2 Reis 1
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH
1 Ke kaloku amaMowabhi akreqa kumaSirayeli emva kokufa kuka-Ahabhi."
1 Depois da morte do rei Acabe, de Israel, o país de Moabe se revoltou contra Israel.
2 UAhaziya wawa efestileni yegumbi: lakhe eliphezulu elikwaSamari, wahliwa kukufa ke; wathuma abathunywa, wathi kubo, Hambani niye kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, ukuba ndiya kuphila na kwesi sifo."
2 O rei Acazias, que ficou no lugar de Acabe, caiu do terraço do alto do seu palácio em Samaria e ficou muito ferido. Então mandou que alguns mensageiros fossem consultar Baal-Zebube, o deus da cidade filisteia de Ecrom, a fim de saber se ia sarar.
3 Ke isithunywa sikaYehova sasithethile kuEliya waseTishbhi, sathi, Suka, unyuke uye kukhawulela abathunywa bokumkani wakwaSamari, uthethe kubo, uthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto niya kubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron?"
3 Mas um anjo do Senhor mandou que Elias, o profeta de Tisbé, fosse encontrar-se com os mensageiros do rei Acazias e lhes perguntasse assim: “Por que vocês estão indo consultar Baal-Zebube, o deus de Ecrom? Por acaso, pensam que não há Deus em Israel?
4 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa. Wahamba ke uEliya."
4 Digam ao rei que o Senhor Deus diz: ‘Você não vai sarar dos seus ferimentos; você vai morrer!’ ” Elias fez o que Deus havia mandado,
5 Babuya abathunywa, beza kuye. Wathi kubo, Yini na ukuba nibuye?"
5 e os mensageiros voltaram para o lugar onde o rei estava. Ele perguntou: — Por que vocês voltaram?
6 Bathi kuye, Kunyuke indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuye, niye kukumkani lowo unithumileyo, nithethe kuye, nithi, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa."
6 Eles responderam: — Um homem se encontrou com a gente e disse que voltássemos e disséssemos que o
7 Wathetha kubo, wathi, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni?"
7 — Como era o homem que lhes disse isso? — perguntou o rei.
8 Bathi kuye, Yindoda engubo ixhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi ke, NguEliya waseTishbhi."
8 E eles responderam: — Ele estava usando uma — É Elias, o profeta de Tisbé! — disse o rei.
9 Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, uthe ukumkani, Yihla."
9 Então mandou que um oficial fosse com cinquenta soldados prender Elias. O oficial o encontrou sentado no alto de um morro e disse: — Homem de Deus, o rei mandou você descer daí.
10 Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke mna ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Kwehla ke umlilo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe."
10 Elias respondeu: — Se eu sou um homem de Deus, que venha fogo do céu e mate você e os seus soldados! No mesmo instante desceu fogo do céu e matou o oficial e os seus soldados.
11 Wabuya wamthumela kuye omnye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka wathi kuye, Mfo wakwaThixo, utsho ukumkani ukuthi, Khawuleza uhle."
11 O rei enviou outro oficial com cinquenta soldados. Ele subiu e disse a Elias: — Homem de Deus, o rei ordenou que você desça daí agora mesmo!
12 Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla ke umlilo kaThixo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe."
12 Elias respondeu: — Se eu sou um homem de Deus, que venha fogo do céu e mate você e os seus soldados! No mesmo instante o fogo de Deus desceu e matou o oficial e os seus soldados.
13 Wabuya wathuma owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka ke owesithathu umthetheli-mashumi-mahlanu, waguqa ngamadolo phambi koEliya, watarhuzisa kuye, wathi kuye, Mfo wakwaThixo, mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam, nomphefumlo wabakhonzi bakho abamashumi mahlanu."
13 Mais uma vez o rei mandou um oficial com cinquenta soldados. Ele subiu o morro, ajoelhou-se em frente de Elias e pediu: — Homem de Deus, por favor, não acabe com a minha vida nem com a vida destes cinquenta homens!
14 Uyabona, kwehla umlilo ezulwini, wabadla abathetheli bobabini baloo mashumi angamahlanu, kunye namashumi omahlanu abo; ngoko ke mawunqabe emehlweni akho umphefumlo wam."
14 Os outros dois oficiais e os seus soldados foram mortos pelo fogo do céu; mas tenha dó de mim, por favor!
15 Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya, Yihla naye; musa ukumoyika. Wesuka ke, wehla, waya naye kukumkani."
15 O anjo do Senhor disse a Elias: — Desça com ele e não tenha medo. Então Elias foi junto com o oficial falar com o rei
16 Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uthumele abathunywa bokubuzisa kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron, kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, kungabuziswa kuye? Ngako oko isingqengqelo eso, unyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa."
16 e disse: — O
17 Wafa ke ngokwelizwi likaYehova elathethwa nguEliya. UYehoram waba ngukumkani esikhundleni sakhe, ngomnyaka wesibini kaYehoram unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda; ngokuba yena ebengenanyana."
17 E Acazias morreu, como o Senhor tinha dito por meio de Elias. Acazias não tinha filhos, e por isso o seu irmão Jorão ficou no lugar dele como rei. Isso aconteceu no segundo ano do reinado de Jeorão, filho de Josafá, rei de Judá.
18 Ezinye izinto zika-Ahaziya awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?"
18 Todas as outras coisas que o rei Acazias fez estão escritas na História dos Reis de Israel .
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Reis 1, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.