Atos 3

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba."
1 Pedro e João iam subindo ao templo para rezar à hora nona.
2 Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni;"
2 Nisto levavam um homem que era coxo de nascença e que punham todos os dias à porta do templo, chamada Formosa, para que pedisse esmolas aos que entravam no templo.
3 eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize."
3 Quando ele viu que Pedro e João iam entrando no templo, implorou a eles uma esmola.
4 Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha."
4 Pedro fitou nele os olhos, como também João, e disse: Olha para nós.
5 Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo."
5 Ele os olhou com atenção esperando receber deles alguma coisa.
6 Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe."
6 Pedro, porém, disse: Não tenho nem ouro nem prata, mas o que tenho eu te dou: em nome de Jesus Cristo Nazareno, levanta-te e anda!
7 Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo."
7 E tomando-o pela mão direita, levantou-o. Imediatamente os pés e os tornozelos se lhe firmaram. De um salto pôs-se de pé e andava.
8 Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo."
8 Entrou com eles no templo, caminhando, saltando e louvando a Deus.
9 Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;"
9 Todo o povo o viu andar e louvar a Deus.
10 bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo eMnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo."
10 Reconheceram ser o mesmo coxo que se sentava para mendigar à porta Formosa do templo, e encheram-se de espanto e pasmo pelo que lhe tinha acontecido.
11 Ke kaloku, sakubon’ ukuba isiqhwala esiphilisiweyo sibabambe ngesandla ooPetros noYohane, bonke abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, beqhiphuke umbilini kakubi."
11 Como ele se conservava perto de Pedro e João, uma multidão de curiosos afluiu a eles no pórtico chamado Salomão.
12 Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi simenze wahamba ngawethu amandla, nangokwethu ukuhlonela uThixo?"
12 À vista disso, falou Pedro ao povo: Homens de Israel, por que vos admirais assim? Ou por que fitais os olhos em nós, como se por nossa própria virtude ou piedade tivéssemos feito este homem andar?
13 UThixo wooAbraham noIsake noYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile umkhonzi wakhe uYesu, enamnikelayo, namkhanyela ebusweni bukaPilato nina, akubon’ ukuba yena ugwebe ngelithi, makakhululwe."
13 O Deus de Abraão, de Isaac, de Jacó, o Deus de nossos pais glorificou seu servo Jesus, que vós entregastes e negastes perante Pilatos, quando este resolvera soltá-lo.
14 Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali."
14 Mas vós renegastes o Santo e o Justo e pedistes que se vos desse um homicida.
15 Ke yona iMbangi yobomi nayibulala; awayivusayo uThixo kwabafileyo, esingamangqina ako oko thina."
15 Matastes o Príncipe da vida, mas Deus o ressuscitou dentre os mortos: disso nós somos testemunhas.
16 Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke."
16 Em virtude da fé em seu nome foi que esse mesmo nome consolidou este homem, que vedes e conheceis. Foi a fé em Jesus que lhe deu essa cura perfeita, à vista de todos vós.
17 Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenze ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu."
17 Agora, irmãos, sei que o fizestes por ignorância, como também os vossos chefes.
18 Ke uThixo, izinto awazixela ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, zokuba uKristu eve ubunzima, uzizalisile wenjenje."
18 Deus, porém, assim cumpriu o que já antes anunciara pela boca de todos os profetas: que o seu Cristo devia padecer.
19 Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi;"
19 Arrependei-vos, portanto, e convertei-vos para serem apagados os vossos pecados.
20 ithume uYesu Kristu, owayevakalisiwe kuni ngenxa engaphambili;"
20 Virão, assim, da parte do Senhor os tempos de refrigério, e ele enviará aquele que vos é destinado: Cristo Jesus.
21 lowo kumele okunene ukuba amazulu amamkele, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade."
21 É necessário, porém, que o céu o receba até os tempos da restauração universal, da qual falou Deus outrora pela boca dos seus santos profetas.
22 Kuba uMoses okunene wathi koobawo, INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni."
22 Já dissera Moisés: O Senhor, nosso Deus, vos suscitará dentre vossos irmãos um profeta semelhante a mim: a este ouvireis em tudo o que ele vos disser.
23 Yothi ke yonke imiphefumlo engathanga imve loo mprofeti, ibhujiswe kuphele phakathi kwabantu."
23 Todo aquele que não ouvir esse profeta será exterminado do meio do povo {Dt 18,15.19}.
24 Nabo ke bonke abaprofeti, bethabathela kuSamuweli nakwabalandelayo, bonke abathethileyo, bayixela loo mihla ngenxa engaphambili."
24 Todos os profetas, que têm falado sucessivamente desde Samuel, anunciaram estes dias.
25 Nina ningoonyana babo abaprofeti, nabomnqophiso awanqophisana ngawo noobawo bethu uThixo, esithi kuAbraham, Yaye ke iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi."
25 Vós sois filhos dos profetas e da aliança que Deus estabeleceu com os nossos pais, quando disse a Abraão: Na tua descendência serão abençoadas todas as famílias da terra {Gn 22,18}.
26 Uthe uThixo, akuba emvusile umkhonzi wakhe uYesu, wamthuma kuni kuqala, ukuba anisikelele ngokuniguqula nonke ngabanye kwiinkohlakalo zenu."
26 Foi em primeiro lugar para vós que Deus suscitou o seu servo, para vos abençoar, a fim de que cada um se aparte da sua iniqüidade.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 3, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.