2 Crônicas 6
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Waza wathi uSolomon, UYehova wathi uya kuhlala esithokothokweni."
1 Então Salomão orou: “Ó S enhor , tu disseste que habitarias numa densa nuvem.
2 Mna ke ndikwakhele indlu yokuhlala, indawo yokuba uhlale ngonaphakade."
2 Agora, construí para ti um templo majestoso, um lugar para habitares para sempre!”.
3 Wee guququ ukumkani ngobuso, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli; lonke ibandla lakwaSirayeli lema."
3 Então o rei se voltou para toda a comunidade de Israel que estava em pé diante dele e abençoou o povo.
4 Wathi: Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, owathethayo ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,"
4 Em seguida, orou: “Louvado seja o S enhor , o Deus de Israel, que cumpriu o que prometeu a meu pai, Davi, pois lhe disse:
5 Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yinganga yabantu bam amaSirayeli;"
5 ‘Desde o dia em que tirei meu povo da terra do Egito, não escolhi nenhuma cidade das tribos de Israel como lugar onde deveria ser construído um templo em honra ao meu nome. Também não escolhi um líder para meu povo, Israel.
6 ndanyula iYerusalem, ukuba igama lam libe khona; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli."
6 Agora, porém, escolhi Jerusalém como lugar para que meu nome seja honrado, e escolhi Davi para reinar sobre Israel, meu povo’”.
7 Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukulakhela indlu igama likaYehova, uThixo kaSirayeli."
7 Salomão disse: “Meu pai, Davi, queria construir este templo em honra ao nome do S enhor , o Deus de Israel.
8 Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho entliziyweni yakho oko;"
8 Mas o S enhor lhe disse: ‘Sua intenção de construir um templo em honra ao meu nome é boa,
9 noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam."
9 mas essa tarefa não caberá a você. Um de seus filhos construirá o templo em honra ao meu nome’.
10 Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;"
10 “O S enhor cumpriu sua promessa, pois eu sou o sucessor de meu pai, Davi, e agora ocupo o trono de Israel, como o S enhor havia prometido. Construí este templo em honra ao nome do S enhor , o Deus de Israel,
11 ndayibeka khona ityeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo noonyana bakaSirayeli."
11 e coloquei nele a arca que contém a aliança que o S enhor fez com os israelitas”.
12 Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwebandla lonke lakwaSirayeli, wazolula izandla zakhe"
12 Então Salomão se pôs diante do altar do S enhor , na presença de toda a comunidade de Israel, e levantou as mãos para orar.
13 (ngokuba uSolomon wayenze itheko lobhedu, walibeka esazulwini sentendelezo, laziikubhite ezintlanu ubude balo, iikubhite ezintlanu ububanzi balo, iikubhite ezintathu ukuphakama kwalo; wema phezu kwalo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe);"
13 Ele havia feito uma plataforma de bronze com 2,25 metros de comprimento, 2,25 metros de largura e 1,35 metro de altura, e a havia colocado no centro do pátio externo do templo. Ficou em pé na plataforma e depois ajoelhou-se diante de toda a comunidade de Israel. Levantou as mãos para o céu
14 wathi: Yehova, Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe emazulwini nasehlabathini; ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho, abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;"
14 e orou: “Ó S
15 wena umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla."
15 Cumpriste tua promessa a teu servo Davi, meu pai. Fizeste essa promessa com a tua própria boca e hoje a cumpriste com as tuas próprias mãos.
16 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho, uDavide ubawo, oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli: ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba ngomyalelo wam, njengokuba uhambile wena phambi kwam."
16 “Agora, ó S enhor , o Deus de Israel, cumpre a outra promessa que fizeste a teu servo Davi, meu pai, quando lhe disseste: ‘Se seus descendentes viverem como devem e seguirem fielmente minha lei, como você fez, sempre haverá um deles no trono de Israel’.
17 Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide."
17 Agora, ó S enhor , o Deus de Israel, cumpre a promessa que fizeste a teu servo Davi.
18 Gxebe, uThixo angade ahlale nabantu emhlabeni na? Yabona izulu, izulu lawo amazulu, alikulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!"
18 “Contudo, será possível que Deus habite na terra com os seres humanos? Nem mesmo os mais altos céus podem contê-lo, muito menos este templo que construí!
19 Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho;"
19 Ainda assim, ouve minha oração e minha súplica, ó S enhor , meu Deus. Ouve o clamor e a oração que teu servo te faz hoje.
20 ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe uya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo."
20 Guarda noite e dia este templo, o lugar no qual disseste que colocarias teu nome. Ouve sempre as orações que teu servo fizer voltado para este lugar.
21 Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele."
21 Ouve as súplicas de teu servo e de Israel, teu povo, quando orarmos voltados para este lugar. Sim, ouve-nos dos céus onde habitas e, quando ouvires, perdoa-nos.
