Atos 14

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Kwathi ke eIkoniyo, bangena kunye endlwini yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike."
1 Em Icônio, Paulo e Barnabé, segundo seu costume, entraram na sinagoga dos judeus e ali pregaram, de tal modo que uma grande multidão de judeus e de gregos se converteu à fé.
2 Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana."
2 Mas os judeus, que tinham permanecido incrédulos, excitaram os ânimos dos pagãos contra os irmãos.
3 Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo."
3 Não obstante, eles se demoraram ali por muito tempo, falando com desassombro e confiança no Senhor, que dava testemunho à palavra da sua graça pelos milagres e prodígios que ele operava por mãos dos apóstolos.
4 Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile."
4 A população da cidade achava-se dividida: uns eram pelos judeus, outros pelos apóstolos.
5 Bathe ke, bakubon’ ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:"
5 Mas como se tivesse levantado um motim dos gentios e dos judeus, com os seus chefes, para os ultrajar e apedrejar,
6 bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;"
6 ao saberem disso, fugiram para as cidades da Licaônia, Listra e Derbe e suas circunvizinhanças.
7 baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo."
7 Ali pregaram o Evangelho.
8 Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe."
8 Em Listra vivia um homem aleijado das pernas, coxo de nascença, que nunca tinha andado.
9 Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,"
9 Sentado, ele ouvia Paulo pregar. Este, fixando nele os olhos e vendo que tinha fé para ser curado,
10 wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba."
10 disse em alta voz: Levanta-te direito sobre os teus pés! Ele deu um salto e pôs-se a andar.
11 Ke kaloku iindimbane, zakukubona oko akwenzileyo uPawulos, zaphakamisa izwi lazo ngokwesiLikawoni, zisithi, Oothixo bahlile beza kuthi, befana nabantu."
11 Vendo a multidão o que Paulo fizera, levantou a voz, gritando em língua licaônica: Deuses em figura de homens baixaram a nós!
12 Kanjalo zazimbiza uBharnabhas ngokuthi nguZeyus, noPawulos ngokuthi nguHermes, ekubeni ke ibinguye obesisithethi."
12 Chamavam a Barnabé Zeus e a Paulo Hermes, porque era este quem dirigia a palavra.
13 Kuthe ke umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane."
13 Um sacerdote de Zeus Propóleos trouxe para as portas touros ornados de grinaldas, querendo, de acordo com todo o povo, sacrificar-lhos.
14 Bekuvile ke oko abapostile, ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, batsiba phakathi kwendimbane, bedanduluka,"
14 Mas os apóstolos Barnabé e Paulo, ao perceberem isso, rasgaram as suas vestes e saltaram no meio da multidão:
15 besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;"
15 Homens, clamavam eles, por que fazeis isso? Também nós somos homens, da mesma condição que vós, e pregamos justamente para que vos convertais das coisas vãs ao Deus vivo, que fez o céu, a terra, o mar e tudo quanto neles há.
16 owathi ezizukulwaneni ezadlulayo waziyeka zonke iintlanga, ukuba zihambe ngezazo iindlela;"
16 Ele permitiu nos tempos passados que todas as nações seguissem os seus caminhos.
17 kanti ke noko akayekanga ukuzingqinela, esenza okulungileyo, esinika imvula evela ezulwini, namaxesha aneendyebo, ezanelisa iintliziyo zethu ngokudla nangemihlali."
17 Contudo, nunca deixou de dar testemunho de si mesmo, por seus benefícios: dando-vos do céu as chuvas e os tempos férteis, concedendo abundante alimento e enchendo os vossos corações de alegria.
18 Besitsho, kwaba ngenkankulu ukuzidambisa iindimbane, ukuba zingabingeleli kubo."
18 Apesar dessas palavras, não foi sem dificuldade que contiveram a multidão de sacrificar a eles.
19 Ke kaloku kwafika amaYuda evela kwa-Antiyokwe naseIkoniyo, azixhokonxa iindimbane, amxuluba ngamatye uPawulos, amrholela ngaphandle komzi, eba ufile."
19 Sobrevieram, porém, alguns judeus de Antioquia e de Icônio que persuadiram a multidão. Apedrejaram Paulo e, dando-o por morto, arrastaram-no para fora da cidade.
20 Uthe, bakubon’ ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe."
20 Os discípulos o rodearam. Ele se levantou e entrou na cidade. No dia seguinte, partiu com Barnabé para Derbe.
21 Bewushumayezile loo mzi iindaba ezilungileyo, benze nabafundi abaneleyo, babuya beza eListra, naseIkoniyo, nakwa-Antiyokwe,"
21 Depois de ter pregado o Evangelho à cidade de Derbe, onde ganharam muitos discípulos, voltaram para Listra, Icônio e Antioquia {da Pisídia}.
22 besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo."
22 Confirmavam as almas dos discípulos e exortavam-nos a perseverar na fé, dizendo que é necessário entrarmos no Reino de Deus por meio de muitas tribulações.
23 Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo."
23 Em cada igreja instituíram anciãos e, após orações com jejuns, encomendaram-nos ao Senhor, em quem tinham confiado.
24 Betyhutyhe elasePisidi, bafika kwelasePamfili."
24 Atravessaram a Pisídia e chegaram a Panfília.
25 Bathi, belithethile ilizwi ePerga; behla baya kwa-Atali."
25 Depois de ter anunciado a palavra do Senhor em Perge, desceram a Atália.
26 Besuka khona apho ngomkhombe, baya kwa-Antiyokwe, apho babenikelwe khona elubabalweni lukaThixo, ukuba baye emsebenzini, lo ke bawufezileyo."
26 Dali navegaram para Antioquia {da Síria}, de onde tinham partido, encomendados à graça de Deus para a obra que estavam a completar.
27 Befikile ke, balihlanganisa ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo."
27 Ali chegados, reuniram a igreja e contaram quão grandes coisas Deus fizera com eles, e como abrira a porta da fé aos gentios.
28 Balibala ke khona apho ixesha elingelincinane, ndawonye nabafundi."
28 Demoraram-se com os discípulos longo tempo.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Atos 14, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.