2 Samuel 13

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT

Sair da comparação
NVT Nova Versão Transformadora
1 Kwathi emveni koko, uAbhisalom unyana kaDavide enodade wabo oyinzwakazi, ogama belinguTamare, wesuka uAmnon unyana kaDavide wamthanda."
1 Absalão, filho de Davi, tinha uma irmã muito bonita chamada Tamar. Amnom, outro filho de Davi, apaixonou-se por ela.
2 Wabandezeleka uAmnon, ngokokude azihlisele isifo ngenxa kaTamare, udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwanqaba emehlweni ka-Amnon ukuba amenze into."
2 Amnom ficou tão obcecado por Tamar que adoeceu. Ela era virgem, e Amnom imaginou que seria impossível possuí-la.
3 Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene."
3 Contudo, Amnom tinha um amigo muito astuto, seu primo Jonadabe. Ele era filho de Simeia, irmão de Davi.
4 Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam."
4 Certo dia, Jonadabe disse a Amnom: “Qual é o problema? Por que o filho do rei parece tão abatido todos os dias?”. Amnom lhe respondeu: “Estou apaixonado por Tamar, irmã de meu irmão Absalão”.
5 UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wothi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe."
5 “Faça o seguinte”, disse Jonadabe. “Deite-se e finja que está doente. Quando seu pai o visitar, peça-lhe que deixe Tamar vir e preparar algo para você comer. Peça que ela prepare o alimento aqui mesmo, para que você a veja e ela o sirva.”
6 Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe."
6 Então Amnom se deitou e fingiu que estava doente. Quando o rei foi vê-lo, Amnom lhe pediu: “Por favor, permita que minha irmã Tamar venha e prepare dois bolos aqui mesmo, para que eu a veja e ela os sirva para mim”.
7 Wathumela uDavide kuTamare endlwini, esithi, Khawuye endlwini ka-Amnon umnakwenu, umenzele ukudla."
7 Davi concordou e mandou Tamar ir à casa de Amnom preparar algo para ele comer.
8 Waya uTamare endlwini ka-Amnon umnakwabo, yena elele phantsi. Wathabatha intlama, waxovula, wenza izonkana eziyolisa intliziyo phambi kwakhe, wazosa izonkana eziyolisa intliziyo."
8 Quando Tamar chegou à casa de Amnom, foi até o lugar onde ele estava deitado, para que ele pudesse vê-la preparar a massa. Então ela assou os bolos, conforme ele tinha pedido.
9 Wathabatha ipani, wazikhuphela phambi kwakhe; akavuma ukudla. Wathi uAmnon, Mabakhutshwe abantu bonke, baphume kum. Baphuma bonke abantu kuye."
9 Contudo, quando ela colocou a bandeja diante de Amnom, ele se recusou a comer. “Saiam todos daqui”, disse ele a seus servos. E todos saíram.
10 Wathi uAmnon kuTamare, Kuzise ekhusini apha ukudla, ndidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wazisa ekhusini kuAmnon umnakwabo."
10 Então Amnom disse a Tamar: “Agora traga os bolos ao meu quarto e dê-me de comer”. Tamar fez conforme ele pediu.
11 Wazisondeza kuye ukuba adle. Wesuka yena, wambamba, wathi kuye, Yiza, ulale nam, dade wethu."
11 Quando, porém, ela lhe ofereceu a comida, ele a agarrou e exigiu: “Venha para a cama comigo, minha irmã!”.
12 Wathi kuye, Musa, mnakwethu, musa ukundidlwengula; ngokuba akwenjiwa nje kwaSirayeli; musa ukulenza eli nyala."
12 “Não, meu irmão! Não me violente!”, exclamou Tamar. “Isso não se faz em Israel! Não faça essa loucura!
13 Mna ndingaya phi na nehlazo lam? Ke wena ungaba njengowabanobudenge kwaSirayeli. Khawuthethe ke ngoko nokumkani; ngokuba akangemangali nam kuwe."
13 Como eu poderia viver com tamanha vergonha? E você cairia em desgraça em Israel! Por favor, fale com o rei, e ele permitirá que você se case comigo!”
