Atos 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB

Sair da comparação
ARIB Almeida Revisada Imprensa Bíblica
1 Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo?"
1 E disse o sumo sacerdote: Porventura são assim estas coisas?
2 Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran,"
2 Estêvão respondeu: Irmãos e pais, ouvi. O Deus da glória apareceu a nosso pai Abraão, estando ele na Mesopotâmia, antes de habitar em Harã,
3 wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingakubonisa wona."
3 e disse-lhe: Sai da tua terra e dentre a tua parentela, e dirige-te à terra que eu te mostrar.
4 Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kulo mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku."
4 Então saiu da terra dos caldeus e habitou em Harã. Dali, depois que seu pai faleceu, Deus o trouxe para esta terra em que vós agora habitais.
5 Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana."
5 E não lhe deu nela herança, nem sequer o espaço de um pé; mas prometeu que lha daria em possessão, e depois dele à sua descendência, não tendo ele ainda filho.
6 Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhla beni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omane."
6 Pois Deus disse que a sua descendência seria peregrina em terra estranha e que a escravizariam e maltratariam por quatrocentos anos.
7 Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo."
7 Mas eu julgarei a nação que os tiver escravizado, disse Deus; e depois disto sairão, e me servirão neste lugar.
8 Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini."
8 E deu-lhe o pacto da circuncisão; assim então gerou Abraão a Isaque, e o circuncidou ao oitavo dia; e Isaque gerou a Jacó, e Jacó aos doze patriarcas.
9 Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye,"
9 Os patriarcas, movidos de inveja, venderam José para o Egito; mas Deus era com ele,
10 wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela."
10 e o livrou de todas as suas tribulações, e lhe deu graça e sabedoria perante Faraó, rei do Egito, que o constituiu governador sobre o Egito e toda a sua casa.
11 Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla."
11 Sobreveio então uma fome a todo o Egito e Canaã, e grande tribulação; e nossos pais não achavam alimentos.
12 Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala."
12 Mas tendo ouvido Jacó que no Egito havia trigo, enviou ali nossos pais pela primeira vez.
13 Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro."
13 E na segunda vez deu-se José a conhecer a seus irmãos, e a sua linhagem tornou-se manifesta a Faraó.
14 Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu."
14 Então José mandou chamar a seu pai Jacó, e a toda a sua parentela-setenta e cinco almas.
15 Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu;"
15 Jacó, pois, desceu ao Egito, onde morreu, ele e nossos pais;
16 baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem."
16 e foram transportados para Siquém e depositados na sepultura que Abraão comprara por certo preço em prata aos filhos de Emor, em Siquém.
17 Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,"
17 Enquanto se aproximava o tempo da promessa que Deus tinha feito a Abraão, o povo crescia e se multiplicava no Egito;
18 kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu."
18 até que se levantou ali outro rei, que não tinha conhecido José.
19 Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi."
19 Usando esse de astúcia contra a nossa raça, maltratou a nossos pais, ao ponto de fazê-los enjeitar seus filhos, para que não vivessem.
20 Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise."
20 Nesse tempo nasceu Moisés, e era mui formoso, e foi criado três meses em casa de seu pai.
21 Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo."
21 Sendo ele enjeitado, a filha de Faraó o recolheu e o criou como seu próprio filho.
22 Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi."
22 Assim Moisés foi instruído em toda a sabedoria dos egípcios, e era poderoso em palavras e obras.
23 Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amane, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli."
23 Ora, quando ele completou quarenta anos, veio-lhe ao coração visitar seus irmãos, os filhos de Israel.
24 Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa:"
24 E vendo um deles sofrer injustamente, defendeu-o, e vingou o oprimido, matando o egípcio.
25 wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona."
25 Cuidava que seus irmãos entenderiam que por mão dele Deus lhes havia de dar a liberdade; mas eles não entenderam.
26 Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane?"
26 No dia seguinte apareceu-lhes quando brigavam, e quis levá-los à paz, dizendo: Homens, sois irmãos; por que vos maltratais um ao outro?
27 Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu?"
27 Mas o que fazia injustiça ao seu próximo o repeliu, dizendo: Quem te constituiu senhor e juiz sobre nós?
28 Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo?"
28 Acaso queres tu matar-me como ontem mataste o egípcio?
29 Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini."
29 A esta palavra fugiu Moisés, e tornou-se peregrino na terra de Madiã, onde gerou dois filhos.
30 Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni."
30 E passados mais quarenta anos, apareceu-lhe um anjo no deserto do monte Sinai, numa chama de fogo no meio de uma sarça.
31 Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi,"
31 Moisés, vendo isto, admirou-se da visão; e, aproximando-se ele para observar, soou a voz do Senhor:
32 Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa."
32 Eu sou o deus de teus pais, o Deus de Abraão, de Isaque e de Jacó. E Moisés ficou trêmulo e não ousava olhar.
33 Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele."
