1 Samuel 28
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 Kwathi ngaloo mihla, amaFilisti ayihlanganisa yonke imikhosi yawo, ukuze aphume umkhosi aye kulwa namaSirayeli. Wathi uAkishe kuDavide, Yazi ngokuqinisekileyo ukuba uya kuphuma nomkhosi wam, wena namadoda akho."
1 Naqueles dias os filisteus reuniram suas tropas para lutar contra Israel. Aquis disse a Davi: "Você deve saber que você e seus soldados me acompanharão no exército".
2 Wathi uDavide kuAkishe, Kaloku uya kuyazi into eya kwenziwa ngumkhonzi wakho. Wathi uAkishe kuDavide, Ngoko ke ndokumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke."
2 Disse Davi a Aquis: "Então tu saberás o que teu servo é capaz de fazer". Aquis respondeu-lhe: "Então, o colocarei como minha guarda pessoal permanente".
3 Ke kaloku uSamuweli ubeselefile; abemmbambazelele onke amaSirayeli; abemngcwabele eRama, emzini wakhe. USawule ebebagxothile ezweni abaneshologu noosiyazi."
3 Samuel já havia morrido, e todo o Israel o havia pranteado e sepultado em Ramá, sua cidade natal. Saul havia expulsado do país os médiuns e os espíritas.
4 Ahlanganisana ke amaFilisti, aya amisa eShunem. Wawahlanganisa uSawule amaSirayeli onke, amisa eGilibhowa."
4 Depois que os filisteus se reuniram, vieram e acamparam em Suném, enquanto Saul reunia todos os israelitas e acampava em Gilboa.
5 Wayibona uSawule impi yamaFilisti, woyika; yagubha intliziyo yakhe kunene."
5 Quando Saul viu o acampamento filisteu, teve medo; ficou apavorado.
6 Wabuza uSawule kuYehova; uYehova akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim, nangabaprofeti."
6 Ele consultou o Senhor, mas este não lhe respondeu nem por sonhos nem por Urim nem por profetas.
7 Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore."
7 Então Saul disse aos seus auxiliares: "Procurem uma mulher que invoca espíritos, para que eu a consulte". Eles disseram: "Existe uma em En-Dor".
8 USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe."
8 Saul então se disfarçou, vestindo outras roupas, e foi à noite, com dois homens, até a casa da mulher. Ele disse a ela: "Invoque um espírito para mim, fazendo subir aquele cujo nome eu disser".
9 Yathi inkazana leyo kuye, Yabona uyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe."
9 A mulher, porém, lhe disse: "Certamente você sabe o que Saul fez. Ele eliminou os médiuns e os espíritas da terra de Israel. Por que você está preparando uma armadilha contra mim que me levará à morte? "
10 USawule wayifungela uYehova, esithi, Ehleli nje uYehova, inene, akuyi kuba natyala ngale ndawo."
10 Saul jurou-lhe pelo Senhor: "Juro pelo nome do Senhor que você não será punida por isso".
11 Yathi inkazana, Ndikunyusele bani na? Wathi, Ndinyusele uSamuweli."
11 "Quem devo fazer subir? ", perguntou a mulher. Ele respondeu: "Samuel".
12 Yambona inkazana uSamuweli, yakhala ngezwi elikhulu. Yatsho inkazana leyo kuSawule, ukuthi, Yini na ukuba undikhohlise? UnguSawule wena."
12 Quando a mulher viu Samuel, gritou e disse a Saul: "Por que me enganaste? Tu mesmo és Saul! "
13 Wathi ukumkani kuyo, Musa ukoyika. Ubone ntoni na? Yathi inkazana kuSawule, Ndibona umnyanya unyuka uphuma emhlabeni."
13 O rei lhe disse: "Não tenha medo. O que você está vendo? " A mulher disse a Saul: "Vejo um ser que sobe do chão".
14 Wathi kuye, Unjani na ukumila kwawo? Yathi inkazana, Kunyuke indoda enkulu, ithe wambu ingubo yokwaleka. Wazi ke uSawule ukuba nguSamuweli lowo. Wathoba ngobuso emhlabeni, waqubuda."
