2 Reis 25
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli; yena nempi yakhe yonke wayirhawula; wakha iinqaba zokubonisela ngeenxa zonke."
1 Então, no nono ano do reinado de Zedequias, no décimo dia do décimo mês, Nabucodonosor, rei da Babilônia, marchou contra Jerusalém com todo o seu exército. Ele acampou em frente da cidade e construiu rampas de ataque ao redor dela.
2 Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya."
2 A cidade foi mantida sob cerco até o décimo primeiro ano do reinado de Zedequias.
3 Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe."
3 No nono dia do quarto mês, a fome na cidade havia se tornado tão severa que não havia nada para o povo comer.
4 Wagqojozwa umzi, asaba onke amadoda okulwa ngobusuku, ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye amaKaledi ewujikelezile umzi); wahamba ukumkani ngendlela yaseArabha."
4 Então o muro da cidade foi rompido, e todos os soldados fugiram de noite pela porta entre os dois muros próximos ao jardim do rei, embora os babilônios estivessem em torno da cidade. Fugiram na direção da Arabá,
5 Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfikela ezinkqantosini zaseYeriko, yamphalala, yemka kuye yonke impi yakhe."
5 mas o exército babilônio perseguiu o rei e o alcançou nas planícies de Jericó. Todos os seus soldados o abandonaram,
6 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe."
6 e ele foi capturado. Foi levado até o rei da Babilônia, em Ribla, onde pronunciaram a sentença contra ele.
7 Abasika oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli."
7 Executaram os filhos de Zedequias na sua frente; depois furaram seus olhos, prenderam-no com algemas de bronze e o levaram para a Babilônia.
8 Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lwesixhenxe enyangeni leyo (loo mnyaka ke ngoweshumi elinesithoba engukumkani uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli), kwafika uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu, umkhonzi wokumkani waseBhabheli, eYerusalem."
8 No sétimo dia do quinto mês do décimo nono ano do reinado de Nabucodonosor, rei da Babilônia, Nebuzaradã, comandante da guarda imperial, conselheiro do rei da Babilônia, foi a Jerusalém.
9 Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke ezinkulu wazitshisa ngomlilo."
9 Incendiou o templo do Senhor, o palácio real, todas as casas de Jerusalém e todos os edifícios importantes.
10 Iindonga zaseYerusalem yazidiliza ngeenxa zonke impi leyo yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki babantu."
10 Todo o exército babilônio, que acompanhava Nebuzaradã derrubou os muros de Jerusalém.
11 Amasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awayephambele kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu."
11 E ele levou para o exílio o povo que sobrou na cidade, os que passaram para o lado do rei da Babilônia e o restante da população.
12 Ke umphathi wabasiki babantu wawasalisa amahlwempu elizwe, ukuze abe ngabasebenzi bezidiliya nabalimi."
12 Mas alguns dos mais pobres do país o comandante deixou para trás, para trabalharem nas vinhas e nos campos.
13 Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obe lusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli ubhedu lwazo."
13 Os babilônios destruíram as colunas de bronze, os suportes e o tanque de bronze que estavam no templo do Senhor, e levaram o bronze para a Babilônia.
14 Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebe kulungiselelwa ngazo."
14 Também levaram as panelas, as pás, os cortadores de pavio, as vasilhas e todos os utensílios de bronze utilizados no serviço do templo.
15 Umphathi wabasiki babantu wathabatha nezitya, izitya zokutshiza, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere;"
15 O comandante da guarda imperial levou os incensários e as bacias de aspersão, tudo o que era feito de ouro puro ou prata.
16 neentsika zombini, ulwandle olunye, neenqwelwana, awazenzela indlu kaYehova uSolomon; alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke."
16 As duas colunas, o tanque e os suportes, que Salomão fizera para o templo do Senhor, eram mais do que podia ser pesado.
17 Ukuphakama kwenye intsika bekuziikubhite ezilishumi elinesibhozo, ingqukuva yayo iyeyobhedu; ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintathu; umnatha neerharnate ezibe zisengqukuveni ngeenxa zonke, yonke loo nto yabe ilubhedu; intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye nomnatha wayo."
17 Cada coluna tinha oito metros e dez centímetros de altura. O capitel de bronze no alto de cada coluna tinha um metro e trinta e cinco centímetros de altura e era decorado com uma fileira de romãs de bronze ao redor.
