2 Samuel 19

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT

Sair da comparação
NVT Nova Versão Transformadora
1 Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, Nanko ukumkani elila, esenza isijwili ngoAbhisalom."
1 Logo chegou a Joabe a notícia de que o rei chorava e lamentava a morte de Absalão.
2 Usindiso lwajika lwaba sisijwili ngaloo mini ebantwini bonke; ngokuba abantu beva ngaloo mini kusithiwa, Ukumkani wenza isijwili ngonyana wakhe."
2 Quando o povo soube da grande tristeza do rei pela morte de seu filho, a alegria da vitória daquele dia se transformou em profundo pesar.
3 Abantu banyebeleza ngaloo mini ukungena kwabo phakathi komzi, njengokunyebeleza kwabantu abazihlazisileyo ngokusaba ekulweni."
3 Os soldados entraram na cidade sem chamar a atenção, como se estivessem envergonhados e houvessem fugido da batalha.
4 Ke ukumkani wazigqubuthela ubuso, wahlahlamba ukumkani ngezwi elikhulu, wathi, Nyana wam, Abhisalom! Abhisalom, nyana wam, nyana wam!"
4 O rei cobriu o rosto com as mãos e continuou a chorar: “Ah, meu filho Absalão! Ah, Absalão, meu filho, meu filho!”.
5 Weza uYowabhi kukumkani endlwini, wathi, Ubudanisile namhla ubuso babakhonzi bakho bonke, abawusindisileyo namhla umphefumlo wakho, nomphefumlo woonyana bakho noweentombi zakho, nomphefumlo wabafazi bakho, nomphefumlo wamashweshwe akho,"
5 Então Joabe foi até o quarto do rei e disse: “Hoje salvamos sua vida e a vida de seus filhos e filhas e de suas esposas e concubinas. E, no entanto, o senhor age desse modo e nos faz sentir envergonhados.
6 ngokubathanda abakuthiyayo, nangokubathiya abakuthandayo. Ngokuba uxelile namhla, ukuba abanto kuwe abathetheli nabakhonzi; ngokuba ndazile namhla, ukuba ngekulungile emehlweni akho, ukuba ubethe wadla ubomi uAbhisalom, thina safa sonke siphela."
6 Parece amar os que o odeiam e odiar os que o amam. Hoje deixou claro que todos os seus comandantes e soldados não significam nada para o senhor. Pelo visto, se Absalão tivesse sobrevivido e todos nós tivéssemos morrido, o senhor estaria satisfeito.
7 Vuka kaloku, uphume, uthethe kakuhle nabakhonzi bakho; ngokuba ndifunga uYehova; ukuba akuthanga uphume, inene, akuyi kuhlala mntu nawe ngobu busuku; kube kubi kuwe oko, ngaphezu kobubi bonke obukufikeleyo, kuthabathela ebuncinaneni bakho kuzise kweli xesha."
7 Agora saia e vá parabenizar seus soldados, pois juro pelo S enhor que, se o rei não for, nem um só deles permanecerá aqui esta noite. Isso seria pior que todo o mal que já lhe aconteceu na vida”.
8 Wavuka ke ukumkani, wahlala esangweni; kwaxelwa ebantwini bonke, kwathiwa, Nanko ukumkani ehleli esangweni. Beza ke bonke abantu phambi kokumkani. Ke amaSirayeli abesabile, elowo waya ententeni yakhe."
8 Assim, o rei saiu e se sentou à entrada da cidade, e quando se espalhou a notícia de que o rei estava ali, todos foram vê-lo. Enquanto isso, os israelitas haviam fugido para suas casas,
9 Abantu bonke babephikisana ezizweni zonke zakwaSirayeli, besithi, Ukumkani wasisiza esandleni seentshaba zethu, wasisindisa esandleni samaFilisti; ngoku ubalekile kweli lizwe ngenxa ka-Abhisalom;"
9 e em todas as tribos de Israel houve muita discussão. O povo dizia: “O rei nos livrou de nossos inimigos e nos libertou dos filisteus, mas teve de fugir por causa de Absalão.
10 ke uAbhisalom, esamthambisayo ukuba abe phezu kwethu, ufele emfazweni; ke ngoko nithele cwaka ni na, ukuba ningambuyisi nje ukumkani?"
10 Agora Absalão, a quem ungimos para reinar sobre nós, está morto. Não devemos demorar para trazer o rei Davi de volta!”.
