Atos 21

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ke kaloku kwathi, sakunduluka ngomkhombe, siziqhawule kubo, see ngqo seza eKos; ngomhla olandelayo ke seza eRodo, sesuka apho seza ePatara."
1 Depois de nos separarmos dele, embarcamos e fomos em direção a Cós, e no dia seguinte a Rodes e dali a Pátara.
2 Sathi, sifumene umkhombe uwelela kwelaseFenike, sangena kuwo sanduluka."
2 Encontramos aí um navio que ia partir para a Fenícia. Entramos e seguimos viagem.
3 Sithe sakuthi thu ke eSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, saphuma eTire; kuba umkhombe ubuya kuyithula apho impahla."
3 Quando estávamos à vista de Chipre, deixando-a à esquerda, continuamos rumo à Síria e aportamos em Tiro, onde o navio devia ser descarregado.
4 Sathi sibafumene abafundi, sahlala khona iintsuku zasixhenxe; bona babesithi kuPawulos ngoMoya, makangenyuki aye eYerusalem."
4 Como achássemos uns discípulos, detivemo-nos com eles por sete dias. Eles, sob a inspiração do Espírito, aconselhavam Paulo que não subisse a Jerusalém.
5 Ke kaloku sithe, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; besiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza."
5 Mas, passados que foram esses dias, partimos e seguimos a nossa viagem. Todos eles com suas mulheres e filhos acompanharam-nos até fora da cidade. Ajoelhados na praia, fizemos a nossa oração.
6 Sathi sibulisene nabo, sangena emkhombeni thina, bona ke babuyela emakhaya."
6 Despedimo-nos então e embarcamos, enquanto eles voltaram para suas casas.
7 Sathi ke thina, sakulufeza uhambo ngomkhombe sivela eTire, safika eTolimayi, sababulisa abazalwana, sahlala nabo usuku lwalunye."
7 Navegando, fomos de Tiro a Ptolemaida, onde saudamos os irmãos, passando um dia com eles.
8 Ke kaloku ngengomso, thina besinoPawulos, semka seza eKesareya; sangena endlwini kaFilipu, umshumayeli weendaba ezilungileyo, obengowabaya basixhenxe, sahlala kuye."
8 Partindo no dia seguinte, chegamos a Cesaréia e, entrando na casa de Filipe, o Evangelista, que era um dos sete {diáconos}, ficamos com ele.
9 Lowo ke wayeneentombi ezine, ziseziintombi, ziprofeta."
9 Tinha quatro filhas virgens que profetizavam.
10 Sakubon’ ukuba ke sihleli khona iintsuku ezininzi, kwehla kwelakwaYuda mprofeti uthile, ugama linguAgabho."
10 Já estávamos aí fazia alguns dias, quando chegou da Judéia um profeta, chamado Ágabo.
11 Wathi akufika kuthi, wathabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho ke uMoya oyiNgcwele ukuthi, Indoda ongowayo lo mbhinqo, aya kwenjenje amaYuda ukuyibopha eYerusalem, ayinikele ezandleni zeentlanga."
11 Veio ter conosco, tomou o cinto de Paulo e, amarrando-se com ele pés e mãos, disse: Isto diz o Espírito Santo: assim os judeus em Jerusalém ligarão o homem a quem pertence este cinto e o entregarão às mãos dos pagãos.
12 Ke kaloku, sakukuva oku, sambongoza thina, kwanabakuloo ndawo, ukuba angenyuki aye eYerusalem."
12 A estas palavras, nós e os fiéis que eram daquele lugar, rogamos-lhe que não subisse a Jerusalém.
13 Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu."
13 Paulo, porém, respondeu: Por que chorais e me magoais o coração? Pois eu estou pronto não só a ser preso, mas também a morrer em Jerusalém pelo nome do Senhor Jesus.
14 Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi."
14 Como não pudéssemos persuadi-lo, desistimos, dizendo: Faça-se a vontade do Senhor!
15 Ke kaloku emva kwezo ntsuku, sabopha impahla, senyuka saya eYerusalem."
15 Depois desses dias, terminados os preparativos, subimos a Jerusalém.
16 Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe."
16 Foram também conosco alguns dos discípulos de Cesaréia, que nos levaram à casa de Menason de Chipre, um antigo discípulo em cuja casa nos devíamos hospedar.
17 Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana."
17 À nossa chegada em Jerusalém, os irmãos nos receberam com alegria.
18 Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke."
