1 Samuel 25

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Wafa uSamuweli. Abuthelana onke amaSirayeli, ammbambazelela, amngcwabela endlwini yakhe eRama. Wesuka uDavide, wehla waya entlango yeParan."
1 Samuel morreu, e todos os israelitas se juntaram e choraram a morte dele. Então o sepultaram na sua casa, em Ramá. Depois disso Davi saiu e foi para o deserto de Parã. Nabal estava em Carmelo, cortando a lã das suas ovelhas.
2 Ke kaloku bekukho indoda eMahon, emsebenzi ubuseKarmele. Loo ndoda ke ibisisityebi kakhulu; yayineegusha ezingamawaka amathathu, neebhokhwe eziliwaka. Yayisekuchetyweni kweegusha zayo eKarmele."
2 — ausente —
3 Igama laloo ndoda lalinguNabhali, igama lomkayo linguAbhigali. Umfazi lowo wayenengqondo entle, eyinzwakazi; ke indoda leyo yayiyingcuka, zimbi iintlondi zayo, ingumKalebhi."
3 — ausente —
4 Weva uDavide entlango ukuba uNabhali ucheba iigusha zakhe."
4 Davi estava no deserto e soube disso.
5 UDavide wesusa ishumi lamadodana; wathi uDavide kumadodana lawo, Nyukani eKarmele niye kuNabhali, nibuze ukuphila kwakhe egameni lam;"
5 Então enviou dez rapazes a Carmelo, com ordem de encontrarem Nabal e o cumprimentarem em nome dele.
6 nitsho ukuthi, Hlala kakuhle uphile wena, iphile nendlu yakho, kuphile konke onakho."
6 Mandou que dissessem o seguinte: “Meu caro amigo, Davi lhe manda saudações, desejando tudo de bom para o senhor, a sua família e tudo o que é seu.
7 Ndivile kaloku ukuba unabachebi. Ke kaloku abalusi bakho babenathi; asibenzanga nto, abalahlekelwanga nto yonke imihla ababeseKarmele."
7 Ele soube que o senhor está cortando a lã das suas ovelhas e mandou lhe contar que os seus pastores estiveram com a gente, e nós não lhes fizemos nenhum mal. Durante o tempo em que estiveram em Carmelo, não roubamos nada do que era deles.
8 Buza kumadodana akho, okuxelela. Makababalwe nguwe la madodana akowethu, ngokuba sifike ngemini elungileyo. Khawubanike abakhonzi bakho, nonyana wakho uDavide, into esithe sayifumana isandla sakho."
8 Pergunte, e eles lhe contarão. Davi pede para o senhor nos receber com amizade porque viemos aqui num dia de festa. Assim, por favor, dê o que puder a nós, os seus criados, e ao seu querido amigo Davi.”
9 Aya ke amadodana kaDavide, athetha kuNabhali ngokwaloo mazwi onke egameni likaDavide, ahlala phantsi."
9 Os homens de Davi foram e deram o recado a Nabal, em nome de Davi. Então ficaram esperando,
10 UNabhali wabaphendula abakhonzi bakaDavide, wathi, Ngubani na yena uDavide? Ngubani na unyana kaYese? Azi namhla baninzi abakhonzi abakreqayo, elowo enkosini yakhe."
10 e Nabal respondeu: — Davi? Filho de Jessé? Quem é ele? Nunca ouvi falar nele! Hoje em dia há muitos escravos que fogem dos seus donos!
11 Ndingathini na ukuthabatha isonka sam, namanzi am, nento yam exheliweyo, endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawaziyo nokuba avela phi na?"
11 O meu pão, a minha água e os animais que matei para dar aos meus empregados eu não darei a homens que eu nem sei de onde vieram!
12 Ajika ke amadodana akwaDavide, ahamba ngendlela yawo, abuya eza amxelela ngokwaloo mazwi onke."
12 Os homens de Davi voltaram e contaram o que Nabal tinha dito.
13 Wathi uDavide kumadoda akhe, Nxibani elowo ikrele lakhe. Banxiba ke elowo ikrele lakhe. Walinxiba noDavide ikrele lakhe. Kwenyuka uDavide, elandelwa ngamadoda akumakhulu amane; kwahlala amakhulu amabini nempahla."
