2 Crônicas 2

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 USolomon wacinga ukulakhela indlu igama likaYehova, nokubakhela indlu ubukumkani bakhe."
1 Decidiu Salomão edificar um templo ao nome do Senhor, e construir para si próprio um palácio.
2 USolomon wamisa amashumi osixhenxe amawaka amadoda angabathwali, namashumi asibhozo amawaka amadoda angabaqingqi bamatye, nangabasebenzi bemithi, ezintabeni; nabongameli bawo abangamawaka amathathu anamakhulu mathandathu."
2 Ele alistou setenta mil carregadores, oitenta mil cortadores de pedra na montanha, e três mil e seiscentos guardas de obras.
3 Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yenjenjalo nakum."
3 Em seguida, mandou dizer a Hirão, rei de Tiro: Digna-te fazer para mim o que fizeste para meu pai Davi, a quem enviaste cedros para construir uma residência.
4 Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli."
4 Quero edificar um templo ao nome do Senhor, meu Deus; a ele eu o consagrarei e nele farei queimar em sua presença perfumes aromáticos. Mandar-lhe-ei apresentar continuamente pães, e oferecer os holocaustos da manhã e da tarde, dos sábados, das neomênias e das festas do Senhor, nosso Deus, segundo a lei eterna prescrita a Israel.
5 Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke."
5 O templo que vou construir deve ser grande, pois nosso Deus é maior que todos os deuses.
6 Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingaba yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?"
6 Mas, quem será capaz de construir-lhe uma casa, uma vez que o céu e os céus dos céus não o podem conter? Quem sou eu para fazer isso? Não posso senão mandar queimar incenso diante dele.
7 Ndithumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswayo nguDavide ubawo."
7 Digna-te, portanto, enviar-me um homem experiente no trabalho do ouro, da prata, do bronze, do ferro, da púrpura azul e violeta, um homem que entenda suficientemente de escultura para dirigir os artífices de Judá e de Jerusalém, que meu pai Davi reuniu junto de mim.
8 Ndithumele nemisedare, nemisipres, nemialgumi, evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon. Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho,"
8 Manda-me do Líbano madeira de cedro, cipreste e sândalo, pois eu sei que teus súditos são muito peritos em cortar as madeiras do Líbano. Meus servos auxiliarão os teus.
9 bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo."
9 Manda-me preparar madeira em grande quantidade, porque o templo que vou construir será grande e magnífico.
10 Yabona abaqingqi abo nabasebenzi bemithi, abakhonzi bakho abo, ndobanika ingqolowa ukuba ibe kukudla, iikore ezingamawaka angamashumi mabini, nerhasi iikore ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zewayini ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini."
10 A teus servos que hão de cortar as madeiras, darei por alimento vinte mil coros de trigo, vinte mil coros de cevada, vinte mil batos de vinho e vinte mil batos de azeite.
11 UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo."
11 Hirão, rei de Tiro, respondeu numa carta que enviou a Salomão: É porque o Senhor ama seu povo, que te constituiu rei sobre ele.
12 Wathi uHiram, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owenza izulu nehlabathi, omnikileyo uDavide ukumkani unyana olumkileyo, owaziyo, oqiqayo, oqondayo, oya kumakhela indlu uYehova, nendlu yobukumkani bakhe."
12 Bendito seja o Senhor, Deus de Israel, que fez os céus e a terra, que deu ao rei Davi um filho sábio, inteligente e prudente, que vai construir um templo ao Senhor, assim como um palácio real.
13 Ngoko ndithumela indoda eligcisa, eyaziyo, eqondayo, inkunkqele uHuram,"
13 Envio-te, portanto, um homem hábil e entendido, Hurão-Abi,
14 unyana wentokazi yasezintombini zakwaDan. Uyise ngumfo waseTire, okwaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangamatye, nangemithi, nangemisonto emfusa nemsi, nangelinen ecikizekileyo, nangemisonto ebomvu, nokukrola konke, nokuyila zonke iintlobo zomsebenzi awuphathisiweyo, ndawonye nezilumko zakho, nezilumko zenkosi yam, uDavide uyihlo."
14 Filho de uma mulher da tribo de Dã, e de um pai tírio. Ele sabe trabalhar em ouro, em prata, em bronze, em ferro, em madeira, em púrpura azul e violeta, em linho fino e em carmezim; ele sabe fazer todas as espécies de esculturas e elaborar todo plano que se lhe confie. Trabalhará ele com teus artífices e com os de meu senhor Davi, teu pai.
15 Ingqolowa ke, nerhasi, neoli, newayini, ethethe ngazo inkosi yam, mayizithumele kubakhonzi bayo."
15 Que meu senhor envie, portanto, a seus servos o trigo, a cevada, o azeite e o vinho de que falou.
16 Ke thina sogawula imithi eLebhanon njengokufuna kwakho konke, siyizise kuwe eYafo ngokuyidadisa elwandle, uyinyuse wena, uyise eYerusalem."
16 Nós cortaremos madeiras do Líbano, tanta quanta precisares, e enviar-te-emos pelo mar, em jangadas, até Jope, donde farás subir até Jerusalém.
17 USolomon wawabala onke amadoda angawasemzini, abe esezweni lamaSirayeli, emva kokubala awawabala ngako uDavide uyise; afumaneka elikhulu elinamanci amahlanu amawaka, elinesithathu samawaka, anamakhulu amathandathu."
17 Salomão fez o recenseamento de todos os estrangeiros que habitavam em Israel, segundo o recenseamento que já tinha feito seu pai Davi; encontraram-se cento e cinqüenta e três mil e seiscentos.
18 Wamisa amashumi asixhenxe amawaka kuwo aba ngabathwali; namashumi asibhozo amawaka aba ngabasebenzi bemithi, nabaqingqi bamatye ezintabeni; namawaka amathathu anamakhulu amathandathu aba ngabongameli bokusebenzisa abantu."
18 Deles designou setenta mil carregadores, oitenta mil que cortassem pedras na montanha, e três mil e seiscentos inspetores de obras para incentivar toda essa gente.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Crônicas 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.