18 No dia seguinte, Paulo dirigiu-se conosco à casa de Tiago, onde todos os anciãos se reuniram.
19 Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe."
19 Tendo-os saudado, contou-lhes uma por uma todas as coisas que Deus fizera entre os pagãos por seu ministério.
20 Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho."
20 Ouvindo isso, glorificaram a Deus e disseram a Paulo: Bem vês, irmão, quantos milhares de judeus abraçaram a fé sem abandonar seu zelo pela lei.
21 Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko."
21 Eles têm ouvido dizer de ti que ensinas os judeus, que vivem entre os gentios, a deixarem Moisés, dizendo que não devem circuncidar os seus filhos nem observar os costumes {mosaicos}.
22 Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ufikile."
22 Que se há de fazer? Sem dúvida, saberão de tua chegada.
23 Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso;"
23 Faze, pois, o que te vamos dizer. Temos aqui quatro homens que têm um voto.
24 wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho."
24 Toma-os contigo, faze com eles os ritos da purificação e paga por eles {a oferta obrigatória} para que rapem a cabeça. Então todos saberão que é falso quanto de ti ouviram, mas que também tu guardas a lei.
25 Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni."
25 Mas a respeito dos que creram dentre os gentios, já escrevemos, ordenando que se abstenham do que for sacrificado aos ídolos, do sangue, da carne sufocada e da fornicação.
26 Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye."
26 Então Paulo acompanhou aqueles homens no dia seguinte e, purificando-se com eles, entrou no templo e fez aí uma declaração do termo do voto, findo o qual se devia oferecer um sacrifício a favor de cada um deles.
27 Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla,"
27 Ao fim dos sete dias, os judeus, vindos da Ásia, viram Paulo no templo e amotinaram todo o povo. Lançando-lhe as mãos,
28 enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele."
28 gritavam: Ó judeus, valei-nos! Este é o homem que por toda parte prega a todos contra o povo, a lei e o templo. Além disso, introduziu até gregos no templo e profanou o lugar santo.
29 Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni."
29 É que tinham visto Trófimo, de Éfeso, com ele na cidade, e pensavam que Paulo o tivesse introduzido no templo.
30 Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango."
30 Alvoroçou-se toda a cidade com grande ajuntamento de povo. Agarraram Paulo e arrastaram-no para fora do templo, cujas portas se fecharam imediatamente.
31 Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile;"
31 Como quisessem matá-lo, o tribuno da coorte foi avisado de que toda Jerusalém estava amotinada.
32 owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos."
32 Ele tomou logo soldados e oficiais e correu aos manifestantes. Estes, ao avistarem o tribuno e os saldados, cessaram de espancar Paulo.
33 Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na."
33 Aproximando-se então o tribuno, prendeu-o e mandou acorrentá-lo com duas cadeias. Perguntou então quem era e o que havia feito.
34 Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi."
34 Na multidão todos gritavam de tal modo que, não podendo apurar a verdade por causa do tumulto, mandou que fosse recolhido à cidadela.
35 Xeshikweni wafikayo ke kumatye okunyuka, usuke wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yamandla esihlwele;"
35 Quando Paulo chegou às escadas, foi carregado pelos soldados, por causa do furor da multidão.
36 kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni."
36 O povo o seguia em massa dizendo aos gritos: À morte
37 Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe into kuwe? Wathi ke yena, Uyasazi na isiGrike?"
37 Quando estava para ser introduzido na fortaleza, Paulo perguntou ao tribuno: É-me permitido dizer duas palavras? Este respondeu: Sabes o grego!
38 Akunguye na kanene laa mYiputa, wathi phambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhukulisela entlango laa madoda angamawaka amane azizigebenga?"
38 Não és tu, portanto, aquele egípcio que há tempos levantou um tumulto e conduziu ao deserto quatro mil extremistas?
39 Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumntu ongumYuda waseTarso, umntu okowabo lingumzi ongadume ngako welaseKiliki; ndiyakucela ke, ndivumele ndikhe ndithethe kubo abantu."
39 Paulo replicou: Eu sou judeu, natural de Tarso, na Cilícia, cidadão dessa ilustre cidade. Mas rogo-te que me permitas falar ao povo.
40 Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Kwakuthiwa cwaka kakhulu, wadanduluka ngentetho yesiHebhere, esithi:"
40 O tribuno lho permitiu. Paulo, em pé nos degraus, acenou ao povo com a mão e se fez um grande silêncio. Falou em língua hebraica do seguinte modo:

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 21, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.