Apocalipse 20
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF
1 Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso."
1 E vi descer do céu um anjo, que tinha a chave do abismo, e uma grande cadeia na sua mão.
2 Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka."
2 Ele prendeu o dragão, a antiga serpente, que é o Diabo e Satanás, e amarrou-o por mil anos.
3 Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane."
3 E lançou-o no abismo, e ali o encerrou, e pôs selo sobre ele, para que não mais engane as nações, até que os mil anos se acabem. E depois importa que seja solto por um pouco de tempo.
4 Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka."
4 E vi tronos; e assentaram-se sobre eles, e foi-lhes dado o poder de julgar; e vi as almas daqueles que foram degolados pelo testemunho de Jesus, e pela palavra de Deus, e que não adoraram a besta, nem a sua imagem, e não receberam o sinal em suas testas nem em suas mãos; e viveram, e reinaram com Cristo durante mil anos.
5 Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala."
5 Mas os outros mortos não reviveram, até que os mil anos se acabaram. Esta é a primeira ressurreição.
6 Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka."
6 Bem-aventurado e santo aquele que tem parte na primeira ressurreição; sobre estes não tem poder a segunda morte; mas serão sacerdotes de Deus e de Cristo, e reinarão com ele mil anos.
7 Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe;"
7 E, acabando-se os mil anos, Satanás será solto da sua prisão,
8 aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni ezine zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, abanani labo lingangentlabathi yaselwandle."
8 E sairá a enganar as nações que estão sobre os quatro cantos da terra, Gogue e Magogue, cujo número é como a areia do mar, para as ajuntar em batalha.
9 Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba."
9 E subiram sobre a largura da terra, e cercaram o arraial dos santos e a cidade amada; e de Deus desceu fogo, do céu, e os devorou.
10 UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni."
10 E o diabo, que os enganava, foi lançado no lago de fogo e enxofre, onde estão a besta e o falso profeta; e de dia e de noite serão atormentados para todo o sempre.
11 Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto."
11 E vi um grande trono branco, e o que estava assentado sobre ele, de cuja presença fugiu a terra e o céu; e não se achou lugar para eles.
12 Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo."
12 E vi os mortos, grandes e pequenos, que estavam diante de Deus, e abriram-se os livros; e abriu-se outro livro, que é o da vida. E os mortos foram julgados pelas coisas que estavam escritas nos livros, segundo as suas obras.
13 Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe."
13 E deu o mar os mortos que nele havia; e a morte e o inferno deram os mortos que neles havia; e foram julgados cada um segundo as suas obras.
14 Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini."
14 E a morte e o inferno foram lançados no lago de fogo. Esta é a segunda morte.
15 Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo."
15 E aquele que não foi achado escrito no livro da vida foi lançado no lago de fogo.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Apocalipse 20, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.