Apocalipse 18
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso."
1 Depois disso, vi descer do céu outro anjo que tinha grande poder, e a terra foi iluminada por sua glória.
2 Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi: Iwile, iwile iBhabheli enkulu, Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo."
2 Clamou em alta voz, dizendo: Caiu, caiu Babilônia, a Grande. Tornou-se morada dos demônios, prisão dos espíritos imundos e das aves impuras e abomináveis,
3 Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo."
3 porque todas as nações beberam do vinho da ira de sua luxúria, pecaram com ela os reis da terra e os mercadores da terra se enriqueceram com o excesso do seu luxo.
4 Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo."
4 Ouvi outra voz do céu que dizia: Meu povo, sai de seu meio para que não participes de seus pecados e não tenhas parte nas suas pragas,
5 Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo."
5 porque seus pecados se acumularam até o céu, e Deus se lembrou das suas injustiças.
6 Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo, Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo; Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani."
6 Faze com ela o que fez {contigo}, e retribui-lhe o dobro de seus malefícios; na taça que ela deu de beber, dá-lhe o dobro.
7 Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo. Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili."
7 Na mesma proporção em que fez ostentação de luxo, dá-lhe em tormentos e prantos. Pois ela disse no seu coração: Estou no trono como rainha, e não viúva, e nunca conhecerei o luto.
8 Ngenxa yoko ziya kufika ngamini-nye izibetho zayo, Ukufa, nesijwili, nendlala. Iya kutsha ngumlilo, Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo."
8 Por isso, num só dia virão sobre ela as pragas: morte, pranto, fome. Ela será consumida pelo fogo, porque forte é o Senhor Deus que a condenou.
9 Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;"
9 Hão de chorar e lamentar-se por sua causa os reis da terra que com ela se contaminaram e pecaram, quando avistarem a fumaça do seu incêndio.
10 Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho."
10 Parados ao longe, de medo de seus tormentos, eles dirão: Ai, ai da grande cidade, Babilônia, cidade poderosa! Bastou um momento para tua execução!
11 Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benze isijwili ngenxa yayo, Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:"
11 Também os negociantes da terra choram e se lamentam a seu respeito, porque já não há ninguém que lhes compre os carregamentos:
12 Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile, Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa, Nomthi wonke ongumsedare, Nezitya zonke zeempondo zeendlovu, Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu, Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,"
12 carregamento de ouro e prata, pedras preciosas e pérolas, linho e púrpura, seda e escarlate, bem como de toda espécie de madeira odorífera, objetos de marfim e madeira preciosa; de bronze, ferro e mármore;
13 Nesinamon, neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe, Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo, Nemizimba nemiphefumlo yabantu."
13 de cinamomo e essência; de aromas, mirra e incenso; de vinho e óleo, de farinha e trigo, de animais de carga, ovelhas, cavalos e carros, escravos e outros homens.
14 Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; Akusayi kuba sazifumana zona."
14 Eis que o bom tempo de tuas paixões animalescas se escoou. Toda a magnificência e todo o brilho se apagaram, e jamais serão reencontrados.
15 Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,"
15 Os mercadores destas coisas, que delas se enriqueceram, pararão ao longe, de medo de seus tormentos, e hão de chorar e lamentar-se, dizendo:
16 Belila, besenza isijwili, besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka."
16 Ai, ai da grande cidade, que se revestia de linho, púrpura e escarlate, toda ornada de ouro, pedras preciosas e pérolas.
17 Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni, Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle,"
17 Num só momento toda essa riqueza foi devastada! Todos os pilotos e todos os navegantes, os marinheiros e todos os que trabalham no mar paravam ao longe
18 Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu?"
18 e exclamavam, ao ver a fumaça do incêndio: Que havia de comparável a essa grande cidade?
19 Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzimkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! Ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe."
19 E lançavam pó sobre as cabeças, chorando e lamentando-se com estas palavras: Ai, ai da grande cidade, de cuja opulência se enriqueceram todos os que tinham navios no mar. Bastou um momento para ser arrasada!
20 Wenzele imihlali, nina mazulu, Nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo."
20 Exulta sobre ela, ó céu; e também vós, santos, apóstolos e profetas, porque Deus julgou contra ela a vossa causa.
21 Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi: Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa."
21 Então um anjo poderoso tomou uma pedra do tamanho de uma grande mó de moinho e lançou-a no mar, dizendo: Com tal ímpeto será precipitada Babilônia, a grande cidade, e jamais será encontrada.
22 Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavutheli-maxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe; Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe; Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;"
22 Já não se ouvirá mais em ti o som dos citaristas, dos cantores, dos tocadores de flauta, de trombetas. Nem se encontrará em ti artífice algum de qualquer espécie. Não se ouvirá mais em ti o ruído do moinho,
23 Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho."
23 não brilhará mais em ti a luz de lâmpada, não se ouvirá mais em ti a voz do esposo e da esposa; porque teus mercadores eram senhores do mundo, e todas as nações foram seduzidas por teus malefícios.
24 Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele, Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni."
24 Foi em ti que se encontrou o sangue dos profetas e dos santos, como também de todos aqueles que foram imolados na terra.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Apocalipse 18, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.