Apocalipse 2

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi:"
1 Escreve ao anjo da igreja que está em Éfeso: Isto diz aquele que tem na sua destra as sete estrelas, que anda no meio dos sete castiçais de ouro:
2 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki."
2 Eu sei as tuas obras, e o teu trabalho, e a tua paciência, e que não podes sofrer os maus; e puseste à prova os que dizem ser apóstolos e o não são e tu os achaste mentirosos;
3 Uthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa."
3 e sofreste e tens paciência; e trabalhaste pelo meu nome e não te cansaste.
4 Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo."
4 Tenho, porém, contra ti que deixaste o teu primeiro amor.
5 Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke."
5 Lembra-te, pois, de onde caíste, e arrepende-te, e pratica as primeiras obras; quando não, brevemente a ti virei e tirarei do seu lugar o teu castiçal, se não te arrependeres.
6 Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam."
6 Tens, porém, isto: que aborreces as obras dos nicolaítas, as quais eu também aborreço.
7 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo."
7 Quem tem ouvidos ouça o que o Espírito diz às igrejas: Ao que vencer, dar-lhe-ei a comer da árvore da vida que está no meio do paraíso de Deus.
8 Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi:"
8 E ao anjo da igreja que está em Esmirna escreve: Isto diz o Primeiro e o Último, que foi morto e reviveu:
9 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana."
9 Eu sei as tuas obras, e tribulação, e pobreza ( mas tu és rico), e a blasfêmia dos que se dizem judeus e não o são, mas são a sinagoga de Satanás.
10 Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi."
10 Nada temas das Sê fiel até à morte, e dar-te-ei a coroa da vida.
11 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini."
11 Quem tem ouvidos ouça o que o Espírito diz às igrejas: O que vencer não receberá o dano da segunda morte.
12 Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi: Utsho lowo unalo ikrele elintlangothi mbini, elibukhali, ukuthi:"
12 E ao anjo da igreja que está em Pérgamo escreve: Isto diz aquele que tem a espada aguda de dois fios:
13 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo."
13 Eu sei as tuas obras, e onde habitas,
14 Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo."
14 Mas umas poucas coisas tenho contra ti, porque tens lá os que seguem a doutrina de Balaão, o qual ensinava Balaque a lançar tropeços diante dos filhos de Israel para que comessem dos sacrifícios da idolatria e se prostituíssem.
15 Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo."
15 Assim, tens também os que seguem a doutrina dos nicolaítas, o que eu aborreço.
16 Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam."
16 Arrepende-te, pois; quando não, em breve virei a ti e contra eles batalharei com a espada da minha boca.
17 Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo."
17 Quem tem ouvidos ouça o que o Espírito diz às igrejas: Ao que vencer darei eu a comer do maná escondido e dar-lhe-ei uma pedra branca, e na pedra um novo nome escrito, o qual ninguém conhece senão aquele que o recebe.
18 Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi: Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, onyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, ukuthi:"
18 E ao anjo da igreja de Tiatira escreve: Isto diz o Filho de Deus, que tem os olhos como chama de fogo e os pés semelhantes ao latão reluzente:
19 Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nokuba imisebenzi yakho yokugqibela imininzi kuneyokuqala."
19 Eu conheço as tuas obras, e o teu amor, e o teu serviço, e a tua fé, e a tua paciência, e que as tuas últimas obras
20 Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo."
20 Mas tenho contra ti o tolerares que Jezabel, mulher que se diz profetisa, ensine e engane os meus servos, para que se prostituam e comam dos sacrifícios da idolatria.
21 Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka."
21 E dei-lhe tempo para que se arrependesse da sua prostituição; e não se arrependeu.
22 Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;"
22 Eis que a porei numa cama, e sobre os que adulteram com ela virá grande tribulação, se não se arrependerem das suas obras.
23 nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu."
23 E ferirei de morte a seus filhos, e todas as igrejas saberão que eu sou aquele que sonda as mentes e os corações. E darei a cada um de vós segundo as vossas obras.
24 Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshovo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi."
24 Mas eu vos digo a vós e aos restantes que
25 Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike."
25 Mas o que tendes, retende-o até que eu venha.
26 Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga."
26 E ao que vencer e guardar até ao fim as minhas obras, eu lhe darei poder sobre as nações,
27 Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;"
27 e com vara de ferro as regerá; e serão quebradas como vasos de oleiro; como também recebi de meu Pai,
28 ndiya kumnika ikhwezi lokusa."
28 dar-lhe-ei a estrela da manhã.
29 Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla."
29 Quem tem ouvidos ouça o que o Espírito diz às igrejas.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Apocalipse 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.