Atos 28

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita."
1 Havendo escapado, então, souberam que a ilha se chamava Malta.
2 Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda."
2 E os bárbaros usaram conosco de não pouca humanidade; porque, acendendo uma grande fogueira, nos recolheram a todos por causa da chuva que caía e por causa do frio.
3 Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe."
3 E, havendo Paulo ajuntado uma quantidade de vides e pondo-as no fogo, uma víbora, fugindo do calor, lhe acometeu a mão.
4 Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi."
4 E os bárbaros, vendo-lhe a víbora pendurada na mão, diziam uns aos outros: Certamente este homem é homicida, visto como, escapando do mar, a Justiça não o deixa viver.
5 Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko."
5 Mas, sacudindo ele a víbora no fogo, não padeceu nenhum mal.
6 Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo."
6 E eles esperavam que viesse a inchar ou a cair morto de repente; mas tendo esperado já muito e vendo que nenhum incômodo lhe sobrevinha, mudando de parecer, diziam que era um deus.
7 Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu."
7 E ali, próximo daquele mesmo lugar, havia umas herdades que pertenciam ao principal da ilha, por nome Públio, o qual nos recebeu e hospedou benignamente por três dias.
8 Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa."
8 Aconteceu estar de cama enfermo de febres e disenteria o pai de Públio, que Paulo foi ver, e, havendo orado, pôs as mãos sobre ele e o curou.
9 Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;"
9 Feito, pois, isto, vieram também ter com ele os demais que na ilha tinham enfermidades e sararam,
10 bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo."
10 os quais nos distinguiram também com muitas honras; e, havendo de navegar, nos proveram das coisas necessárias.
11 Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele."
11 Três meses depois, partimos num navio de Alexandria, que invernara na ilha, o qual tinha por insígnia Castor e Pólux.
12 Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu."
12 E, chegando a Siracusa, ficamos ali três dias,
13 Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon’ ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;"
13 donde, indo costeando, viemos a Régio; e, soprando, um dia depois, um vento do sul, chegamos no segundo dia a Putéoli,
14 safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma."
14 onde, achando alguns irmãos, nos rogaram que por sete dias ficássemos com eles; e depois nos dirigimos a Roma.
15 Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka."
15 E de lá, ouvindo os irmãos novas de nós, nos saíram ao encontro à Praça de Ápio e às Três Vendas, e Paulo, vendo-os, deu graças a Deus e tomou ânimo.
16 Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo."
16 E, logo que chegamos a Roma, o centurião entregou os presos ao general dos exércitos; mas a Paulo se lhe permitiu morar por sua conta, com o soldado que o guardava.
17 Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon’ ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma."
17 E aconteceu que, três dias depois, Paulo convocou os principais dos judeus e, juntos eles, lhes disse: Varões irmãos, não havendo eu feito nada contra o povo ou contra os ritos paternos, vim, contudo, preso desde Jerusalém, entregue nas mãos dos romanos,
18 Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo."
18 os quais, havendo-me examinado, queriam soltar- me, por não haver em mim crime algum de morte.
19 Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu."
19 Mas, opondo-se os judeus, foi-me forçoso apelar para César, não tendo, contudo, de que acusar a minha nação.
20 Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane."
20 Por esta causa vos chamei, para vos ver e falar; porque pela esperança de Israel estou com esta cadeia.
21 Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe."
21 Então, eles lhe disseram: Nós não recebemos acerca de ti cartas algumas da Judeia, nem veio aqui algum dos irmãos que nos anunciasse ou dissesse de ti mal algum.
22 Singa ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke."
22 No entanto, bem quiséramos ouvir de ti o que sentes; porque, quanto a esta seita, notório nos é que em toda parte se fala contra ela.
23 Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise."
23 E, havendo-lhe eles assinalado um dia, muitos foram ter com ele à pousada, aos quais declarava com bom testemunho o Reino de Deus e procurava persuadi-los à fé de Jesus, tanto pela lei de Moisés como pelos profetas, desde pela manhã até à tarde.
24 Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingakholwa."
24 E alguns criam no que se dizia, mas outros não criam.
25 Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon’ ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi, Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu,"
25 E, como ficaram entre si discordes, se despediram, dizendo Paulo esta palavra: Bem falou o Espírito Santo a nossos pais pelo profeta Isaías,
26 esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe."
26 dizendo: Vai a este povo e dize: De ouvido, ouvireis e de maneira nenhuma entendereis; e, vendo, vereis e de maneira nenhuma percebereis.
27 Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba; Beva nzima ngeendlebe, Bewacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngeentliziyo, Bajike, ndibaphilise."
27 Porquanto o coração deste povo está endurecido, e com os ouvidos ouviram pesadamente e fecharam os olhos, para que nunca com os olhos vejam, nem com os ouvidos ouçam, nem do coração entendam, e se convertam, e eu os cure.
28 Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona."
28 Seja-vos, pois, notório que esta salvação de Deus é enviada aos gentios, e eles a ouvirão.
29 Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo."
29 E, havendo ele dito isto, partiram os judeus, tendo entre si grande contenda.
30 Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,"
30 E Paulo ficou dois anos inteiros na sua própria habitação que alugara e recebia todos quantos vinham vê-lo,
31 ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani."
31 pregando o Reino de Deus e ensinando com toda a liberdade as coisas pertencentes ao Senhor Jesus Cristo, sem impedimento algum.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 28, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.