13 Então Davi disse: — Ponham as suas espadas nos cintos! E todos obedeceram. Davi também pegou a sua espada e saiu com mais ou menos quatrocentos dos seus homens enquanto duzentos ficaram atrás com a bagagem.
14 Ke kaloku uAbhigali, umkaNabhali, waxelelwa yindodana ethile kumadodana akhe, isithi, Yabona, uDavide ususe abathunywa entlango, ukuba beze kusikelela inkosi yethu; yesuka yabadlakavula."
14 Um dos empregados de Nabal disse a Abigail, a mulher de Nabal: — A senhora soube? Davi enviou do deserto uns mensageiros com saudações para o nosso patrão, mas ele os tratou mal.
15 Kanti amadoda lawo ebelungile kunene kuthi; akasonanga, asilahlekelwanga nto ngemihla yonke esibe sihamba nawo, oko besisezindle;"
15 No entanto, eles têm sido muito bons para a gente: nunca nos incomodaram e, durante todo o tempo em que estivemos com eles nos campos, eles não roubaram nada que era nosso.
16 aba ludonga kuthi nasebusuku nasemini, yonke imihla ebe sinawo, sisalusa impahla emfutshane."
16 Eles nos protegeram dia e noite todo o tempo em que estivemos com eles tomando conta dos nossos rebanhos.
17 Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke; ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo."
17 Pense nisso e resolva o que fazer. Isso poderá vir a ser um desastre para o nosso patrão e toda a sua família. Ele é tão mau, que ninguém pode falar com ele.
18 Wakhawuleza ke uAbhigali, wathabatha amakhulu amabini ezonka, neentsuba zambini zewayini, neegusha zantlanu sezihlinziwe, neeseha zantlanu zamakhweba, zalikhulu izicumba zeerasintyisi, zamakhulu mabini izicumba zamakhiwane, wazibeka emaesileni."
18 Então Abigail pegou depressa duzentos pães, dois odres cheios de vinho, cinco ovelhas assadas, uns dezessete quilos de trigo torrado, cem cachos de passas e duzentas pastas de figos secos e pôs tudo sobre jumentos.
19 Wathi kumadodana akwakhe, Gqithelani phambi kwam; niyabona, ndiyanilandela. Akayixelela indoda yakhe uNabhali."
19 Então disse aos empregados: — Vão na frente, que eu vou atrás. Porém não contou nada ao seu marido.
20 Kwathi, ekhwele e-esileni, esihla esitheni lentaba, nabo ooDavide namadoda akhe besihla, bemkhawulela, waqubisana nabo."
20 Abigail ia montada no seu jumento e, de repente, numa curva, na descida, encontrou Davi e os seus homens, que vinham na sua direção.
21 Ke kaloku uDavide ebethe, Ndifumane ndazixokisa ngokwam, ndazigcina zonke izinto zalo entlango, akwalahleka nto entweni yonke eyeyakhe; wandibuyisela ububi esikhundleni sokulungileyo."
21 Davi tinha pensado assim: “De que me adiantou proteger a propriedade desse homem aqui no deserto? Nós não roubamos nada que era dele, e é assim que ele me paga a ajuda que lhe dei?
22 UThixo makenjenje kwiintshaba zikaDavide, aqokele ukwenjenje, ukuba kude kwasa ngomso ndisalise, kubo bonke anabo, into eyindoda."
22 Que Deus me castigue se eu não matar até o último daqueles homens antes do amanhecer!”
23 UAbhigali wambona uDavide, wangxama, wehla e-esileni, wawa ngobuso phambi koDavide, waqubuda emhlabeni."
23 Quando Abigail viu Davi, desmontou depressa, ajoelhou-se diante dele e encostou o rosto no chão,
24 Wawa ke ezinyaweni zakhe, wathi, Mabube kum, kum lo, nkosi yam, ubugwenxa obu. Makhe athethe umkhonzazana wakho ezindlebeni zakho, uwaphulaphule amazwi omkhonzazana wakho."