33 Disse-lhe então o Senhor: Tira as alparcas dos teus pés, porque o lugar em que estás é terra santa.
34 Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa."
34 Vi, com efeito, a aflição do meu povo no Egito, ouvi os seus gemidos, e desci para livrá-lo. Agora pois vem, e enviar-te-ei ao Egito.
35 Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni."
35 A este Moisés que eles haviam repelido, dizendo: Quem te constituiu senhor e juiz? a este enviou Deus como senhor e libertador, pela mão do anjo que lhe aparecera na sarça.
36 Yena lowo wabakhupha, akubon’ ukuba wenze izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka engamashumi omane."
36 Foi este que os conduziu para fora, fazendo prodígios e sinais na terra do Egito, e no Mar Vermelho, e no deserto por quarenta anos.
37 Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena."
37 Este é o Moisés que disse aos filhos de Israel: Deus vos suscitará dentre vossos irmãos um profeta como eu.
38 Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi;"
38 Este é o que esteve na congregação no deserto, com o anjo que lhe falava no monte Sinai, e com nossos pais, o qual recebeu palavras de vida para vo-las dar;
39 abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo,"
39 ao qual os nossos pais não quiseram obedecer, antes o rejeitaram, e em seus corações voltaram ao Egito,
40 besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo."
40 dizendo a Arão: Faze-nos deuses que vão adiante de nós; porque a esse Moisés que nos tirou da terra do Egito, não sabemos o que lhe aconteceu.
41 Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla."
41 Fizeram, pois, naqueles dias o bezerro, e ofereceram sacrifício ao ídolo, e se alegravam nas obras das suas mãos.
42 Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondeze kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mane entlango, ndlu kaSirayeli?"
42 Mas Deus se afastou, e os abandonou ao culto das hostes do céu, como está escrito no livro dos profetas: Porventura me oferecestes vítimas e sacrifícios por quarenta anos no deserto, ó casa de Israel?
43 Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli."
43 Antes carregastes o tabernáculo de Moloque e a estrela do deus Renfã, figuras que vós fizestes para adorá-las. Desterrar-vos-ei pois, para além da Babilônia.
44 Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile;"
44 Entre os nossos pais no deserto estava o tabernáculo do testemunho, como ordenara aquele que disse a Moisés que o fizesse segundo o modelo que tinha visto;
45 lo kanjalo bawungenisayo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;"
45 o qual nossos pais, tendo-o por sua vez recebido, o levaram sob a direção de Josué, quando entraram na posse da terra das nações que Deus expulsou da presença dos nossos pais, até os dias de Davi,
46 owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba."
46 que achou graça diante de Deus, e pediu que lhe fosse dado achar habitação para o Deus de Jacó.
47 NguSolomon ke owamakhela indlu."
47 Entretanto foi Salomão quem lhe edificou uma casa;
48 Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,"
48 mas o Altíssimo não habita em templos feitos por mãos de homens, como diz o profeta:
49 Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?"
49 O céu é meu trono, e a terra o escabelo dos meus pés. Que casa me edificareis, diz o Senhor, ou qual o lugar do meu repouso?
50 Asisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?"
50 Não fez, porventura, a minha mão todas estas coisas?
51 Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo."
51 Homens de dura cerviz, e incircuncisos de coração e ouvido, vós sempre resistis ao Espírito Santo; como o fizeram os vossos pais, assim também vós.
52 Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali, bakhe."
52 A qual dos profetas não perseguiram vossos pais? Até mataram os que dantes anunciaram a vinda do Justo, do qual vós agora vos tornastes traidores e homicidas,
53 nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina."
53 vós, que recebestes a lei por ordenação dos anjos, e não a guardastes.
54 Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo."
54 Ouvindo eles isto, enfureciam-se em seus corações, e rangiam os dentes contra Estêvão.
55 Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo."
55 Mas ele, cheio do Espírito Santo, fitando os olhos no céu, viu a glória de Deus, e Jesus em pé à direita de Deus,
56 Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo."
56 e disse: Eis que vejo os céus abertos, e o Filho do homem em pé à direita de Deus.
57 Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye,"
57 Então eles gritaram com grande voz, taparam os ouvidos, e arremeteram unânimes contra ele
58 bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye. Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana ekuthiwa nguSawule."
58 e, lançando-o fora da cidade, o apedrejavam. E as testemunhas depuseram as suas vestes aos pés de um mancebo chamado Saulo.
59 Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam."
59 Apedrejavam, pois, a Estêvão que orando, dizia: Senhor Jesus, recebe o meu espírito.
60 Uguqile ke ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Nkosi, ungabamiseli esi sono. Akutsho, walala ubuthongo."
60 E pondo-se de joelhos, clamou com grande voz: Senhor, não lhes imputes este pecado. Tendo dito isto, adormeceu. E Saulo consentia na sua morte.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.