2 Crônicas 18
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH
1 Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi."
1 Quando Josafá ficou muito rico e famoso, ele se tornou aliado do rei Acabe, de Israel, por laços de casamento .
2 Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi."
2 Depois de alguns anos, ele foi até a cidade de Samaria visitar Acabe. Em honra de Josafá e dos que haviam ido com ele, o rei Acabe deu um banquete, para o qual mandou matar muitos touros e muitas ovelhas. E procurou convencer Josafá a ir com ele atacar a cidade de Ramote-Gileade.
3 Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wohamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni."
3 Ele perguntou a Josafá: — Você vai comigo atacar Ramote? Josafá respondeu: — Quando você estiver pronto para a batalha, eu também estarei; e assim também os meus soldados. Iremos lutar junto com você.
4 Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova."
4 Mas primeiro vamos consultar a Deus, o Senhor .
5 Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amane amadoda, wathi kubo, Siye kulwana neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo woyinikela esandleni sokumkani."
5 Aí Acabe mandou chamar os profetas , que eram quatrocentos, e perguntou: — Devemos atacar a cidade de Ramote ou não? Eles responderam: — Ataque, pois o
6 Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?"
6 Mas Josafá perguntou: — Não existe aqui mais nenhum profeta para nós consultarmos o
7 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani."
7 Acabe respondeu: — Existe outro, que se chama Micaías, filho de Inla. Mas eu tenho ódio dele porque nunca — Não fale desse jeito! — disse Josafá.
8 Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha."
8 Então Acabe chamou um oficial e mandou que ele fosse imediatamente buscar Micaías.
9 Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli elowo etroneni yakhe, bambethe iingubo zabo, behleli ebaleni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo."
9 Os dois reis, usando as suas roupas reais, estavam sentados nos seus tronos, numa praça que ficava perto do portão de entrada de Samaria; e todos os profetas estavam profetizando em frente deles.
10 Ke uZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe."
10 Um dos profetas, chamado Zedequias, filho de Quenaana, fez uns chifres de ferro e disse a Acabe: — O que o
11 Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani."
11 E todos os outros profetas profetizaram a mesma coisa. Eles diziam: — Marche contra a cidade de Ramote, que o senhor, ó rei, vencerá. O
12 Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle."
12 Enquanto isso, o oficial que tinha ido buscar Micaías disse a ele: — Todos os outros profetas profetizaram que o rei terá sucesso. É melhor que você faça o mesmo.
13 Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha uThixo wam, ndothetha kona."
13 Porém Micaías respondeu: — Juro pelo
14 Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu."
14 Quando Micaías chegou ao lugar onde estava o rei Acabe, este perguntou: — Micaías, o rei Josafá e eu devemos atacar a cidade de Ramote ou não? Micaías respondeu: — Ataquem, pois vencerão. Deus lhes dará a vitória…
15 Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungathethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova? Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi."
15 Mas Acabe disse: — Quando você falar comigo em nome do
16 Wathi uYehova, Abanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo."
16 Micaías respondeu: — Vejo o exército de Israel espalhado pelos morros como ovelhas sem pastor. E o
17 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?"
17 Então Acabe disse a Josafá: — Eu não disse que para mim ele nunca profetiza coisas boas? Ele sempre diz alguma coisa ruim!
18 Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova: Ndim bonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe."
18 Micaías continuou: — Agora escutem o que o
19 Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha."
19 Ele perguntou: “Quem enganará Acabe para que ele vá a Ramote e seja morto lá?” Alguns anjos disseram uma coisa, e outros disseram outra,
20 Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna."
20 até que um espírito chegou perto do Senhor Deus e disse: “Eu enganarei Acabe.” O Senhor perguntou: “Como?”
21 Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo."
21 E o espírito respondeu: “Eu irei e farei com que todos os profetas de Acabe digam mentiras.” Então o Senhor ordenou: “Vá e engane Acabe. Você conseguirá.”
22 Uyabona kaloku uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethe okubi ngawe."
22 E Micaías terminou, dizendo a Acabe: — O senhor está vendo agora que o
23 Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?"
23 Então o profeta Zedequias chegou perto de Micaías, deu um tapa na cara dele e perguntou: — Quando foi que o Espírito do
24 Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela."
24 — Você descobrirá isso quando entrar em algum quarto dos fundos, tentando se esconder! — respondeu Micaías.
25 Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani."
25 Aí o rei Acabe deu a seguinte ordem a um dos seus oficiais: — Prenda Micaías e o leve a Amom, o governador da cidade, e ao príncipe Joás.
26 Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo."
26 Diga a eles que o joguem na cadeia e o ponham a pão e água até que eu volte são e salvo.
27 Wathi uMikaya, Ukuba uthe wabuya wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani nonke, zizwe ziphela."
27 Micaías exclamou: — Se o senhor, ó rei, voltar em paz, então, de fato, o E disse também: — Todos aqui deem atenção àquilo que eu profetizei!
28 Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi."
28 Assim o rei Acabe, de Israel, e o rei Josafá, de Judá, foram atacar a cidade de Ramote-Gileade.
29 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni."
29 Acabe disse a Josafá: — Quando formos entrar na batalha, eu vou me disfarçar, mas você use as suas roupas de rei. O rei de Israel se disfarçou, e eles entraram na batalha.
30 Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa abenazo, wathi, Ize ningalwi nomncinane, nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa."
30 O rei da Síria havia mandado que os capitães dos seus carros de guerra não atacassem ninguém, a não ser o rei de Israel.
31 Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Ngukumkani wakwaSirayeli; bamrhawula, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati; uYehova wamnceda, uThixo wabasonga kuye."
31 Por isso, quando viram o rei Josafá, pensaram que ele era o rei de Israel e foram atacá-lo. Mas Josafá gritou, e o Senhor Deus o socorreu, fazendo com que os sírios se desviassem dele.
32 Kwathi bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa, ukuba asingukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni."
32 Quando eles viram que aquele não era o rei de Israel, pararam de atacá-lo.
33 Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe."
33 No entanto, um soldado sírio atirou uma flecha que, por acaso, atingiu o rei Acabe entre as juntas da sua armadura . Então ele gritou para o condutor do seu carro: — Fui ferido! Dê a volta e me leve para fora da batalha!
34 Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wakwaSirayeli wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram kwada kwahlwa; wafa ukutshona kwelanga."
34 Enquanto a batalha ficava cada vez mais forte, o rei Acabe segurou-se de pé no seu carro de guerra, de frente para os sírios, até a tarde; ao pôr do sol, ele morreu.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Crônicas 18, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.