24 aos seus pés, dizendo: — Por favor, senhor! Escute-me! Eu sou a culpada!
25 Inkosi yam mayingakhe ikhathale ngulo mntu ulitshijolo, uNabhali ngokuba njengoko linjalo igama lakhe, unjalo yena; nguNabhali igama lakhe, unobudenge; ke mna, mkhonzazana wakho, andiwabonanga amadodana enkosi yam, owawathumayo."
25 Por favor, não dê atenção a Nabal, pois ele não vale nada! Ele é exatamente o que seu nome quer dizer: um tolo ! Eu mesma não vi os rapazes que o senhor mandou.
26 Ngoko, nkosi yam, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, inene, uYehova ukunqandile ukuba ungaphalazi gazi, ungazisindisi ngesandla sakho; ngoko mazibe njengoNabhali iintshaba zakho, nabayifunela ububi inkosi yam."
26 Foi o Senhor Deus quem impediu que o senhor se vingasse e matasse os seus inimigos. Agora eu juro, pela sua vida e pela vida do Senhor , que todos os seus inimigos e todos os que querem prejudicá-lo serão castigados como Nabal.
27 Ngoko le ntsikelelo, ayizisileyo umkhonzazana wakho enkosini yam, mayinikwe amadodana alandela inkosi yam."
27 Senhor, faça o favor de aceitar este presente que eu lhe trouxe e o entregue aos seus homens.
28 Khawumxolele umkhonzazana wakho ukreqo lwakhe; ngokuba, inene, uYehova uya kuyenzela inkosi yam indlu eqinileyo; ngokuba inkosi yam ilwa iimfazwe zikaYehova; ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke."
28 Perdoe, por favor, qualquer coisa errada que eu tenha feito. O Senhor Deus fará com que o senhor seja rei e também os seus descendentes, pois o senhor está combatendo o combate dele e o senhor não vai fazer nenhum mal enquanto viver.
29 Xa kuthe kwesuka umntu, wakusukela, wawufuna umphefumlo wakho, wobotshwa umphefumlo wenkosi yam esiqhumeni sabaphilileyo kuYehova uThixo wakho; ke wona umphefumlo weentshaba zakho wowusawula entendeni yenkwitshi."
29 Se alguém o atacar e tentar matá-lo, o Senhor , seu Deus, o protegerá como um homem que guarda um tesouro precioso. Mas ele vai jogar longe os seus inimigos, como um homem que atira pedras com a sua funda .
30 Kuthi, xa uYehova athe wenza kwinkosi yam njengako konke okulungileyo akuthethileyo ngawe; wakumisa wayinganga yamaSirayeli:"
30 O Senhor Deus cumprirá todas as coisas boas que lhe prometeu e o fará rei de Israel.
31 oko kungabi sisiwiso kuwe, nesikhubekiso sentliziyo yenkosi yam, nokuphalaza igazi elimsulwa, nokuzisindisa kwenkosi yam; ukuba uthe uYehova wenza okulungileyo enkosini yam, womkhumbula umkhonzazana wakho."
31 E, quando isso acontecer, o senhor não terá motivo para se arrepender, ou sentir remorso por haver matado sem razão, ou por ter se vingado por si mesmo. E, quando o Senhor Deus o abençoar, não esqueça de mim.
32 Wathi ke uDavide kuAbhigali, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, okuthumileyo namhla, wandikhawulela."
32 Davi respondeu: — Louvado seja o
33 Mayibongwe imvo yakho, ubongwe wena, ondaleleyo namhla ukuba ndiphalaze igazi, ndizisindise ngesandla sam."
33 Graças ao que você fez hoje e ao seu juízo, eu deixei de cometer um crime de morte e fui impedido de me vingar por mim mesmo.
