.
6 Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye, nendele nakhelwe kuye,"
6 Portanto, assim como recebestes a Cristo Jesus, o Senhor, assim também nele andai,
7 naqiniswa ngokholo, njengoko nafundiswayo nafezeka kulo, ninombulelo."
7 arraigados e edificados nele, e confirmados na fé, assim como fostes ensinados, abundando em ação de graças.
8 Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu."
8 Tendo cuidado para que ninguém vos faça presa sua, por meio de filosofias e vãs sutilezas, segundo a tradição dos homens, segundo os rudimentos do mundo, e não segundo Cristo;
9 Ngokuba kuhleli kuye konke ukuzaliseka kobuThixo ngokomzimba;"
9 porque nele habita corporalmente toda a plenitude da divindade,
10 kanjalo nigqibelele kuye, oyintloko yabo bonke ubulawuli negunya;"
10 e tendes a vossa plenitude nele, que é a cabeça de todo principado e potestade,
11 enathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu;"
11 no qual também fostes circuncidados com a circuncisão não feita por mãos no despojar do corpo da carne, a saber, a circuncisão de Cristo;
12 ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo."
12 tendo sido sepultados com ele no batismo, no qual também fostes ressuscitados pela fé no poder de Deus, que o ressuscitou dentre os mortos;
13 Nani, nifile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso."
13 e a vós, quando estáveis mortos nos vossos delitos e na incircuncisão da vossa carne, vos vivificou juntamente com ele, perdoando-nos todos os delitos;
14 Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni;"
14 e havendo riscado o escrito de dívida que havia contra nós nas suas ordenanças, o qual nos era contrário, removeu-o do meio de nós, cravando-o na cruz;
15 ebabhunyule obalawuli nomagunya, wabenza isibonelo ekuhleni, ememelela ngabo ekuwo umnqamlezo."
15 e, tendo despojado os principados e potestades, os exibiu publicamente e deles triunfou na mesma cruz.
16 Makungabikho mntu ngoko unigwebayo ngento edliwayo, nangento eselwayo, nangendawo yomthendeleko, nangenyanga ethwasileyo, nangeesabatha;"
16 Ninguém, pois, vos julgue pelo comer, ou pelo beber, ou por causa de dias de festa, ou de lua nova, ou de sábados,
17 ezisisithunzi sezinto eziza kuza; ke sona isiqu sesikaKristu."
17 que são sombras das coisas vindouras; mas o corpo é de Cristo.
18 Makungabikho namnye unilahlekanisa nomvuzo wenu, ethanda ukwenjenjalo ngokuthobeka kwentliziyo, nangokunqula izithunywa zezulu, engena ezintweni angazibonanga, efumana wakhukhumaliswa yiyo ingqiqo yenyama yakhe,"
18 Ninguém atue como árbitro contra vós, afetando humildade ou culto aos anjos, firmando-se em coisas que tenha visto, inchado vãmente pelo seu entendimento carnal,
19 engabambe yona iNtloko, ekuphuma kuyo ukuthi umzimba wonke ukhule ngokukhulisa kukaThixo, uncedwa, ubandakanywa ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu nemisipha."
19 e não retendo a Cabeça, da qual todo o corpo, provido e organizado pelas juntas e ligaduras, vai crescendo com o aumento concedido por Deus.
20 Ukuba ngoko nafa noKristu, nakhululeka kuzo iziqalelo zehlabathi, yini na ukuba ninge nisadla ubomi ngokwabehlabathi, nimiselwe imimiselo"
20 Se morrestes com Cristo quanto aos rudimentos do mundo, por que vos sujeitais ainda a ordenanças, como se vivêsseis no mundo,
21 (eyokuthi, Musa ukuphatha, musa ukungcamla, musa ukuchukumisa,"
21 tais como: não toques, não proves, não manuseies
22 kanti zonke ezi zinto zezonakaliswa kukudliwa), nenze ngokwemithetho neemfundiso zabantu?"
22 {as quais coisas todas hão de perecer pelo uso}, segundo os preceitos e doutrinas dos homens?
23 Okunene zizinto ezo ezidunyelwe bubulumko ngokunqula okuzithandelayo, nangokuthobeka kwentliziyo, nangokubandezela umzimba, kodwa kungengambeko yanelisa inyama."
23 As quais têm, na verdade, alguma aparência de sabedoria em culto voluntário, humildade fingida, e severidade para com o corpo, mas não têm valor algum no combate contra a satisfação da carne.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Colossenses 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.