14 Ele perguntou: "Qual a aparência dele? " E disse ela: "Um ancião vestindo um manto está subindo". Então Saul ficou sabendo que era Samuel, inclinou-se e prostrou-se, rosto em terra.
15 Wathi uSamuweli kuSawule, Yini na ukuba undigungqise, undinyuse? Wathi uSawule, Ndibandezelekile kakhulu; amaFilisti alwa nam, uThixo umkile kum, akasandiphenduli nangabaprofeti nangamaphupha; ndikubizele ukuba undazise into endingayenzayo."
15 Samuel perguntou a Saul: "Por que você me perturbou, fazendo-me subir? " Respondeu Saul: "Estou muito angustiado. Os filisteus estão me atacando e Deus se afastou de mim. Ele já não responde nem por profetas nem por sonhos; por isso o chamei para dizer-me o que fazer".
16 Wathi uSamuweli, Yini na ukuba undibuze, uYehova emkile nje kuwe, waba lutshaba lwakho?"
16 Disse Samuel: "Por que você me chamou, já que o Senhor se afastou de você e se tornou seu inimigo?
17 UYehova uzenzele njengoko wakuthethayo ngam: uYehova ubukrazule esandleni sakho ubukumkani, wabunika ummelwane wakho uDavide."
17 O Senhor fez o que predisse por meu intermédio: rasgou de suas mãos o reino e o deu a seu próximo, a Davi.
18 Ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova, ungenzanga njengokuvutha komsindo wakhe kuma-Amaleki, ngenxa yoko uYehova uyenzile le nto kuwe namhla."
18 Porque você não obedeceu ao Senhor nem executou a grande ira dele contra os amalequitas, ele lhe faz isso hoje.
19 Uwanikele uYehova namaSirayeli kunye nawe esandleni samaFilisti. Ngomso wena noonyana bakho niya kuba nam; nomkhosi wamaSirayeli uYehova uya kuwunikela esandleni samaFilisti."
19 O Senhor entregará você e o povo de Israel nas mãos dos filisteus, e amanhã você e seus filhos estarão comigo. O Senhor também entregará o exército de Israel nas mãos dos filisteus".
20 Wawa kwaoko uSawule emhlabeni, waqungquluza, woyika kunene ngamazwi kaSamuweli; akwabakho namandla kuye; ngokuba ubengadlanga kudla imini yonke nobusuku bonke."
20 Na mesma hora Saul caiu estendido no chão, aterrorizado pelas palavras de Samuel. Suas forças haviam se esgotado, pois ele tinha passado todo aquele dia e toda aquela noite sem comer.
21 Yeza inkazana leyokuSawule, yabona ukuba ukhwankqe kunene. Yathi kuye, Yabona, umkhonzazana wakho uliphulaphule izwi lakho, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndaweva amazwi akho owathethayo kum."
21 Quando a mulher se aproximou de Saul e viu que ele estava profundamente perturbado, disse: "Olha, tua serva te obedeceu. Arrisquei minha vida e fiz o que me ordenaste.
22 Khawuliphulaphule nawe ngoko izwi lomkhonzazana wakho; makhe ndibeke iqhekeza lesonka phambi kwakho, udle, ube namandla xa uhamba indlela."
22 Agora, por favor, ouve tua serva e come um pouco para que tenhas forças para seguir teu caminho".
23 Akavuma ke; wathi, Andiyi kudla. Bamzama abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo. Waliphulaphula izwi labo, wavuka ke emhlabeni, wahlala elukhukweni."
23 Ele recusou e disse: "Não vou comer". Seus homens, porém, insistiram com ele, e a mulher também; e ele os atendeu. Ele se levantou do chão e sentou-se na cama.
24 Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; yangxama, yalixhela; yathabatha umgubo ocoliweyo, yawuxovula, yosa izonka ezingenagwele ngawo."
24 A mulher matou depressa um bezerro gordo que tinha em casa; apanhou um pouco de farinha, amassou-a e assou pão sem fermento.
25 Yabeka phambi koSawule naphambi kwabakhonzi bakhe. Badla, besuka ke, bahamba ngobo busuku."
25 Então ela serviu a Saul e a seus homens, e eles comeram. E naquela mesma noite eles partiram.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Samuel 28, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.