14 Akavuma yena ukuliphulaphula ilizwi lakhe. Wameyisa, wamdlwengula, walala naye."
14 Mas Amnom não quis ouvi-la e, como era mais forte que ela, violentou-a.
15 Waza uAmnon wamthiya ngentiyo enkulu kunene; ngokuba yaba nkulu intiyo awamthiya ngayo, ngaphezu kwentando abemthande ngayo. Wathi uAmnon kuye, Suka umke."
15 Então a paixão de Amnom se transformou em profundo desprezo, e seu desprezo por ela foi mais intenso que a paixão que havia sentido. “Saia daqui!”, gritou para ela.
16 Wathi kuye, Musa ukuba yimbangi yobu bubi bokundigxotha; bukhulu ngaphezu kobuya ubenzileyo kum. Akavuma ukumphulaphula."
16 “Não, não!”, respondeu Tamar. “Mandar-me embora agora seria pior do que o mal que você me fez.” Amnom, porém, não quis ouvi-la.
17 Wabiza umfana, umlungiseleli wakhe, wathi, Khawugxothe le nkazana, imke kum, iye phandle, utshixe ucango emva kwayo."
17 Chamou seu servo e ordenou: “Ponha esta mulher para fora daqui e tranque a porta!”.
18 Ke yayambethe ingubo ende enemikhono; ngokuba bezisenjenjalo iintombi zokumkani eziseziintombi, ukwambatha ingubo yokwaleka. Wayikhuphela ngaphandle ke umlungiseleli wakhe, walutshixa ucango emva kwayo."
18 O servo a pôs para fora e trancou a porta. Tamar vestia uma túnica longa, como era costume naqueles dias entre as filhas virgens do rei.
19 UTamare wazigalela uthuthu entloko, wayikrazula ingubo yakhe ende enemikhono abeyambethe, wabeka isandla entloko, wemka, ehamba ekhala."
19 Então rasgou sua túnica, jogou cinzas sobre a cabeça e, cobrindo o rosto com as mãos, foi embora chorando.
20 Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo."
20 Seu irmão Absalão a viu e perguntou: “É verdade que Amnom esteve com você? Bem, minha irmã, é melhor ficar quieta, pois Amnom é seu irmão. Não se aflija com isso”. Então Tamar, como uma mulher desolada, foi morar na casa de seu irmão Absalão.
21 Waziva ukumkani uDavide zonke ezo nto, wavutha ngumsindo kunene."
21 Quando o rei Davi soube o que havia acontecido, ficou furioso.
22 Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo."
22 E, embora Absalão não tivesse dito nada a Amnom a esse respeito, odiou Amnom profundamente pelo que ele havia feito à sua irmã.
23 Kwathi, emva kweminyaka emibini, kwabakho abachebi kuAbhisalom eBhahali-hatsore kwaEfrayim. UAbhisalom wamema bonke oonyana bokumkani."
23 Dois anos depois, quando as ovelhas de Absalão estavam sendo tosquiadas em Baal-Hazor, perto de Efraim, Absalão convidou todos os filhos do rei para uma festa.
24 Weza uAbhisalom, wathi kukumkani, Uyabona, naba abachebi kumkhonzi wakho; ukumkani nabakhonzi bakhe mabahambe nomkhonzi wakho."
24 Foi até o rei e disse: “Meus tosquiadores estão trabalhando. Gostaria que o rei e seus servos celebrassem essa ocasião comigo”.
25 Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela."
25 Mas o rei respondeu: “Não, meu filho. Se todos nós fôssemos, seria um peso para você”. Embora Absalão insistisse, o rei se recusou a ir, mas abençoou Absalão.
26 Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?"
26 “Está bem”, disse Absalão. “Se o senhor não pode vir, permita que meu irmão Amnom vá conosco.” “Por que Amnom?”, perguntou o rei.
27 UAbhisalom wamzama; wavuma ukuba uAmnon ahambe naye, noonyana bonke bokumkani."
27 Mas Absalão continuou a insistir até que, finalmente, o rei concordou em deixar seus filhos, incluindo Amnom, irem à festa.
