Atos 4

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA

Sair da comparação
ARA Almeida Revista e Atualizada 1993
1 Bakubon’ ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo,"
1 Falavam eles ainda ao povo quando sobrevieram os sacerdotes, o capitão do templo e os saduceus,
2 bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka."
2 ressentidos por ensinarem eles o povo e anunciarem, em Jesus, a ressurreição dentre os mortos;
3 Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile."
3 e os prenderam, recolhendo-os ao cárcere até ao dia seguinte, pois já era tarde.
4 Ke kaloku into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu."
4 Muitos, porém, dos que ouviram a palavra a aceitaram, subindo o número de homens a quase cinco mil.
5 Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali,"
5 No dia seguinte, reuniram-se em Jerusalém as autoridades, os anciãos e os escribas
6 noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu."
6 com o sumo sacerdote Anás, Caifás, João, Alexandre e todos os que eram da linhagem do sumo sacerdote;
7 Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?"
7 e, pondo-os perante eles, os arguiram: Com que poder ou em nome de quem fizestes isto?
8 Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,"
8 Então, Pedro, cheio do Espírito Santo, lhes disse: Autoridades do povo e anciãos,
9 ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:"
9 visto que hoje somos interrogados a propósito do benefício feito a um homem enfermo e do modo por que foi curado,
10 makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile."
10 tomai conhecimento, vós todos e todo o povo de Israel, de que, em nome de Jesus Cristo, o Nazareno, a quem vós crucificastes, e a quem Deus ressuscitou dentre os mortos, sim, em seu nome é que este está curado perante vós.
11 Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo."
11 Este Jesus é pedra rejeitada por vós, os construtores, a qual se tornou a pedra angular.
12 Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo."
12 E não há salvação em nenhum outro; porque abaixo do céu não existe nenhum outro nome, dado entre os homens, pelo qual importa que sejamos salvos.
13 Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu."
13 Ao verem a intrepidez de Pedro e João, sabendo que eram homens iletrados e incultos, admiraram-se; e reconheceram que haviam eles estado com Jesus.
14 Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika."
14 Vendo com eles o homem que fora curado, nada tinham que dizer em contrário.
15 Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi, Siya kubathini na aba bantu?"
15 E, mandando-os sair do Sinédrio, consultavam entre si,
16 Kuba okunene, ukuba kuhle ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto."
16 dizendo: Que faremos com estes homens? Pois, na verdade, é manifesto a todos os habitantes de Jerusalém que um sinal notório foi feito por eles, e não o podemos negar;
17 Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama."
17 mas, para que não haja maior divulgação entre o povo, ameacemo-los para não mais falarem neste nome a quem quer que seja.
18 Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu."
18 Chamando-os, ordenaram-lhes que absolutamente não falassem, nem ensinassem em o nome de Jesus.
19 Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;"
19 Mas Pedro e João lhes responderam: Julgai se é justo diante de Deus ouvir-vos antes a vós outros do que a Deus;
20 kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo."
20 pois nós não podemos deixar de falar das coisas que vimos e ouvimos.
21 Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile."
21 Depois, ameaçando-os mais ainda, os soltaram, não tendo achado como os castigar, por causa do povo, porque todos glorificavam a Deus pelo que acontecera.
22 Kuba wayedlule emashumini amane eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa."
22 Ora, tinha mais de quarenta anos aquele em quem se operara essa cura milagrosa.
23 Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithethayo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu."
23 Uma vez soltos, procuraram os irmãos e lhes contaram quantas coisas lhes haviam dito os principais sacerdotes e os anciãos.
24 Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-nto-zonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;"
24 Ouvindo isto, unânimes, levantaram a voz a Deus e disseram: Tu, Soberano Senhor, que fizeste o céu, a terra, o mar e tudo o que neles há;
25 owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, Zazibhavumelani na iintlanga, Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?"
25 que disseste por intermédio do Espírito Santo, por boca de Davi, nosso pai, teu servo: Por que se enfureceram os gentios, e os povos imaginaram coisas vãs?
26 Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo."
26 Levantaram-se os reis da terra, e as autoridades ajuntaram-se à uma contra o Senhor e contra o seu Ungido;
27 Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli,"
27 porque verdadeiramente se ajuntaram nesta cidade contra o teu santo Servo Jesus, ao qual ungiste, Herodes e Pôncio Pilatos, com gentios e gente de Israel,
28 ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho."
28 para fazerem tudo o que a tua mão e o teu propósito predeterminaram;
29 Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi,"
29 agora, Senhor, olha para as suas ameaças e concede aos teus servos que anunciem com toda a intrepidez a tua palavra,
30 ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu."
30 enquanto estendes a mão para fazer curas, sinais e prodígios por intermédio do nome do teu santo Servo Jesus.
31 Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo."
31 Tendo eles orado, tremeu o lugar onde estavam reunidos; todos ficaram cheios do Espírito Santo e, com intrepidez, anunciavam a palavra de Deus.
32 Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo."
32 Da multidão dos que creram era um o coração e a alma. Ninguém considerava exclusivamente sua nem uma das coisas que possuía; tudo, porém, lhes era comum.
33 Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke."
33 Com grande poder, os apóstolos davam testemunho da ressurreição do Senhor Jesus, e em todos eles havia abundante graça.
34 Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo,"
34 Pois nenhum necessitado havia entre eles, porquanto os que possuíam terras ou casas, vendendo-as, traziam os valores correspondentes
35 bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako."
35 e depositavam aos pés dos apóstolos; então, se distribuía a qualquer um à medida que alguém tinha necessidade.
36 Ke kaloku uYose, owathiywa ngabapostile elinye igama lokuba nguBharnabhas (elithi, lakuthethwa ngentetho evakalayo, ngumfo wovuselelo), umLevi waseSipro ngokuzalwa,"
36 José, a quem os apóstolos deram o sobrenome de Barnabé, que quer dizer filho de exortação, levita, natural de Chipre,
37 wathi enomhlaba wathengisa ngawo, wayizisa imali, wayibeka ezinyaweni zabapostile."
37 como tivesse um campo, vendendo-o, trouxe o preço e o depositou aos pés dos apóstolos.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 4, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.