11 Ke kaloku ukumkani uDavide wathumela kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, wathi, Thethani kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseleni endlwini yakhe ukumkani, intetho yamaSirayeli onke ifikile nje kukumkani endlwini yakhe?"
11 Então Davi enviou uma mensagem aos sacerdotes Zadoque e Abiatar: “Perguntem às autoridades de Judá: ‘Por que vocês demoram tanto para receber o rei de volta? Até eu já sei que todo o Israel deseja a minha volta.
12 Ningabazalwana bam, nilithambo lam, nenyama yam; yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseni ukumkani?"
12 Vocês são meus parentes, minha própria tribo, meu povo e minha raça! Então por que são os últimos a receber o rei de volta?’”.
13 Nithi ke kuAmasa, Akulilo ithambo lam nenyama yam na? UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba akuthe waba ngumthetheli womkhosi phambi kwam yonke imihla esikhundleni sikaYowabhi."
13 E Davi pediu que dissessem a Amasa: “Você é meu parente, meu povo e minha raça. Que Deus me castigue severamente se, de hoje em diante, você não se tornar comandante de meu exército em lugar de Joabe”.
14 Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; athumela kukumkani athi, Buya wena, nabakhonzi bakho bonke."
14 A mensagem de Davi convenceu todas as autoridades de Judá, e eles deram uma resposta unânime. Mandaram dizer ao rei: “Volte para nós e traga todos que estão com o senhor!”.
15 Wabuya ke ukumkani, wafika eYordan. Ke amaYuda afika eGiligali, esiya kumkhawulela ukumkani, amweze ukumkani eYordan."
15 Então o rei começou a viagem de volta para Jerusalém. Quando chegou ao rio Jordão, o povo de Judá foi a Gilgal para encontrar-se com ele e acompanhá-lo até o outro lado do rio.
16 UShimehi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhahurim, wakhawuleza, wehla namadoda akwaYuda, esiya kumkhawulela ukumkani uDavide,"
16 Simei, filho de Gera, de Baurim, na terra de Benjamim, atravessou com os homens de Judá para dar as boas-vindas ao rei Davi.
17 enewaka lamadoda akwaBhenjamin, noTsibha umkhonzi wendlu kaSawule, noonyana bakhe abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi bakhe abangamashumi amabini kunye naye; baphumela eYordan phambi kokumkani."
17 Estavam com ele mil homens da tribo de Benjamim, incluindo Ziba, servo da casa de Saul, e os quinze filhos e vinte servos de Ziba. Desceram apressadamente ao Jordão para receber o rei.
18 Kwawela umkhombe wokuweza, ukuba uyiweze indlu yokumkani, wenze okulungileyo emehlweni akhe. UShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe eYordan,"
18 Atravessaram o rio, para ajudar a família do rei a chegar à outra margem e para fazer o que ele lhes solicitasse. Quando o rei estava prestes a atravessar o rio, Simei, filho de Gera, curvou-se diante dele e suplicou:
19 wathi kukumkani, Inkosi yam mayingabaleli bugwenxa kum, ungakukhumbuli oko wakwenzayo umkhonzi wakho ngobugwenxa, ngalaa mini yaphuma ngayo inkosi yam ukumkani eYerusalem, ukuba ukumkani akubekele intliziyo oko."
19 “Ó meu senhor, o rei, por favor, perdoe-me. Esqueça as coisas terríveis que seu servo disse quando o senhor saiu de Jerusalém.
20 Ngokuba umkhonzi wakho lo uyazi, ukuba wona ngalaa nto; nanku, ndingowokuqala ofikileyo namhla wasendlwini yonke kaYosefu, ukuba ndihle ndiyikhawulele inkosi yam ukumkani."
20 Sei quanto pequei. Por isso vim aqui hoje, a primeira pessoa em todo o Israel a receber o meu senhor, o rei”.
21 Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, UShimehi akayi kubulawa na ngalaa nto, ngokuba wamtsha bhisayo umthanjiswa kaYehova?"
21 Então Abisai, filho de Zeruia, disse: “Simei deve ser morto, pois amaldiçoou o rei ungido do S enhor !”.
22 Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya, ngokuba ningabachasi bam namhla? Kukho mntu na kwaSirayeli apha uya kubulawa namhla? Ngokuba andazi yini na, ukuba ndingukumkani kwaSirayeli namhlanje?"