18 Umphathi wabasiki babantu wamthabatha uSeraya, umbingeleli oyintloko, noZefaniya, umbingeleli wolwesibini udidi, nabagcini-mnyango bobathathu."
18 O comandante da guarda levou como prisioneiros o sumo sacerdote, Seraías, Sofonias, o segundo sacerdote, e os três guardas da porta.
19 Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, awayengumphathi wamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabehlala nokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obesakuhlanganisa abantu belizwe; namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi."
19 Dos que ainda estavam na cidade, ele levou o oficial responsável pelos homens de combate e cinco conselheiros reais. Também levou o secretário, principal líder responsável pelo alistamento militar no país e sessenta homens do povo.
20 Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umphathi wabasiki babantu, wabasa kukumkani waseBhabheli eRibhela."
20 O comandante Nebuzaradã levou a todos ao rei da Babilônia, em Ribla.
21 Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulalela eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo."
21 Lá, em Ribla, na terra de Hamate, o rei mandou executá-los. Assim Judá foi para o exílio, para longe de sua terra.
22 Ke abantu abasalayo ezweni lakwaYuda, awabasalisayo uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wabamisela umphathi onguGedaliya, unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan."
22 Nabucodonosor, rei da Babilônia, nomeou Gedalias, filho de Aicam e neto de Safã, como governador do povo que havia sido deixado em Judá.
23 Bakuva ke bonke abathetheli bemikhosi, bona namadoda abo, akuba ukumkani waseBhabheli umenze umphathi uGedaliya, beza kuGedaliya lowo eMizpa; bengooIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan unyana kaKareha, noSeraya, unyana kaTanumete waseNetofa, noYahazaniya unyana kaMahakati, bona namadoda abo."
23 Quando Ismael, filho de Netanias, Joanã, filho de Careá, Seraías, filho do netofatita Tanumete, e Jazanias, filho de um maacatita, todos os líderes do exército, souberam que o rei da Babilônia havia nomeado Gedalias como governador, eles e seus soldados foram falar com Gedalias em Mispá.
24 Wabafungela bona namadoda abo uGedaliya, wathi kubo, Musani ukuboyika abakhonzi bamaKaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli, konilungela."
24 Gedalias fez um juramento a esses líderes e a seus soldados, dizendo: "Não tenham medo dos oficiais babilônios. Estabeleçam-se nesta terra e sirvam o rei da Babilônia, e tudo lhes irá bem".
25 Ke kaloku kwathi ngenyanga yesixhenxe, kweza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yookumkani, enamadoda alishumi, bamxabela uGedaliya, wafa, namaYuda namaKaledi abenaye eMizpa."
25 Mas no sétimo mês, Ismael, filho de Netanias e neto de Elisama, que tinha sangue real, foi com dez homens e assassinou Gedalias e os judeus e os babilônios que estavam com ele em Mispá.
26 Besuka ke bonke abantu, bethabathela komncinane bezisa komkhulu, nabathetheli bemikhosi, baya eYiputa; ngokuba babewoyika amaKaledi."
26 Então todo o povo, desde as crianças até os velhos, juntamente com os líderes do exército, fugiram para o Egito, com medo dos babilônios.
27 Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo: uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni."
27 No trigésimo sétimo ano do exílio de Joaquim, rei de Judá, no ano em que Evil-Merodaque se tornou rei da Babilônia, ele tirou Joaquim da prisão, no dia vinte e sete do décimo segundo mês.
28 Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yangaphezu kwetrone yookumkani ababenaye eBhabheli."
28 Ele lhe tratou com bondade e deu-lhe o lugar mais honrado entre os outros reis que estavam com ele na Babilônia.
29 Zakhululwa iingubo zakhe zasentolongweni, wamana ukudla isonka phambi kwakhe yonke imihla yokuphila kwakhe."
29 Assim, Joaquim deixou suas vestes de prisão e pelo resto de sua vida comeu à mesa do rei.
30 Wawunikwa umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, uvela kukumkani: into yemini ngangemini yayo, yonke imihla yokuphila kwakhe."
30 E diariamente, enquanto viveu, Joaquim recebeu uma pensão do rei.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Reis 25, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.