2 Reis 12

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Ke igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha."
1 No sétimo ano do reinado de Jeú, de Israel, Joás se tornou rei de Judá. Ele governou em Jerusalém quarenta anos. A mãe dele se chamava Zíbia e era da cidade de Berseba.
2 UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla yakhe, abemyala ngayo uYehoyada umbingeleli."
2 Durante toda a sua vida Joás fez o que agrada a Deus, o Senhor , pois o sacerdote Joiada o aconselhava.
3 Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni."
3 No entanto, os lugares pagãos de adoração não foram destruídos, e o povo continuou a oferecer sacrifícios e a queimar incenso ali.
4 Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwalisiweyo, eziswayo endlwini kaYehova, imali yogqithela kwababaliweyo, nemali yomphefumlo walowo nalowo ngokulinganiselwa kwakhe, nemali yonke ekuthe qatha entliziyweni yomntu, ukuba ayizise endlwini kaYehova,"
4 Joás chamou os sacerdotes e mandou que eles juntassem todo o dinheiro recolhido no Templo, isto é, os pagamentos pelos sacrifícios, os impostos do Templo, o dinheiro das promessas e as ofertas voluntárias.
5 mabayithabathele kubo ababingeleli, elowo ayithabathe kwabazana naye, batywine iintanda zendlu, apho sukuba kufunyenwe uthanda khona."
5 Cada sacerdote era responsável pelo dinheiro trazido pelas pessoas que ele servia, e o dinheiro era para ser usado nos consertos do Templo.
6 Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesithathu wokumkani uYowashe, ababingeleli bengekazitywini iintanda zendlu,"
6 Mas, no ano vinte e três do reinado de Joás, os sacerdotes ainda não haviam feito nenhum conserto.
7 ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani; yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu."
7 Por isso Joás chamou Joiada e os outros sacerdotes e lhes perguntou: — Por que vocês não estão consertando o Templo? De agora em diante, não fiquem com o dinheiro que receberem, mas entreguem para que os consertos possam ser feitos.
8 Bakuvuma ababingeleli ukungabi sathabatha mali ebantwini, nokuthi zingatywinwa ngabo iintanda zendlu."
8 Os sacerdotes concordaram com isso e também concordaram em não ficarem encarregados de fazer os consertos no Templo.
9 UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova."
9 Então Joiada pegou uma caixa, fez uma abertura na tampa e pôs a caixa perto do altar, do lado direito de quem entra no Templo. Os sacerdotes que tomavam conta da entrada punham na caixa todo o dinheiro dado pelos adoradores.
10 Kube kusithi, bakubona ukuba ininzi imali emkhombeni, enyuke umbhali wokumkani nombingeleli omkhulu, bayibophe ngengxowa, bayibale imali efunyenweyo endlwini kaYehova."
10 Quando viam que já havia muito dinheiro na caixa, o secretário do rei e o Grande Sacerdote vinham, contavam o dinheiro e o punham em sacos.
11 Bayinikela imali ilinganisiwe ezandleni zabawenzayo umsebenzi, zabayikhangelayo indlu kaYehova; bayikhuphela ke abo kwiingcibi zemithi nakubakhi abayisebenzayo indlu kaYehova,"
11 Depois de registrarem a quantia certa, eles entregavam o dinheiro aos homens que estavam encarregados do trabalho no Templo, e estes pagavam os carpinteiros, os construtores,
12 nakubakhi beendonga, nakubaxholi bamatye, ukuba bathenge imithi namatye axholiweyo, ukuba kutywinwe iintanda zendlu kaYehova, beyikhuphela into yonke ekhutshelwe ukuhlaziya indlu kaYehova."
12 os pedreiros e os cortadores de pedras. Também compravam a madeira e as pedras para os consertos e pagavam todas as outras despesas necessárias.
13 Ke indlu kaYehova ayenzelwanga zitya zasilivere, nazitshetshe, nazitya zokutshiza, namaxilongo, nanye impahla yegolide, nanye impahla yesilivere, ngemali leyo ibiziswe endlwini kaYehova;"
13 No entanto, nenhuma parte do dinheiro era usada para se fazerem taças de prata, bacias, trombetas, tesouras de aparar pavios de lamparinas ou qualquer outro objeto de prata ou de ouro.
14 basuka bayinika abenzi bomsebenzi, ukuba bahlaziye ngayo indlu kaYehova."
14 Todo o dinheiro era usado para pagar os trabalhadores e para comprar o material dos consertos.
15 Babengabalelani namadoda, ababeyinikela ezandleni zawo imali leyo, ukuba ahlawule abenzi bomsebenzi; ngokuba abesebenza enyanisekile."
15 Os homens encarregados do trabalho eram honestos em tudo, e por isso não havia necessidade de pedir que prestassem contas do dinheiro.
16 Ke imali yedini letyala, nemali yelesono, ibingaziswa endlwini kaYehova; yaba yeyababingeleli."
16 O dinheiro das ofertas para tirar culpas e das ofertas para tirar pecados não era colocado na caixa, mas ficava com os sacerdotes.
17 Ngelo xesha uHazayeli ukumkani wakwa-Aram wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba. UHazayeli wabubhekisa ubuso bakhe ukuba enyuke aye eYerusalem."
17 Nessa época o rei Hazael, da Síria, atacou a cidade de Gate e a conquistou; depois resolveu atacar Jerusalém.
18 Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izinto ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati noYehoram noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezakhe izinto ezingcwele, negolide yonke eyafumanekayo ebuncwaneni bendlu kaYehova nobendlu yokumkani, wazithumela kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram; wenyuka ke, wemka eYerusalem."
18 O rei Joás, de Judá, pegou todas as ofertas que Josafá, Jeorão e Acazias, que haviam sido reis antes dele, haviam separado para Deus, o Senhor . Junto com essas ofertas ele pôs as suas próprias ofertas e todo o ouro que havia no tesouro do Templo e do palácio e mandou tudo como presente para o rei Hazael. Então Hazael desistiu de atacar Jerusalém.
19 Ezinye izinto zikaYowashe, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?"
19 Todas as outras coisas que o rei Joás fez estão escritas na História dos Reis de Judá .
20 Basuka abakhonzi bakhe baceba icebo, bambulala uYowashe endlwini yaseMilo, ekuyiweni eSila."
20 — ausente —
21 UYozakare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, bamxabela ke, wafa. Bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe."
21 — ausente —

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Reis 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.