2 Samuel 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Kwathi, xa ukumkani ahleliyo endlwini yakhe, uYehova emphumzile ngeenxa zonke ezintshabeni zakhe zonke,"
1 O rei Davi conseguiu controlar completamente o seu reino, e o Senhor Deus o livrou de todos os seus inimigos.
2 wathi ukumkani kuNatan umprofeti, Khawukhangele, ndihleli endlwini yemisedare, ke yona ityeya kaThixo ihleli phakathi kwamalengalenga."
2 Um dia Davi disse ao profeta Natã: — Veja só! Aqui estou eu, morando numa casa revestida de madeira de cedro, enquanto a
3 Wathi uNatan kukumkani, Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe."
3 Natã respondeu: — Faça tudo o que quiser porque o
4 Kwathi ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi,"
4 Mas naquela noite o Senhor disse a Natã:
5 Hamba uye kuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova ukuthi, Wena uya kundakhela indlu yokuba ndihlale na?"
5 — Vá e diga ao meu servo Davi que eu mandei dizer o seguinte: “Não é você a pessoa que deve construir um templo para eu morar nele.
6 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba."
6 Desde que tirei do Egito o povo de Israel e até hoje, eu não tenho morado em nenhum templo. Tenho viajado morando numa barraca.
7 Lonke ixesha endahambahamba ngalo phakathi koonyana bonke bakaSirayeli, ndakha ndalithetha na ilizwi nakusinye isizwe sakwaSirayeli endasiwisela umthetho wokuba sibaluse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, Yini na ukuba ningandakheli indlu yemisedare?"
7 Em todas as minhas viagens com o povo de Israel, nunca perguntei aos líderes que escolhi por que razão eles não construíram para mim um templo revestido de cedro.”
8 Ke ngoko wotsho ukuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndakuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli;"
8 Portanto, diga ao meu servo Davi que eu, o Senhor Todo-Poderoso, digo o seguinte: “Eu tirei você do trabalho de cuidar de ovelhas nos campos, para que governasse o meu povo de Israel.
9 ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini;"
9 Estive com você em todos os lugares por onde tem ido e, conforme você foi avançando, eu o defendi de todos os seus inimigos. Eu farei com que você seja famoso, tão famoso quanto os maiores líderes do mundo. Escolhi um lugar para o meu povo de Israel e o fiz morar ali, onde eles viverão em paz. Desde que entraram nesta terra, eles têm sido atacados por povos violentos, mas isso não acontecerá mais. Eu prometo que livrarei você de todos os seus inimigos e que lhe darei descendentes.
10 ndabamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagunqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni,"
10 — ausente —
11 kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi. Ndiya kukuphumza ezintshabeni zakho zonke. UYehova uyakuxelela ukuba uYehova uya kukwenzela indlu."
11 — ausente —
12 Xa ithe yazaliseka imihla yakho, walala kooyihlo, ndoyiphakamisa emva kwakho imbewu yakho, eya kuphuma ezibilini zakho, ndibuqinise ubukumkani bakhe."
12 E, quando você morrer e for sepultado ao lado dos seus antepassados, eu colocarei um dos seus filhos como rei e tornarei forte o reino dele.
13 Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni."
13 Será ele quem construirá um templo para mim, e eu farei com que os seus descendentes governem para sempre.
14 Mna ndiya kuba nguyise wakhe, yena abe ngunyana wam; endothi ebugwenxeni bakhe, ndimohlwaye ngentonga yabantu, nangobetho loonyana baka-Adam."
14 Eu serei o pai dele, e ele será meu filho. Quando ele errar, eu o castigarei como um pai castiga seu filho.
15 Ke yona inceba yam ayiyi kusuka kuye, njengoko ndayisusayo kuSawule, endimsusileyo ebusweni bakho."
15 Porém não retirarei dele o meu amor, como fiz com Saul, para que você pudesse ser rei.
16 Iya kuqina indlu yakho nobukumkani bakho kude kuse ephakadeni phambi kwakho; itrone yakho iya kuqiniseka kude kuse ephakadeni."