22 “Quem pediu a opinião de vocês, filhos de Zeruia?”, disse Davi. “Por que agem como se fossem meus inimigos? Hoje não é um dia de execuções, pois hoje voltei a ser rei em Israel!”
23 Wathi ukumkani kuShimehi, Akuyi kufa. Ukumkani wamqinisisa ngesifungo."
23 Então, virando-se para Simei, Davi prometeu: “Sua vida será poupada”.
24 Ke uMefibhoshete, unyana kaSawule, wehla waya kumkhawulela ukumkani, engazihlambanga iinyawo zakhe, engazichazanga iindevu zakhe, engazihlambanga neengubo zakhe, kususela kwimini yokumka kokumkani, kwada kwayimini yokufika kwakhe enoxolo."
24 Mefibosete, neto de Saul, veio para encontrar-se com o rei. Desde que Davi havia saído de Jerusalém até o dia em que voltou em segurança, Mefibosete não tinha lavado os pés, nem feito a barba, nem lavado as roupas.
25 Kwathi, ekufikeni kwakhe eYerusalem, eza kukhawulela ukumkani, wathi ukumkani kuye, Ibiyini na ukuba ungahambi nam, Mefibhoshete?"
25 Quando ele chegou a Jerusalém, o rei lhe perguntou: “Por que você não veio comigo, Mefibosete?”.
26 Wathi, Nkosi yam kumkani, umkhonzi wam lowa undikhohlisile; ngokuba umkhonzi wakho lo undim ubesithi, Ndiya kuzibophela iesile, ndikhwele kulo, ndihambe nokumkani; ngokuba umkhonzi wakho lo undim usisiqhwala."
26 Ele respondeu: “Ó meu senhor, o rei, meu servo Ziba me enganou. Pedi que ele selasse meu jumento para que eu pudesse acompanhar o rei, pois, como o senhor sabe, sou aleijado.
27 Wesuka yena wamhleba umkhonzi wakho lo undim enkosini yam ukumkani. Inkosi yam ukumkani injengesithunywa sikaThixo; yenza okulungileyo emehlweni akho."
27 Ele, no entanto, falou mal de mim e disse que eu havia me recusado a vir. Mas sei que meu senhor, o rei, é como um anjo de Deus. Portanto, faça o que lhe parecer melhor.
28 Ngokuba yonke indlu kabawo ibingento yimbi enkosini yam ukumkani, ibingabantu bokufa; wena wambeka umkhonzi wakho lo undim phakathi kwabadla etafileni yakho. Ndisenabango lini na ke, ndisenakukhala ngantoni na kukumkani?"
28 Meus parentes e eu só poderíamos esperar que o senhor mandasse nos matar. Contudo, o senhor me honrou ao permitir que eu comesse à sua mesa. Que mais eu poderia pedir?”.
29 Wathi ukumkani kuye, Usathethela ntoni na ngeendawo zakho? Ndithe, Yahlulelanani ngomhlaba lowo wena noTsibha."
29 “Não precisa continuar se explicando”, respondeu Davi. “Resolvi que você e Ziba dividirão sua terra igualmente entre si.”
30 Wathi uMefibhoshete kukumkani, Makawuthabathe wonke, iselifikile nje inkosi yam ukumkani inoxolo endlwini yayo."
30 “Dê tudo a ele”, disse Mefibosete. “Para mim, basta saber que meu senhor, o rei, voltou para casa em segurança.”
31 UBharzilayi waseGiliyadi wehla eRogelim, wawela nokumkani eYordan, ukuba amkhaphele phesheya kweYordan."
31 Barzilai, de Gileade, havia descido de Rogelim para acompanhar o rei na travessia do Jordão.
32 Ke uBharzilayi ebeyingwevu enkulu, eminyaka imashumi asibhozo ezelwe. Yena ebemxhasile ukumkani ekuhlaleni kwakhe eMahanayim; ngokuba ebengumntu omkhulu kunene."
32 Era bastante idoso — tinha 80 anos — e era muito rico. Foi ele quem providenciou alimento para o rei durante sua estada em Maanaim.
33 Wathi ukumkani kuBharzilayi, Wela nam wena, ndikuxhase ukum eYerusalem."
33 O rei disse a Barzilai: “Venha comigo para Jerusalém, e eu cuidarei de você”.
34 Wathi uBharzilayi kukumkani, Mingaphi na imihla yeminyaka yokudla kwam ubomi, ukuba ndinyuke ndiye eYerusalem nokumkani?"
