2 Reis 2

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Kwathi ekuza kumnyuseni kukaYehova uEliya ngomoya ovuthuzayo, ukuba aye emazulwini, wabe uEliya ehamba noElisha, besuka eGiligali."
1 Chegou o tempo de o Senhor Deus levar Elias para o céu num redemoinho. Elias saiu de Gilgal junto com Eliseu
2 Wathi uEliya kuElisha, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eBheteli. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Behla ke, baya eBheteli."
2 e no caminho Elias disse: — Fique aqui porque o Mas Eliseu disse: — Juro pelo E assim os dois foram até Betel.
3 Baphuma oonyana babaprofeti, ababeseBheteli, baya kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhlanje uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka."
3 Um grupo de profetas que morava ali foi falar com Eliseu e lhe perguntou: — Você sabe que hoje o — Sim, eu sei! — respondeu Eliseu. — Mas não vamos falar nisso.
4 Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko."
4 Então Elias disse a Eliseu: — Fique aqui porque o Mas Eliseu disse: — Juro pelo E assim os dois foram até Jericó.
5 Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka."
5 Um grupo de profetas que morava ali foi falar com Eliseu e perguntou: — Você sabe que hoje o — Sim, eu sei! — respondeu Eliseu. — Mas não vamos falar nisso.
6 Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba ke bobabini."
6 Aí Elias disse a Eliseu: — Fique aqui porque o Mas Eliseu disse: — Juro pelo Então eles saíram,
7 Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan."
7 e cinquenta profetas os seguiram até o rio Jordão. Elias e Eliseu pararam perto do rio, e os profetas ficaram olhando de longe.
8 UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile."
8 Aí Elias tirou a sua capa , enrolou-a e bateu com ela na água. A água se abriu, e ele e Eliseu passaram para o outro lado, andando em terra seca.
9 Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho."
9 Ali Elias disse a Eliseu: — Diga o que você quer que eu faça por você antes que eu seja levado embora. Eliseu disse: — Quero receber como herança duas vezes mais poder do que os outros profetas vão receber .
10 Wathi, Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo."
10 Elias disse: — Esse pedido é difícil de atender. Mas você receberá o que está me pedindo se me vir quando eu estiver sendo levado para longe. Se você não me vir, não receberá.
11 Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini."
11 E assim foram andando e conversando. De repente, um carro de fogo puxado por cavalos de fogo os separou um do outro, e Elias foi levado para o céu num redemoinho.
12 UElisha akukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini;"
12 Eliseu viu o que aconteceu e gritou: — Meu pai, meu pai! O senhor sempre foi como um exército para defender Israel! E nunca mais ele viu Elias. Muito triste, Eliseu rasgou a sua capa pelo meio.
13 wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan."
13 Depois pegou a capa de Elias, que havia caído, voltou para a beira do rio Jordão e parou ali.
14 Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha."
14 Então bateu na água com a capa de Elias e disse: — Onde está o Aí bateu de novo na água, e ela se abriu, e ele passou para o outro lado.
15 Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye."
15 Os cinquenta profetas de Jericó viram isso e disseram: — O poder de Elias está com Eliseu! Então foram encontrar-se com ele, ajoelharam-se diante dele
16 Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma."
16 e disseram: — Nós que estamos aqui somos cinquenta homens fortes. Deixe que vamos procurar o seu mestre. Talvez o Espírito do — Não! Vocês não devem ir! — respondeu Eliseu.
17 Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana."
17 Mas eles insistiram, até que ele mudou de ideia e deixou que fossem. Os cinquenta foram e durante três dias procuraram Elias por toda parte, porém não o acharam.
18 Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?"
18 Então voltaram a Jericó, onde Eliseu estava esperando. Eliseu disse: — Eu não falei para vocês não irem?
19 Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto."
19 Alguns homens de Jericó foram falar com Eliseu e disseram: — Como o senhor sabe, esta cidade é boa, mas a água não presta e provoca abortos.
20 Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso. Amzisela ke."
20 Então Eliseu mandou: — Ponham um pouco de sal num prato novo e tragam para mim. Eles levaram,
21 Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki."
21 e Eliseu foi até a fonte, jogou o sal na água e disse: — O que o
22 Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo."
22 E aquela água ficou pura até hoje , como Eliseu disse que ia ficar.
23 Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini! Nyuka, nkqayindini!"
23 Eliseu saiu de Jericó para ir a Betel. Ele ia andando pela estrada, quando alguns rapazes saíram de uma cidade e começaram a caçoar dele, gritando assim: — Ô seu careca, fora daqui!
24 Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mane anababini kulo."
24 Eliseu virou para trás, olhou firme para os rapazes e os amaldiçoou em nome de Deus, o Senhor . Então duas ursas saíram do mato e despedaçaram quarenta e dois deles.
25 Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari."
25 Dali Eliseu foi até o monte Carmelo e depois voltou para Samaria.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Reis 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.