16 Você sempre terá descendentes, e eu farei com que o seu reino dure para sempre. E a sua descendência real nunca terminará.”
17 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo ukuthetha uNatan kuDavide."
17 E Natã contou a Davi tudo o que Deus lhe havia revelado.
18 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Nkosi yam Yehova? Iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?"
18 O rei Davi entrou na barraca, sentou-se e orou assim: — Ó
19 Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova; uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama. Le nto ke lisiko lomntu na, uNkosi yam Yehova?"
19 E, como se as bênçãos do passado ainda fossem poucas, agora estás fazendo promessas a respeito dos meus descendentes no futuro. E deixaste um homem ver isso, ó Senhor , meu Deus!
20 Angabuya abe esathetha ntoni na ke uDavide kuwe? Wena uyamazi umkhonzi wakho, Nkosi yam Yehova."
20 O que mais posso te dizer? Tu me conheces, pois sou teu servo .
21 Ngenxa yelizwi lakho, nangokwentliziyo yakho, ubenzile bonke obo bukhulu, ukuba ubazise umkhonzi wakho."
21 Era o teu desejo e propósito fazer isso; e tu me deixaste saber de todas essas grandes coisas.
22 Ngenxa yoko umkhulu, Yehova Thixo; ngokuba akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu."
22 Como és grande, ó Senhor , nosso Deus! Não há ninguém igual a ti; como temos ouvido dizer, somente tu és Deus; não existe outro.
23 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho, olunjengamaSirayeli, awaya kuzikhululela uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba azimisele igama ngalo, anenzele izenzo ezikhulu nina, alenzele izenzo ezoyikekayo ilizwe lakho ebusweni babantu bakho, owazikhululelayo bona eYiputa, ezintlangeni nakoothixo bazo?"
23 Não há nenhuma outra nação na terra como o teu povo de Israel, que libertaste para ser o teu próprio povo. Tu te tornaste famoso e fizeste grandes e maravilhosas coisas por eles. Tu libertaste o teu povo do Egito e expulsaste as outras nações e os seus deuses conforme o teu povo ia avançando.
24 Uziqinisele abantu bakho amaSirayeli, ukuba babe ngabantu kuwe kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo."
24 Ó Senhor , tu fizeste com que o teu povo de Israel fosse teu para sempre e te tornaste o seu Deus.
25 Kaloku, Yehova Thixo, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, limise kude kuse ephakadeni, wenze njengoko ukuthethileyo;"
25 — E agora, ó Senhor , nosso Deus, confirma a promessa que fizeste a meu respeito e a respeito da minha família e cumpre o que disseste que ia acontecer.
26 likhule igama lakho kude kuse ephakadeni; kusithiwa, UYehova wemikhosi nguThixo wamaSirayeli, nendlu yomkhonzi wakho uDavide izinzile phambi kwakho."
26 A tua fama será grande, e para sempre as pessoas dirão: “O Senhor Todo-Poderoso é o Deus de Israel.” E tu farás com que sempre haja reis entre os meus descendentes.
27 Ngokuba wena, Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, utyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, wathi, Ndiya kukwakhela indlu; ngenxa yoko umkhonzi wakho uyifumene intliziyo yokuze awuthandaze kuwe lo mthandazo."
27 Senhor Todo-Poderoso, Deus de Israel! Eu tenho coragem para te fazer esta oração porque revelaste a mim, teu servo , que farás com que os meus descendentes sejam reis.
28 Kaloku, Nkosi yam Yehova, unguye uThixo; namazwi akho aya kuba yinyaniso. Uthethe oko kulungileyo kumkhonzi wakho;"
28 — E mais. Tu, ó Senhor , me fizeste esta maravilhosa promessa, e as tuas promessas sempre se cumprem porque tu és Deus.
29 kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Nkosi yam Yehova, uthethile. Ngentsikelelo yakho mayisikelelwe indlu yomkhonzi wakho ngonaphakade."
29 Eu te peço agora que abençoes os meus descendentes para que eles continuem a ter sempre a tua proteção. Tu, ó Senhor , meu Deus, prometeste isso. Que a tua bênção esteja com os meus descendentes para sempre!

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Samuel 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.