2 Samuel 24
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NAA
1 Ke kaloku wabuya wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wamxhokonxela uDavide kuwo, esithi, Yiya, uwabale amaSirayeli namaYuda."
1 Mais uma vez a ira do Senhor se acendeu contra os israelitas, e ele incitou Davi contra eles, dizendo: — Vá e levante o censo de Israel e de Judá.
2 Wathi ke ukumkani kuYowabhi, umthetheli-mpi obenaye, Khawutyhutyhe ezizweni zonke zakwaSirayeli, uthabathela kwaDan use eBher-shebha, nibabale abantu, ndilazi inani labantu."
2 O rei disse a Joabe, comandante do seu exército: — Percorra todas as tribos de Israel, desde Dã até Berseba, e levante o censo do povo, para que eu saiba o seu número.
3 Wathi uYowabhi kukumkani, Makongeze ke uYehova uThixo wakho ebantwini izihlandlo ezilikhulu, bengangoko bangako, abone namehlo enkosi yam ukumkani; ke yini na ukuba inkosi yam ukumkani iyifune le nto?"
3 Então Joabe disse ao rei: — Que o
4 Laqina ilizwi lokumkani kuYowabhi nakubathetheli-mpi. Waphuma ke uYowabhi nabathetheli-mpi phambi kokumkani, baya kubabala abantu bakwaSirayeli."
4 Porém a palavra do rei prevaleceu contra Joabe e contra os chefes do exército. Então eles saíram da presença do rei, para levantar o censo do povo de Israel.
5 Bawela eYordan, bamisa eArohere, ngasekunene komzi ophakathi kwesihlambo sakwaGadi naseYazere;"
5 Passaram o Jordão e acamparam em Aroer, à direita da cidade que está no meio do vale de Gade, e foram a Jazer.
6 baya eGiliyadi nasezweni laseTatim-hodeshe, baya nakwaDan-yahan, bajikelezela kowakwaTsidon;"
6 Dali foram a Gileade e chegaram até Cades, na terra dos heteus. Seguiram a Dã-Jaã e viraram-se para Sidom.
7 baya nasenqabeni yaseTire, nasemizini yonke yamaHivi neyamaKanan; baya baphuma kwelisezantsi lakwaYuda eBher-shebha."
7 Chegaram à fortaleza de Tiro e a todas as cidades dos heveus e dos cananeus, de onde saíram para o Sul de Judá, a Berseba.
8 Balityhutyha ke lonke ilizwe, beza eYerusalem ekupheleni kweenyanga ezisithoba ezineentsuku ezimashumi mabini."
8 Assim, percorreram toda a terra e, depois de nove meses e vinte dias, chegaram a Jerusalém.
9 UYowabhi wamnika ke ukumkani inani lokubalwa kwabantu: aza amaSirayeli aba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda anobukroti, arhola ikrele; amadoda akwaYuda aba ngamakhulu amahlanu amawaka amadoda."
9 Joabe apresentou ao rei o resultado do recenseamento do povo: havia em Israel oitocentos mil homens de guerra, que puxavam da espada; e em Judá eram quinhentos mil.
10 Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ngobudenge obukhulu."
10 Depois de haver recenseado o povo, Davi ficou com dor no coração. Ele disse ao Senhor : — Cometi um grande pecado ao fazer o que fiz. Mas agora, ó
11 Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,"
11 Quando Davi se levantou pela manhã, a palavra do Senhor veio ao profeta Gade, vidente de Davi, dizendo:
12 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikumisela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe."
12 — Vá e diga a Davi: Assim diz o Senhor : “Eu lhe ofereço três opções; escolha uma delas, para que eu a execute contra você.”
13 Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzelwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usabe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na? Kubekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, ulenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo."
13 Gade foi falar com Davi e lhe comunicou isso, dizendo: — Você quer sete anos de fome na sua terra, três meses fugindo dos seus inimigos, que vão persegui-lo, ou três dias de peste na sua terra? Decida, agora, e diga que resposta devo dar ao que me enviou.
14 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu."
14 Então Davi disse a Gade: — Estou muito angustiado. Porém é preferível que caiamos nas mãos do
15 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda."
15 Então o Senhor enviou a peste a Israel, desde a manhã até o tempo que havia determinado. E, desde Dã até Berseba, morreram setenta mil homens do povo.
16 Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sitshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandeni sika-Aravena umYebhusi."
16 Quando o Anjo do Senhor estendeu a mão sobre Jerusalém, para a destruir, o Senhor mudou de ideia quanto a este mal e disse ao Anjo que fazia a destruição entre o povo: — Basta! Retire a sua mão. O Anjo estava junto à eira de Araúna, o jebuseu.
17 Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Uyabona, ndonile mna, ndenze ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenze ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo."
17 Ao ver o Anjo que feria o povo, Davi falou ao Senhor e disse: — Eu é que pequei. Eu é que fiz essa perversidade. Mas estas ovelhas o que fizeram? Que a tua mão seja contra mim e contra a casa de meu pai.
18 Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandeni sika-Aravena umYebhusi."
18 Naquele mesmo dia, Gade foi falar com Davi e lhe disse: — Vá e edifique um altar ao
19 Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako."
19 Davi foi segundo a palavra de Gade, como o Senhor lhe havia ordenado.
20 Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni."
20 Araúna viu, do alto, que o rei e os seus homens vinham ao seu encontro. Saiu e se inclinou diante do rei, com o rosto em terra.
21 Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isanda kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini."
21 E perguntou: — Por que o rei, meu senhor, vem até este seu servo? Davi respondeu: — Para comprar de você esta eira, a fim de edificar nela um altar ao
22 Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni."
22 Então Araúna disse a Davi: — Que o rei, meu senhor, tome e ofereça o que bem quiser. Aqui estão os bois para o holocausto, o debulhador de cereais e a canga dos bois para a lenha.
23 Zonke ezi zinto, kumkani, uAravena uzinika ukumkani. Wathi uAravena kukumkani, UYehova uThixo wakho makakholiswe nguwe."
23 Tudo isto, ó rei, Araúna oferece ao rei. E acrescentou: — Que o
24 Wathi ukumkani kuAravena, Hayi, ndiya kusithenga ngexabiso kuwe; andiyi kunyusa ndise kuYehova uThixo wam amadini anyukayo endiwazuze ngelize. Wasithenga ke uDavide isanda neenkomo ezo ngeeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu."
24 Porém o rei disse a Araúna: — Não! Eu vou comprar de você pelo que vale. Porque não oferecerei ao Assim, Davi comprou a eira e os bois por cinquenta moedas de prata.
25 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli."
25 Davi edificou ali um altar ao Senhor e apresentou holocaustos e ofertas pacíficas. Assim, o Senhor se tornou favorável para com a terra, e a praga cessou no meio de Israel.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Samuel 24, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.