1 Timóteo 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana;"
1 Não repreendas asperamente os anciãos, mas admoesta-os como a pais; aos jovens, como a irmãos;
2 abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke."
2 às mulheres idosas, como a mães, às moças, como a irmãs, em toda a pureza.
3 Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene."
3 Honra as viúvas que verdadeiramente são viúvas.
4 Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo."
4 Mas, se alguma viúva tiver filhos ou netos, aprendam primeiro a exercer piedade para com a sua própria família e a recompensar seus pais; porque isto é bom e agradável diante de Deus.
5 Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini."
5 Ora, a que é verdadeiramente viúva e desamparada espera em Deus e persevera de noite e de dia em rogos e orações;
6 Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi."
6 mas a que vive em deleites, vivendo, está morta.
7 Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka."
7 Manda, pois, estas coisas, para que elas sejam irrepreensíveis.
8 Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo."
8 Mas, se alguém não tem cuidado dos seus e principalmente dos da sua família, negou a fé e é pior do que o infiel.
9 Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,"
9 Nunca seja inscrita viúva com menos de sessenta anos, e só a que tenha sido mulher de um só marido;
10 engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo."
10 tendo testemunho de boas obras, se criou os filhos, se exercitou hospitalidade, se lavou os pés aos santos, se socorreu os aflitos, se praticou toda boa obra.
11 Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;"
11 Mas não admitas as viúvas mais novas, porque, quando se tornam levianas contra Cristo, querem casar-se;
12 benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala."
12 tendo já a sua condenação por haverem aniquilado a primeira fé.
13 Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo."
13 E, além disto, aprendem também a andar ociosas de casa em casa; e não só ociosas, mas também paroleiras e curiosas, falando o que não convém.
14 Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa."
14 Quero, pois, que as que são moças se casem, gerem filhos, governem a casa e não deem ocasião ao adversário de maldizer.
15 Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana."
15 Porque já algumas se desviaram, indo após Satanás.
16 Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene."
16 Se algum crente ou alguma crente tem viúvas, socorra-as, e não se sobrecarregue a igreja, para que se possam sustentar as que deveras são viúvas.
17 Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni."
17 Os presbíteros que governam bem sejam estimados por dignos de duplicada honra, principalmente os que trabalham na palavra e na doutrina.
18 Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe."
18 Porque diz a Escritura: Não ligarás a boca ao boi que debulha. E: Digno é o obreiro do seu salário.
19 Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu."
19 Não aceites acusação contra presbítero, senão com duas ou três testemunhas.
20 Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika."
20 Aos que pecarem, repreende-os na presença de todos, para que também os outros tenham temor.
21 Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani."
21 Conjuro- te, diante de Deus, e do Senhor Jesus Cristo, e dos anjos eleitos, que, sem prevenção, guardes estas coisas, nada fazendo por parcialidade.
22 Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu."
22 A ninguém imponhas precipitadamente as mãos, nem participes dos pecados alheios; conserva-te a ti mesmo puro.
23 Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi."
23 Não bebas mais água só, mas usa de um pouco de vinho, por causa do teu estômago e das tuas frequentes enfermidades.
24 Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela."
24 Os pecados de alguns homens são manifestos, precedendo o juízo; e em alguns manifestam-se depois.
25 Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye, naleyo ingenjalo ayinako ukufihlakala."
25 Assim mesmo também as boas obras são manifestas, e as que são doutra maneira não podem ocultar-se.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Timóteo 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.