2 Coríntios 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA

Sair da comparação
ARA Almeida Revista e Atualizada 1993
1 Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo."
1 Tendo, pois, ó amados, tais promessas, purifiquemo-nos de toda impureza, tanto da carne como do espírito, aperfeiçoando a nossa santidade no temor de Deus.
2 Samkeleni ngeentliziyo zenu; asonanga mntu, asonakalisanga mntu, asiphanganga mntu."
2 Acolhei-nos em vosso coração; a ninguém tratamos com injustiça, a ninguém corrompemos, a ninguém exploramos.
3 Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani."
3 Não falo para vos condenar; porque já vos tenho dito que estais em nosso coração para, juntos, morrermos e vivermos.
4 Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ndizingca kakhulu ngani; ndizele yintuthuzelo, ndiphuphuma uvuyo kakhulu kuyo yonke imbandezelo yethu."
4 Mui grande é a minha franqueza para convosco, e muito me glorio por vossa causa; sinto-me grandemente confortado e transbordante de júbilo em toda a nossa tribulação.
5 Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika."
5 Porque, chegando nós à Macedônia, nenhum alívio tivemos; pelo contrário, em tudo fomos atribulados: lutas por fora, temores por dentro.
6 Ke lowo ubathuthuzelayo abathobekileyo, uThixo ke, wasithuthuzela ngokufika kukaTito;"
6 Porém Deus, que conforta os abatidos, nos consolou com a chegada de Tito;
7 akwaba ngakufika kwakhe ke kuphela, kwaba ngayo intuthuzelo awathuthuzeleka ngayo kuni, esityela ulangazelelo lwenu, isijwili senu, nokundizondelela kwenu, ngokokude ndivuye ngakumbi."
7 e não somente com a sua chegada, mas também pelo conforto que recebeu de vós, referindo-nos a vossa saudade, o vosso pranto, o vosso zelo por mim, aumentando, assim, meu regozijo.
8 Kuba nakuba ndikhe ndanenza nabuhlungu ngencwadi leyo, andizohlwayi, nakuba ndikhe ndazohlwaya; kuba ndiyabona ukuba loo ncwadi yanenza buhlungu, nakuba kwaba ngumzuzwana."
8 Porquanto, ainda que vos tenha contristado com a carta, não me arrependo; embora já me tenha arrependido (vejo que aquela carta vos contristou por breve tempo),
9 Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; kuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, ukuze ningalahlekwa nto ngathi."
9 agora, me alegro não porque fostes contristados, mas porque fostes contristados para arrependimento; pois fostes contristados segundo Deus, para que, de nossa parte, nenhum dano sofrêsseis.
10 Kuba ubuhlungu obungokukaThixo busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa."
10 Porque a tristeza segundo Deus produz arrependimento para a salvação, que a ninguém traz pesar; mas a tristeza do mundo produz morte.
11 Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu."
11 Porque quanto cuidado não produziu isto mesmo em vós que, segundo Deus, fostes contristados! Que defesa, que indignação, que temor, que saudades, que zelo, que vindita! Em tudo destes prova de estardes inocentes neste assunto.
12 Ngoko ke, noko ndanibhalelayo, andikwenzanga oko ngenxa yalowo wamonayo omnye, kanjalo andikwenzanga ngenxa yalowo woniwayo; ndakwenzela ukuze kubonakalaliswe kuni ukuninyamekela kwethu emehlweni kaThixo."
12 Portanto, embora vos tenha escrito, não foi por causa do que fez o mal, nem por causa do que sofreu o agravo, mas para que a vossa solicitude a nosso favor fosse manifesta entre vós, diante de Deus.
13 Ngenxa yoko, sithuthuzelekile ngenxa yokuthuthuzeleka kwenu; sakuvuyela ke ngokugqithiseleyo ngakumbi ukuvuya kukaTito; ngokuba waphunyuzwayo umoya wakhe nini nonke."
13 Foi por isso que nos sentimos confortados. E, acima desta nossa consolação, muito mais nos alegramos pelo contentamento de Tito, cujo espírito foi recreado por todos vós.
14 Ngokuba ukuqhayisa endaqhayisa ngako ngani, andidaniswanga ngako; njengokuba sazithetha kuni izinto zonke sinyanisile, ngokunjalo nokuqhayisa kwethu oko phambi koTito kwaba yinyaniso."
14 Porque, se nalguma coisa me gloriei de vós para com ele, não fiquei envergonhado; pelo contrário, como, em tudo, vos falamos com verdade, também a nossa exaltação na presença de Tito se verificou ser verdadeira.
15 Imfesane yakhe isenkulu ngakuni ngokugqithiseleyo, akukhumbula ukumva kwenu nonke nokokuba namamkelayo ninokoyika nokugubha."
15 E o seu entranhável afeto cresce mais e mais para convosco, lembrando-se da obediência de todos vós, de como o recebestes com temor e tremor.
16 Ndiyavuya ngoko, kuba ndomelezekile kuni ezintweni zonke."
16 Alegro-me porque, em tudo, posso confiar em vós.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Coríntios 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.