1 Reis 17

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengalo ilizwi lam."
1 Um profeta chamado Elias, de Tisbé, na região de Gileade, disse ao rei Acabe: — Em nome do
2 Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,"
2 Então o Senhor Deus disse a Elias:
3 Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan."
3 — Saia daqui, vá para o leste e esconda-se perto do riacho de Querite, a leste do rio Jordão.
4 Wothi usele emlanjaneni apho; ndiwawisele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona."
4 Você terá água do riacho para beber; e eu mandei que os corvos levem comida para você ali.
5 Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan."
5 Elias obedeceu à ordem do Senhor e foi e ficou morando perto do riacho de Querite.
6 Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho."
6 Ele bebia água do riacho, e os corvos vinham trazer pão e carne todas as manhãs e todas as tardes.
7 Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni."
7 Mas algum tempo depois o riacho secou por falta de chuva.
8 Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,"
8 Então o Senhor Deus disse a Elias:
9 Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; uyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase."
9 — Apronte-se e vá até a cidade de Sarepta, perto de Sidom, e fique lá. Eu mandei que uma viúva que mora ali dê comida para você.
10 Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele."
10 Então Elias foi para Sarepta. Quando estava chegando ao portão da cidade, ele encontrou a viúva, que estava catando lenha. Elias disse a ela: — Por favor, me dê um pouco de água para eu beber.
11 Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla."
11 Quando ela ia indo buscar a água, ele a chamou e disse: — E traga pão também, por favor.
12 Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife."
12 Porém ela respondeu: — Juro pelo seu Deus vivo, o
13 Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndenzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko."
13 — Não se preocupe! — disse Elias. — Vá preparar a sua comida. Mas primeiro faça um pãozinho com a farinha que você tem e traga-o para mim. Depois prepare o resto para você e para o seu filho.
14 Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba."
14 Pois o Senhor , o Deus de Israel, diz isto: “Não acabará a farinha da sua tigela, nem faltará azeite no seu jarro até o dia em que eu, o Senhor , fizer cair chuva.”
15 Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku."
15 Então a viúva foi e fez como Elias tinha dito. E todos eles tiveram comida para muitos dias.
16 Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya."
16 Como o Senhor havia prometido por meio de Elias, não faltou farinha na tigela nem azeite no jarro.
17 Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye."
17 Algum tempo depois, o filho da viúva ficou doente. Ele foi ficando cada vez pior e acabou morrendo.
18 Wathi kuEliya, Yintoni na enam nawe, mfo wakwaThixo? Uze kum, ukuba undikhumbuze ubugwenxa bam, umbulale unyana wam?"
18 Então ela disse a Elias: — Homem de Deus, o que o senhor tem contra mim? Será que o senhor veio aqui para fazer com que Deus lembrasse dos meus pecados e assim provocar a morte do meu filho?
19 Wathi kuye, Ndinike unyana wakho. Wamthabatha ke esifubeni sakhe, wenyuka naye, waya egumbini eliphezulu abehlala kulo, wamlalisa phezu kwesingqengqelo sakhe."
19 — Dê-me o seu filho! — disse Elias. Então pegou o menino dos braços da mãe e o levou para o andar de cima, para o quarto onde estava morando, e o colocou na sua cama.
20 Wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, umenzele ububi nomhlolokazi lo na ndiphambukele kuye, ngokubulala unyana wakhe?"
20 Então orou em voz alta, assim: — Ó
21 Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana."
21 Aí Elias se deitou em cima do menino três vezes e orou deste modo: — Ó
22 Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila."
22 E o Senhor Deus respondeu à oração de Elias. O menino começou a respirar outra vez e tornou a viver.
23 Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho."
23 Elias pegou o menino, e o levou para baixo, para a sua mãe, e disse: — Veja! O seu filho está vivo!
24 Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso."
24 Então ela disse a Elias: — Agora eu sei que o senhor é um homem de Deus e que Deus realmente fala por meio do senhor!

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Reis 17, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.