Atos 15
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa."
1 Então alguns que tinham descido da Judéia ensinavam aos irmãos: Se não vos circuncidardes, segundo o rito de Moisés, não podeis ser salvos.
2 Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo."
2 Tendo Paulo e Barnabé contenda e não pequena discussão com eles, os irmãos resolveram que Paulo e Barnabé e mais alguns dentre eles subissem a Jerusalém, aos apóstolos e aos anciãos, por causa desta questão.
3 Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana."
3 Eles, pois, sendo acompanhados pela igreja por um trecho do caminho, passavam pela Fenícia e por Samária, contando a conversão dos gentios; e davam grande alegria a todos os irmãos.
4 Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo."
4 E, quando chegaram a Jerusalém, foram recebidos pela igreja e pelos apóstolos e anciãos, e relataram tudo quanto Deus fizera por meio deles.
5 Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba baluke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses."
5 Mas alguns da seita dos fariseus, que tinham crido, levantaram-se dizendo que era necessário circuncidá-los e mandar-lhes observar a lei de Moisés.
6 Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo."
6 Congregaram-se pois os apóstolos e os anciãos para considerar este assunto.
7 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe."
7 E, havendo grande discussão, levantou-se Pedro e disse-lhes: Irmãos, bem sabeis que já há muito tempo Deus me elegeu dentre vós, para que os gentios ouvissem da minha boca a palavra do evangelho e cressem.
8 UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;"
8 E Deus, que conhece os corações, testemunhou a favor deles, dando-lhes o Espírito Santo, assim como a nós;
9 akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo."
9 e não fez distinção alguma entre eles e nós, purificando os seus corações pela fé.
10 Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?"
10 Agora, pois, por que tentais a Deus, pondo sobre a cerviz dos discípulos um jugo que nem nossos pais nem nós pudemos suportar?
11 Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo."
11 Mas cremos que somos salvos pela graça do Senhor Jesus, do mesmo modo que eles também.
12 Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo."
12 Então toda a multidão se calou e escutava a Barnabé e a Paulo, que contavam quantos sinais e prodígios Deus havia feito por meio deles entre os gentios.
13 Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni."
13 Depois que se calaram, Tiago, tomando a palavra, disse: Irmãos, ouvi-me:
14 USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama."
14 Simão relatou como primeiramente Deus visitou os gentios para tomar dentre eles um povo para o seu Nome.
15 Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,"
15 E com isto concordam as palavras dos profetas; como está escrito:
16 Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;"
16 Depois disto voltarei, e reedificarei o tabernáculo de Davi, que está caído; reedificarei as suas ruínas, e tornarei a levantá-lo;
17 Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto."
17 para que o resto dos homens busque ao Senhor, sim, todos os gentios, sobre os quais é invocado o meu nome,
18 Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe."
18 diz o Senhor que faz estas coisas, que são conhecidas desde a antiguidade.
19 Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;"
19 Por isso, julgo que não se deve perturbar aqueles, dentre os gentios, que se convertem a Deus,
20 kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi."
20 mas escrever-lhes que se abstenham das contaminações dos ídolos, da prostituição, do que é sufocado e do sangue.
21 Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha."
21 Porque Moisés, desde tempos antigos, tem em cada cidade homens que o preguem, e cada sábado é lido nas sinagogas.
22 Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana."
22 Então pareceu bem aos apóstolos e aos anciãos com toda a igreja escolher homens dentre eles e enviá-los a Antioquia com Paulo e Barnabé, a saber: Judas, chamado Barsabás, e Silas, homens influentes entre os irmãos.
23 Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi: Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki."
23 E por intermédio deles escreveram o seguinte: Os apóstolos e os anciãos, irmãos, aos irmãos dentre os gentios em Antioquia, na Síria e na Cicília, saúde.
24 Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:"
24 Portanto ouvimos que alguns dentre nós, aos quais nada mandamos, vos têm perturbado com palavras, confundindo as vossas almas,
25 kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos,"
25 pareceu-nos bem, tendo chegado a um acordo, escolher alguns homens e enviá-los com os nossos amados Barnabé e Paulo,
26 abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu."
26 homens que têm exposto as suas vidas pelo nome de nosso Senhor Jesus Cristo.
27 Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo."
27 Enviamos portanto Judas e Silas, os quais também por palavra vos anunciarão as mesmas coisas.
28 Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:"
28 Porque pareceu bem ao Espírito Santo e a nós não vos impor maior encargo além destas coisas necessárias:
29 zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle."
29 Que vos abstenhais das coisas sacrificadas aos ídolos, e do sangue, e da carne sufocada, e da prostituição; e destas coisas fareis bem de vos guardar. Bem vos vá.
30 Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo."
30 Então eles, tendo-se despedido, desceram a Antioquia e, havendo reunido a assembléia, entregaram a carta.
31 Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu."
31 E, quando a leram, alegraram-se pela consolação.
32 Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza."
32 Depois Judas e Silas, que também eram profetas, exortaram os irmãos com muitas palavras e os fortaleceram.
33 Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile."
33 E, tendo-se demorado ali por algum tempo, foram pelos irmãos despedidos em paz, de volta aos que os haviam mandado.
34 Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona."
34 {Mas pareceu bem a Silas ficar ali.}
35 Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi."
35 Mas Paulo e Barnabé demoraram-se em Antioquia, ensinando e pregando com muitos outros a palavra do Senhor.
36 Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na."
36 Decorridos alguns dias, disse Paulo a Barnabé: Tornemos a visitar os irmãos por todas as cidades em que temos anunciado a palavra do Senhor, para ver como vão.
37 Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;"
37 Ora, Barnabé queria que levassem também a João, chamado Marcos.
38 kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini."
38 Mas a Paulo não parecia razoável que tomassem consigo aquele que desde a Panfília se tinha apartado deles e não os tinha acompanhado no trabalho.
39 Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;"
39 E houve entre eles tal desavença que se separaram um do outro, e Barnabé, levando consigo a Marcos, navegou para Chipre.
40 kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana."
40 Mas Paulo, tendo escolhido a Silas, partiu encomendado pelos irmãos à graça do Senhor.
41 Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla."
41 E passou pela Síria e Cilícia, fortalecendo as igrejas.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 15, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.