34 Barzilai, porém, respondeu: “Sou idoso demais para ir com o rei a Jerusalém.
35 Namhla ndiminyaka imashumi asibhozo ndizelwe; ndinako na ukwazi okulungileyo kokubi? Unako na umkhonzi wakho lo ukuyiva into ayidlayo nayiselayo? Ndisenako na ukuva ilizwi leemvumi neleemvumikazi? Yini na ukuba umkhonzi wakho lo abuye abe ngumthwalo kwinkosi yam ukumkani?"
35 Tenho 80 anos e não consigo mais apreciar coisa alguma. A comida e a bebida já não têm sabor, e já não consigo ouvir a voz dos cantores. Seria apenas um peso para meu senhor, o rei.
36 Umkhonzi wakho lo uya kuyiwela ke iYordan nokumkani umzuzwana; yini na ukuba ukumkani andiphathe ngale mpatho?"
36 Atravessar o Jordão com o rei é honra suficiente para mim!
37 Makhe abuye umkhonzi wakho lo, ukuze ndifele emzini wam, ngasengcwabeni likabawo noma. Nanko umkhonzi wakho, uKimham; makuwele yena nenkosi yam ukumkani, umenzele okulungileyo emehlweni akho."
37 Depois, permita que eu volte para morrer em minha cidade, onde meu pai e minha mãe foram sepultados. Mas aqui está seu servo, Quimã; permita que ele vá com meu senhor, o rei, e receba o que o senhor quiser lhe dar”.
38 Wathi ukumkani, UKimham wowela nam, ndimenzele mna okulungileyo emehlweni akho; nento yonke othe wayinyula, wayibeka phezu kwam, ndokwenzela."
38 “Está bem”, concordou o rei. “Quimã virá comigo, e eu o ajudarei da maneira como você achar melhor. E farei por você qualquer coisa que me pedir.”
39 Bawela ke bonke abantu eYordan. Ewelile ukumkani, ukumkani wamanga uBharzilayi, wamsikelela; waza wabuyela endaweni yakhe."
39 Assim, todo o povo atravessou o Jordão com o rei. Depois que Davi abençoou Barzilai e o beijou, Barzilai voltou para casa.
40 Wawela ke ukumkani, waya eGiligali, wawela ke naye uKimham; bonke abantu bakwaYuda bamweza ukumkani, kwanesiqingatha sabantu bakwaSirayeli."
40 O rei atravessou para Gilgal, levando Quimã consigo. Todo o povo de Judá e metade do povo de Israel o acompanharam.
41 Nanko kusiza onke amadoda akwaSirayeli kukumkani, athi kukumkani, Yini na ukuba abazalwana bethu, amadoda akwaYuda, bambe, bamweze ukumkani nendlu yakhe eYordan, enamadoda onke kaDavide?"
41 Contudo, os homens de Israel vieram queixar-se ao rei: “Os homens de Judá se apropriaram do rei e não nos deram a honra de ajudar a levar o senhor, sua família e todos os seus acompanhantes até o outro lado do Jordão”.
42 Aphendula onke amadoda akwaYuda kumadoda akwaSirayeli, athi, Kungokuba ukumkani esalamana nathi; yini na ukuba nivuthe ngumsindo ngale ndawo? sikhe sadla nto na kukumkani? sikhe saphiwa nto na?"
42 Os homens de Judá argumentaram: “O rei é nosso parente próximo. Por que vocês estão irados? Não comemos à custa do rei nem recebemos favor especial algum!”.
43 Aphendula amadoda akwaSirayeli kumadoda akwaYuda, athi, Sinezahlulo ezilishumi thina kukumkani nakuDavide sinokungaphezu kwenu; yini na ukuba nisicukuceze? Ilizwi lethu lokumbuyisa ukumkani wethu belingaqale kuthi yini na? Laba lukhuni ilizwi lamadoda akwaYuda kunelizwi lamadoda akwaSirayeli."
43 “Mas há dez tribos em Israel”, responderam os outros. “Portanto, temos dez vezes mais direito ao rei do que vocês. Que direito vocês têm de nos tratar com desprezo? Não fomos nós os primeiros a propor trazer nosso rei de volta?” A discussão continuou, e os homens de Judá falaram com ainda mais rispidez que os de Israel.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Samuel 19, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.