2 Coríntios 6
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;"
1 E nós, cooperando com ele, também vos exortamos a que não recebais a graça de Deus em vão;
2 kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:"
2 {porque diz: No tempo aceitável te escutei e no dia da salvação te socorri; eis aqui agora o tempo aceitável, eis aqui agora o dia da salvação};
3 kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;"
3 não dando nós nenhum motivo de escândalo em coisa alguma, para que o nosso ministério não seja censurado.
4 sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni,"
4 Antes em tudo recomendando-nos como ministros de Deus; em muita perseverança, em aflições, em necessidades, em angústias,
5 sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla,"
5 em açoites, em prisões, em tumultos, em trabalhos, em vigílias, em jejuns,
6 sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,"
6 na pureza, na ciência, na longanimidade, na bondade, no Espírito Santo, no amor não fingido,
7 sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,"
7 na palavra da verdade, no poder de Deus, pelas armas da justiça à direita e à esquerda,
8 sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle;"
8 por honra e por desonra, por má fama e por boa fama; como enganadores, porém verdadeiros;
9 ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko;"
9 como desconhecidos, porém bem conhecidos; como quem morre, e eis que vivemos; como castigados, porém não mortos;
10 ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke."
10 como entristecidos, mas sempre nos alegrando; como pobres, mas enriquecendo a muitos; como nada tendo, mas possuindo tudo.
11 Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi."
11 Ó coríntios, a nossa boca está aberta para vós, o nosso coração está dilatado!
12 Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu."
12 Não estais estreitados em nós; mas estais estreitados nos vossos próprios afetos.
13 Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani."
13 Ora, em recompensa disto {falo como a filhos}, dilatai-vos também vós.
14 Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?"
14 Não vos prendais a um jugo desigual com os incrédulos; pois que sociedade tem a justiça com a injustiça? ou que comunhão tem a luz com as trevas?
15 Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?"
15 Que harmonia há entre Cristo e Belial? ou que parte tem o crente com o incrédulo?
16 Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona."
16 E que consenso tem o santuário de Deus com ídolos? Pois nós somos santuário de Deus vivo, como Deus disse: Neles habitarei, e entre eles andarei; e eu serei o seu Deus e eles serão o meu povo.
17 Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela,"
17 Pelo que, saí vós do meio deles e separai-vos, diz o Senhor; e não toqueis coisa imunda, e eu vos receberei;
18 Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla."
18 e eu serei para vós Pai, e vós sereis para mim filhos e filhas, diz o Senhor Todo-Poderoso.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 2 Coríntios 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.