1 Timóteo 6
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs BKJ
1 Onke ke amakhoboka aphantsi kwedyokhwe, ndinga ke angababalela abaniniwo ekuthini, bafanelwe yimbeko yonke, ukuze igama likaThixo nemfundiso inganyeliswa."
1 Todos os servos que estão debaixo do jugo considerem seus senhores dignos de toda a honra, para que o nome de Deus e sua doutrina não sejam blasfemados.
2 Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintanda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele."
2 E os que têm senhores crentes não os desprezem, por serem irmãos; antes, os sirvam, porque eles são fiéis e amados, participantes do benefício. Ensine e exorte estas coisas.
3 Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:"
3 Se alguém ensina de outro modo, e se não conforma com as sãs palavras de nosso Senhor Jesus Cristo e com a doutrina que é segundo a piedade,
4 uthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso, izirhano ezingendawo,"
4 é orgulhoso e nada sabe, mas delira acerca de questões e contendas de palavras, das quais surgem invejas, porfias, injúrias, más suposições,
5 iimpikiswano zochuku lwabantu abonakele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo."
5 contendas perversas de homens corruptos da mente e destruídos da verdade, supondo que lucro é piedade. Aparta-te dos tais.
6 Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu."
6 Mas a piedade com contentamento é grande ganho.
7 Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto."
7 Porque nada trouxemos para este mundo e é certo que nada podemos levar dele.
8 Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto."
8 Tendo, porém, comida e vestuário, estejamos com isso contentes.
9 Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni."
9 Mas os que querem ser ricos caem em tentação, e em laço, e em muitas concupiscências tolas e nocivas, que submergem os homens na destruição e perdição.
10 Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi."
10 Porque o amor ao dinheiro é a raiz de todo o mal; e nessa cobiça alguns se desviaram da fé e se traspassaram a si mesmos com muitas dores.
11 Ke wena, mntu kaThixo, zibaleke ezo zinto; phuthuma ke ubulungisa, ukuhlonela uThixo, ukholo, uthando, unyamezelo, ubulali."
11 Mas tu, ó homem de Deus, foge destas coisas e segue a justiça, a piedade, a fé, o amor, a paciência, a mansidão.
12 Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi."
12 Luta o bom combate da fé, toma posse da vida eterna, para a qual também foste chamado, tendo já confessado boa confissão diante de muitas testemunhas.
13 Ndiyakuthethela emehlweni kaThixo, ozidlisa ubomi zonke izinto, nasemehlweni kaKristu Yesu, owangqina wavuma uvumo oluhle phambi koPontiyo Pilato,"
13 Mando-te aos olhos de Deus, que todas as coisas vivifica, e diante de Cristo Jesus, que diante de Pôncio Pilatos deu o testemunho de boa confissão,
14 ukuba uwugcine umthetho lo, ungabi nabala, ungabi nakukhalazelwa, kude kufike ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Kristu,"
14 que guardes este mandamento sem mácula e repreensão, até a aparição de nosso Senhor Jesus Cristo;
15 aya kukubonakalisa ngawakhe amaxesha; lowo usikelelekileyo, ukuphela konamandla, uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi;"
15 a qual, a seu tempo, mostrará quem é o bendito e único Poderoso, Rei dos reis e Senhor dos senhores;
16 okuphela konokungafi, ehleli ekukhanyeni okungenakusondelwa; ekungekho namnye kubantu owakha wambona, nonako ukumbona; kuye makubekho imbeko namandla angunaphakade. Amen."
16 o único que tem a imortalidade e habita na luz da qual ninguém pode se aproximar; a quem nenhum dos homens viu nem pode ver; ao qual seja a honra e poder para sempre. Amém.
17 Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe;"
17 Manda aos que são ricos neste mundo que não sejam altivos, nem confiem na incerteza das riquezas, mas no Deus vivo, que abundantemente nos dá todas as coisas para deleites;
18 benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane;"
18 que façam o bem, que sejam ricos em bons trabalhos, prontos a repartir, dispostos a se comunicar;
19 baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade."
19 que entesourem para si mesmos um bom fundamento para o futuro, para que possam alcançar a vida eterna.
20 Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa;"
20 Ó Timóteo, guarda o que te foi confiado, evitando os falatórios vãos e profanos e as oposições da falsamente chamada ciência,
21 abasuke abathile, bethe banako oku kwazi, baluphosa ukholo. Ubabalo malube nawe. Amen."
21 a qual professando-a alguns, se desviaram da fé. A graça seja contigo. Amém.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Timóteo 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.