28 UAbhisalom wawawisela umthetho amadodana akwakhe, wathi, Khanikhangele, xa ithe intliziyo ka-Amnon yamnandi yiwayini, ndaza ndathi kuni, Mbetheni uAmnon, nombulala. Musani ukoyika; aniwiselwe ndim na umthetho? Yomelelani nibe ngamakroti."
28 Absalão disse a seus homens: “Esperem até Amnom estar bêbado; então, quando eu ordenar, matem-no. Não tenham medo. A responsabilidade é minha. Sejam corajosos e valentes!”.
29 Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba."
29 Assim, quando Absalão deu o sinal, eles mataram Amnom. Os outros filhos do rei montaram em suas mulas e fugiram.
30 Kwathi, besesendleleni, zafika iindaba kuDavide, zisithi, UAbhisalom ubabulele bonke oonyana bokumkani, akwasala namnye."
30 Quando ainda estavam a caminho de Jerusalém, a notícia chegou a Davi: “Absalão matou todos os filhos do rei; não restou um sequer com vida!”.
31 Wesuka ukumkani, wazikrazula iingubo zakhe, waqungquluza emhlabeni; bonke abakhonzi bakhe bemi ngakuye, bezikrazule iingubo zabo."
31 O rei se levantou, rasgou suas roupas e lançou-se no chão. Seus conselheiros também rasgaram suas roupas.
32 Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingathi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngokuba kufe uAmnon yedwa; ngokuba yagqitywa le nto ngumlomo ka-Abhisalom, kususela kwalaa mini wamdlwengula ngayo uTamare, udade wabo."
32 Nesse momento, Jonadabe, filho de Simeia, irmão de Davi, chegou e disse: “Não pense, meu senhor, que todos os filhos do rei foram mortos! Foi apenas Amnom! Absalão tramava isso desde que Amnom violentou sua irmã Tamar.
33 Ke ngoko, nkosi yam kumkani, ungalibekeli ntliziyo eli lizwi lithi, bonke oonyana bokumkani bafile. Akunjalo; nguAmnon yedwa ofileyo."
33 O meu senhor, o rei, não deve acreditar que todos os seus filhos estão mortos! Apenas Amnom morreu”.
34 Wabaleka uAbhisalom. Ke kaloku umfana ongumlindi waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza into eninzi yabantu, ngendlela esecaleni lentaba, bevela ngasentshonalanga."
34 Enquanto isso, Absalão fugiu. Então a sentinela sobre o muro de Jerusalém viu muita gente descendo o monte pela estrada que vinha do oeste.
35 Wathi uYonadabhi kukumkani, Naba oonyana bokumkani besiza; njengoko belinjalo ilizwi lomkhonzi wakho, kwenzeke ngokunjalo."
35 E Jonadabe disse ao rei: “Veja! Lá estão eles! São os filhos do rei voltando, como eu tinha dito”.
36 Kwathi, akugqiba ukuthetha, babonakala befika oonyana bokumkani, baliphakamisa ilizwi labo, balila; kananjalo ukumkani nabakhonzi bakhe bonke batsho isililo esikhulu kunene."
36 Logo eles chegaram, chorando e soluçando, e o rei e todos os seus servos choraram amargamente com eles.
37 Ke uAbhisalom wabalekela kuTalemayi, unyana ka-Amihudi, ukumkani waseGeshuri. UDavide wenza isijwili ngonyana wakhe yonke imihla."
37 Davi chorou muitos dias por seu filho Amnom. Absalão fugiu para a terra de Talmai, filho de Amiúde, rei de Gesur,
38 Wabaleka ke uAbhisalom wafika eGeshuri, waba minyaka mithathu khona."
38 onde permaneceu por três anos.
39 UDavide ukumkani walangazelela ukuphuma aye kuAbhisalom, kuba wayeselethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile."
39 E o rei Davi, conformado com a morte de Amnom, abandonou a ideia de perseguir Absalão.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Samuel 13, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.