34 Noko ke ehleli nje uYehova, uThixo kaSirayeli, ondithinteleyo andenza nto imbi, ukuba ubungangxamanga uze kundikhawulela, inene, ngekungadanga kuse ngomso kusasele kwaNabhali into eyindoda."
34 Que o Senhor Deus me livre de fazer algum mal a você! Eu juro pelo Senhor , o Deus de Israel, o Deus vivo, que, se você não tivesse se apressado e não tivesse vindo me encontrar, amanhã cedo todos os homens de Nabal estariam mortos, até os meninos!
35 UDavide wakwamkela esandleni sakhe oko akuzisileyo kuye; wathi kuye, Nyuka unoxolo, uye endlwini yakho; uyabona, ndiliphulaphule izwi lakho, ndakunonelela."
35 Então Davi aceitou o que ela havia trazido e disse: — Volte para casa e não se preocupe. Eu farei o que você quiser.
36 Waya ke uAbhigali kuNabhali, nanko enesidlo endlwini yakhe njengesidlo sokumkani; intliziyo kaNabhali imnandi, enxila kunene. Akamxelela nto, nokuba yencinane nokuba yenkulu, kwada kwasa ngengomso."
36 Abigail voltou para o seu marido Nabal, que estava em casa, festejando como um rei. Ele estava bêbado e alegre. Então ela não lhe contou nada. Na manhã seguinte,
37 Kwathi ngengomso, ukuphuma kwewayini kuNabhali, umkakhe wamxelela loo mazwi; yafa intliziyo yakhe phakathi kwakhe, yaba lilitye."
37 quando ele não estava mais bêbado, ela lhe contou tudo. Aí ele teve um ataque e ficou completamente paralisado.
38 Kwathi, zakuba seshumini iintsuku, uYehova wambetha uNabhali, wafa."
38 Uns dez dias depois, a ira de Deus feriu Nabal, e ele morreu.
39 Weva uDavide ukuba uNabhali ufile, wathi, Makabongwe uYehova okuthetheleleyo ukungcikivwa kwam, wandikhulula esandleni sikaNabhali, wamnqanda umkhonzi wakhe ebubini, uYehova wabubuyisela ububi bukaNabhali entlokweni yakhe. Wathumela uDavide, wathetha kuAbhigali ukuba amzeke, abe ngumkakhe."
39 Quando Davi soube que Nabal havia morrido, disse: — Louvem a Deus, o Então Davi mandou a Abigail uma proposta de casamento.
40 Baya abakhonzi bakaDavide kuAbhigali eKarmele, bathetha kuye, besithi, UDavide usithume kuwe ukuba akuzeke, ube ngumkakhe."
40 Os empregados dele foram até Carmelo e disseram: — Davi nos mandou buscá-la para que a senhora seja sua esposa.
41 Wesuka, waqubuda ngobuso emhlabeni, wathi, Nanku umkhonzazana wakho wokuba likhobokazana lokuhlamba iinyawo zabakhonzi benkosi yam."
41 Então Abigail ajoelhou-se, encostou o rosto no chão e disse: — Eu sou escrava de Davi e estou pronta para lavar os pés dos empregados dele.
42 Wangxama ke uAbhigali, wesuka, wakhwela e-esileni, elandelwa sisihlanu somthinjana, wabalandela abathunywa bakaDavide, waba ngumkakhe."
42 Aí ela se levantou depressa e montou o seu jumento. E, acompanhada por suas cinco empregadas, partiu na companhia dos empregados de Davi e se tornou esposa dele.
43 UDavide wabezeke noAhinowam waseYizereli; baba ngabafazi bakhe bobabini nabo."
43 Davi tinha casado com Ainoã, de Jezreel, e agora Abigail também se tornou sua esposa.
44 Ke uSawule wayethe uMikali, intombi yakhe, umkaDavide, wamnika uFaliti, unyana kaLayishe waseGalim."
44 Nesse meio tempo Saul tinha dado a sua filha Mical, que tinha sido esposa de Davi, a Palti, filho de Laís, da cidade de Galim.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Samuel 25, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.