1 Pedro 2

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Ngoko, nilulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, walangazeleleni,"
1 Deixando, pois, toda malícia, e todo engano, e fingimentos, e invejas, e todas as murmurações,
2 ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;"
2 desejai afetuosamente, como meninos novamente nascidos, o leite racional, não falsificado, para que, por ele, vades crescendo,
3 ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele."
3 se é que já provastes que o Senhor é benigno.
4 Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile:"
4 E, chegando-vos para ele, a pedra viva, reprovada, na verdade, pelos homens, mas para com Deus eleita e preciosa,
5 nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu."
5 vós também, como pedras vivas, sois edificados casa espiritual e sacerdócio santo, para oferecerdes sacrifícios espirituais, agradáveis a Deus, por Jesus Cristo.
6 Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe."
6 Pelo que também na Escritura se contém: Eis que ponho em Sião a pedra principal da esquina, eleita e preciosa; e quem nela crer não será confundido.
7 Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo,"
7 E assim para vós, os que credes, é preciosa, mas, para os rebeldes, a pedra que os edificadores reprovaram, essa foi a principal da esquina;
8 Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona."
8 e uma pedra de tropeço e rocha de escândalo, para aqueles que tropeçam na palavra, sendo desobedientes; para o que também foram destinados.
9 Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso;"
9 Mas vós sois a geração eleita, o sacerdócio real, a nação santa, o povo adquirido, para que anuncieis as virtudes daquele que vos chamou das trevas para a sua maravilhosa luz;
10 enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba."
10 vós que, em outro tempo, não éreis povo, mas, agora, sois povo de Deus; que não tínheis alcançado misericórdia, mas, agora, alcançastes misericórdia.
11 Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo."
11 Amados, peço-vos, como a peregrinos e forasteiros, que vos abstenhais das concupiscências carnais, que combatem contra a alma,
12 Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa."
12 tendo o vosso viver honesto entre os gentios, para que, naquilo em que falam mal de vós, como de malfeitores, glorifiquem a Deus no Dia da visitação, pelas boas obras que em vós observem.
13 Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo;"
13 Sujeitai-vos, pois, a toda ordenação humana por amor do Senhor; quer ao rei, como superior;
14 nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo."
14 quer aos governadores, como por ele enviados para castigo dos malfeitores e para louvor dos que fazem o bem.
15 Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda;"
15 Porque assim é a vontade de Deus, que, fazendo o bem, tapeis a boca à ignorância dos homens loucos;
16 nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakathixo."
16 como livres e não tendo a liberdade por cobertura da malícia, mas como servos de Deus.
17 Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni."
17 Honrai a todos. Amai a fraternidade. Temei a Deus. Honrai o rei.
18 Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa."
18 Vós, servos, sujeitai-vos com todo o temor ao senhor, não somente ao bom e humano, mas também ao mau;
19 Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa."
19 porque é coisa agradável que alguém, por causa da consciência para com Deus, sofra agravos, padecendo injustamente.
20 Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo."
20 Porque que glória será essa, se, pecando, sois esbofeteados e sofreis? Mas, se fazendo o bem, sois afligidos e o sofreis, isso é agradável a Deus.
21 Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe:"
21 Porque para isto sois chamados, pois também Cristo padeceu por nós, deixando-nos o exemplo, para que sigais as suas pisadas,
22 ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe;"
22 o qual não cometeu pecado, nem na sua boca se achou engano,
23 obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa;"
23 o qual, quando o injuriavam, não injuriava e, quando padecia, não ameaçava, mas entregava-se àquele que julga justamente,
24 owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo."
24 levando ele mesmo em seu corpo os nossos pecados sobre o madeiro, para que, mortos para os pecados, pudéssemos viver para a justiça; e pelas suas feridas fostes sarados.
25 Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu."
25 Porque éreis como ovelhas desgarradas; mas, agora, tendes voltado ao Pastor e Bispo da vossa alma.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Pedro 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.