22 Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:"
22 “Se alguém pecar contra outra pessoa, e se for exigido que faça um juramento de inocência diante do teu altar neste templo,
23 yiva ke wena emazulwini, wenze ugwebe kubakhonzi bakho, umbuyisele ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe."
23 ouve dos céus e julga entre teus servos, entre o acusador e o acusado. Castiga o culpado e declara justo o inocente, cada um conforme merece.
24 Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli boyiswa ziintshaba zabo kuba bekonile, baza babuya balivuma igama lakho, bathandaza, batarhuzisa phambi kwakho kule ndlu:"
24 “Se o teu povo, Israel, for derrotado por seus inimigos porque pecou contra ti, e se voltar para ti, invocar teu nome e orar a ti neste templo,
25 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika bona nooyise."
25 ouve dos céus, perdoa o pecado de teu povo, Israel, e traze-o de volta a esta terra que deste a ele e a seus antepassados.
26 Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:"
26 “Se o céu fechar e não houver chuva porque o povo pecou contra ti, e se eles orarem voltados para este templo, invocarem teu nome e se afastarem de seus pecados porque tu os castigaste,
27 yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa."
27 ouve dos céus e perdoa os pecados de teus servos, o teu povo, Israel. Ensina-os a seguir o caminho certo e envia chuva à terra que deste por herança a teu povo.
28 Xa kuthe kwabakho indlala elizweni, xa kuthe kwabakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwabakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sabakho;"
28 “Se houver fome na terra, ou peste, ou praga nas lavouras, ou se elas forem atacadas por gafanhotos ou lagartas, ou se os inimigos do teu povo invadirem a terra e sitiarem suas cidades, seja qual for o desastre ou epidemia que ocorrer,
29 ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo;"
29 e se alguém do teu povo, ou toda a nação de Israel, orar a respeito de suas dificuldades e aflições com as mãos levantadas para este templo,
30 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu);"
30 ouve dos céus onde habitas e perdoa. Trata o teu povo como ele merece, pois somente tu conheces o coração de cada um.
31 ukuze bakoyike, bahambe ngeendlela zakho, yonke imihla abahleli ngayo ezweni owalinika oobawo."
31 Assim eles te temerão e andarão em teus caminhos enquanto viverem na terra que deste a nossos antepassados.
32 Kananjalo owolunye uhlanga ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo; beza bathandaza bekule ndlu:"
32 “No futuro, estrangeiros que não pertencem a teu povo, Israel, ouvirão falar de ti. Virão de terras distantes quando ouvirem falar do teu grande nome, da tua mão forte e do teu braço poderoso. E, quando orarem voltados para este templo,
33 yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho."
33 ouve dos céus onde habitas e concede o que pedem. Assim, todos os povos da terra conhecerão teu nome e te temerão, como faz teu povo, Israel. Também saberão que neste templo que construí teu nome é honrado.
34 Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa neentshaba zabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuwe, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:"
34 “Se o teu povo sair para onde o enviares a fim de lutar contra seus inimigos, e se orarem a ti voltados para esta cidade que escolheste e para este templo, que construí em honra ao teu nome,
35 yiva ke emazulwini umthandazo wabo, nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele."
35 ouve dos céus suas orações e defende sua causa.
36 Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;"
36 “Quando pecarem contra ti, pois não há quem não peque, tua ira cairá sobre eles e tu permitirás que seus inimigos os conquistem e os levem como escravos para terras estrangeiras, próximas ou distantes.
37 baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo;"
37 Se caírem em si nessa terra de exílio e se arrependerem, suplicando-te: ‘Pecamos, praticamos o mal e agimos perversamente’,
38 babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:"
38 e se voltarem para ti de todo o coração e de toda a alma na terra de seu cativeiro e orarem voltados para a terra que deste a seus antepassados, para esta cidade que escolheste e para este templo que construí em honra ao teu nome,
39 yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo."
39 ouve dos céus onde habitas suas orações e súplicas e defende sua causa. Perdoa teu povo que pecou contra ti.
40 Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo."
40 “Ó meu Deus, olha e ouve atentamente todas as orações feitas a ti neste lugar.
41 Kaloku, Yehova Thixo, phakamela endaweni yokuphumla kwakho, wena netyeya yamandla akho. Ababingeleli bakho, Yehova Thixo, mabambathe usindiso, abakho benceba bavuye ngokulungileyo."
41 “E, agora, levanta-te, ó S enhor Deus, e entra neste teu lugar de descanso, junto à arca, o símbolo do teu poder. Estejam teus sacerdotes, ó S vestidos de salvação; alegrem-se teus servos leais em tua bondade.
42 Yehova, Thixo, musa ukumlandulela umthanjiswa wakho: khumbula iinceba owazithembisa uDavide, umkhonzi wakho."
42 Ó S enhor Deus, não rejeites o rei que ungiste. Lembra-te do teu amor leal por teu servo Davi”.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Crônicas 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.