Amós 8

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT

Sair da comparação
NVT Nova Versão Transformadora
1 Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni."
1 Em outra visão, o S enhor Soberano me mostrou um cesto cheio de frutas maduras
2 Yathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ingobozi, ineziqhamo zasehlotyeni. Wathi uYehova kum, Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo."
2 e perguntou: “Amós, o que você vê?”. Respondi: “Um cesto cheio de frutas maduras”. Então o S
3 Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize!"
3 Naquele dia, os cânticos no templo se transformarão em lamentos. Haverá cadáveres espalhados por toda parte, e serão levados em silêncio para fora da cidade. Eu, o S enhor Soberano, falei!”.
4 Yivani oku, nina bawazondayo amahlwempu, ukuba nibaphelise abaziintsizana belizwe, nisithi,"
4 Ouçam isto, vocês que roubam dos pobres e oprimem os necessitados!
5 Kuya kugqitha nini na ukuthwasa kwenyanga, sithengise ngengqolowa? Iya kugqitha nini na isabatha, sivule izisele zengqolowa, ukuze sinciphise iefa, sikhulise ishekele, sigqwethe isikali, sibe sesokukhohlisa?"
5 Não veem a hora de o sábado acabar e as festas religiosas terminarem para que voltem a fazer negócios. Usam medidas falsas para medir o trigo e enganam o comprador com balanças desonestas.
6 ukuze sizithenge izisweli ngesilivere, namahlwempu ngeembadada ezimbini, sithengise ngomdlungu wengqolowa?"
6 Misturam o trigo que vendem com palha varrida do chão. Escravizam os pobres por uma moeda de prata ou um par de sandálias.
7 Ulifungile uYehova iqhayiya likaYakobi, esithi, Inyaniso, andiyi kuzilibala naphakade izenzo zabo zonke."
7 O S enhor , a Glória de Israel, jurou por seu próprio nome: “Jamais esquecerei tudo que vocês fizeram!
8 Aliyi kugungqa na ngenxa yoku ilizwe, benze isijwili bonke abemiyo kulo? aliyi kunyuka na lonke liphela njengoMnayile, lisuke amadlu, liwuthe njengoMnayile waseYiputa?"
8 A terra tremerá por causa de suas maldades, e todos que nela habitam lamentarão. A terra se levantará como o Nilo, o rio do Egito, na época das enchentes; ela se erguerá e depois afundará.
9 Kothi ngaloo mini, itsho iNkosi uYehova, ndilitshonise ilanga emini enkulu, ndenze ubumnyama ehlabathini ngemini elisileyo."
9 “Naquele dia”, diz o S enhor Soberano, “farei o sol se pôr ao meio-dia e em plena luz do dia escurecerei a terra.
10 Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra."
10 Transformarei suas festas em tempos de lamento e seus cânticos, em canções fúnebres. Vocês se vestirão de luto e rasparão a cabeça, como se seu único filho tivesse morrido; será um dia de muita amargura!
11 Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova."
11 “Está chegando o tempo”, diz o S enhor Soberano, “em que enviarei fome sobre a terra, não fome de pão nem sede de água, mas de ouvir as palavras do S
12 Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani."
12 As pessoas andarão sem rumo, de mar em mar e de um extremo ao outro, em busca da palavra do S mas não a encontrarão.
13 Ngaloo mini uya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano."
13 Naquele dia, moças belas e rapazes fortes desmaiarão de sede.
14 Bona abo bafunga ityala lakwaSamari; bathi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bathi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka."
14 E aqueles que juram pelos ídolos de Samaria, que fazem juramentos em nome do deus de Dã e votos em nome do deus de Berseba, todos eles cairão e nunca mais se levantarão.”

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Amós 8, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.