2 Samuel 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Zeza zonke izizwe zakwaSirayeli kuDavide eHebron, zatsho ukuthi, Uyabona, silithambo lakho nenyama yakho."
1 Todas as tribos de Israel vieram ter com Davi em Hebron e disseram,-lhe: Vê: não somos nós teus ossos e tua carne?
2 Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yinganga yamaSirayeli."
2 Já antes, quando Saul era nosso rei, eras tu que dirigias os negócios de Israel. O Senhor te disse: és tu que apascentarás o meu povo e serás o chefe de Israel.
3 Aya ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron. Wenza umnqophiso nawo ukumkani uDavide eHebron phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli."
3 Vieram, pois, todos os anciãos de Israel ter com o rei em Hebron. Davi fez com eles um tratado diante do Senhor e eles sagraram-no rei de Israel.
4 UDavide ubeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukwenziwa kwakhe ukumkani; waba neminyaka emashumi mane engukumkani."
4 Davi tinha trinta anos quando começou a reinar, e seu reinado durou quarenta anos:
5 Waba ngukumkani wakwaYuda eHebron iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu; eYerusalem waba ngukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu kumaSirayeli onke namaYuda."
5 sete anos e meio sobre Judá, em Hebron, e depois trinta e três anos em Jerusalém, sobre todo o Israel e Judá.
6 Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho."
6 Davi partiu com seus homens para Jerusalém, contra os jebuseus que ocupavam a terra. Estes disseram a Davi: Tu não entrarás aqui: cegos e coxos te repelirão! {O que queria dizer: Davi não entrará jamais aqui.}
7 UDavide wayithimba imboniselo yeZiyon: ngumzi kaDavide ke lowo."
7 Mas Davi apoderou-se da fortaleza de Sião, que é a cidade de Davi.
8 Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini."
8 Davi dissera naquele dia: Quem quiser abater os jebuseus, siga o canal para atingir esses cegos e coxos, inimigos de Davi. De onde o ditado: Nem cego nem coxo entrarão na casa.
9 UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wakha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi."
9 Davi estabeleceu-se na fortaleza e chamou-a Cidade de Davi. Cercou-a de muralhas desde Milo, e construiu no interior.
10 Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye."
10 Davi ia-se fortificando, e o Senhor, Deus dos exércitos, estava com ele.
11 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu."
11 O rei de Tiro, Hirão, mandou-lhe mensageiros, com madeira de cedro, carpinteiros e pedreiros, para construir-lhe um palácio.
12 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli."
12 Davi reconheceu que o Senhor firmava o seu trono em Israel e exaltava a sua realeza por causa de seu povo.
13 UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide."
13 Davi tomou mais concubinas e mulheres em Jerusalém, depois que deixou Hebron, e teve delas filhos e filhas.
14 Ngawo la amagama abo wabazalelwayo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,"
14 Eis os nomes dos filhos que teve em Jerusalém:
15 noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,"
15 Samua, Sobab, Natã, Salomão, Jebaar, Elisua, Nefeg,
16 noElishama, noEliyada, noElifelete."
16 Jafia, Elisama, Elioda e Elifalet.
17 Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli: enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni."
17 Quando os filisteus souberam que Davi fora ungido rei de Israel, puseram-se todos em campanha para apoderar-se dele. Informado disto, Davi desceu à fortaleza.
18 AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa."
18 Os filisteus, desde que chegaram, espalharam-se pelo vale dos Gigantes.
19 Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyuke na, ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho."
19 Davi consultou o Senhor, dizendo: Devo subir ao encontro dos filisteus? Entregá-los-eis nas minhas mãos? Vai, respondeu o Senhor, eu os entregarei certamente nas tuas mãos.
20 UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim."
20 Veio Davi a Baal-Farasim, onde os derrotou. O Senhor, disse ele, rompeu os meus inimigos diante de mim, como as águas rompem os diques. Por isso chamou àquele lugar Baal-Farasim.
21 Azishiya izithixo zawo; bazithabatha uDavide namadoda akhe."
21 Os filisteus abandonaram ali seus ídolos; Davi e seus homens os levaram.
22 Abuya aphinda enyuka amaFilisti, athi dwe entilini yamaRafa."
22 Os filisteus voltaram ao ataque, espalhando-se pelo vale dos Gigantes.
23 Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka."
23 Davi consultou o Senhor, que lhe respondeu: Não vás ao seu encontro, mas dá a volta por detrás deles e os atingirás do lado das amoreiras.
24 Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba woba uphumile phambi kwakho uYehova ngelaxesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti."
24 Quando ouvires um rumor de passos, então apressa-te e ataca, porque o Senhor irá adiante de ti para esmagar o exército dos filisteus.
25 Wenjenjalo uDavide, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako; wawaxabela amaFilisti, wathabathela eGebha wada waya eGezere."
25 Davi fez como lhe ordenara o Senhor, e feriu os filisteus desde Gabaa até Gezer.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Samuel 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.