1 João 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye."
1 Todo o que crê que Jesus é o Cristo, nasceu de Deus; e todo o que ama aquele que o gerou, ama também aquele que dele foi gerado.
2 Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe."
2 Nisto conhecemos que amamos os filhos de Deus: se amamos a Deus e guardamos os seus mandamentos.
3 Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe."
3 Eis o amor de Deus: que guardemos seus mandamentos. E seus mandamentos não são penosos,
4 Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu."
4 porque todo o que nasceu de Deus vence o mundo. E esta é a vitória que vence o mundo: a nossa fé.
5 Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?"
5 Quem é o vencedor do mundo senão aquele que crê que Jesus é o Filho de Deus?
6 Lowo ngulo wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; engenawo amanzi odwa, enawo amanzi, enalo igazi. UMoya ke ungulo ungqinayo, ngokuba uMoya uyiyo inyaniso."
6 Ei-lo, Jesus Cristo, aquele que veio pela água e pelo sangue; não só pela água, mas pela água e pelo sangue. E o Espírito é quem dá testemunho dele, porque o Espírito é a verdade.
7 Ngokuba bathathu abo bangqinayo emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye."
7 São, assim, três os que dão testemunho:
8 Bathathu abo bangqinayo emhlabeni : uMoya, namanzi, negazi; aba bathathu basingise ntweni-nye."
8 o Espírito, a água e o sangue; estes três dão o mesmo testemunho.
9 Ukuba ubungqina babantu siyabamkela, ubungqina bukaThixo bungaphezulu; ngokuba bubo obu ubungqina bukaThixo, angqinele uNyana wakhe ngabo."
9 Aceitamos o testemunho dos homens. Ora, maior é o testemunho de Deus, porque se trata do próprio testemunho de Deus, aquele que ele deu do seu próprio Filho.
10 Lowo ukholwayo kuye uNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; lowo ungakholwayo nguye uThixo umenze ixoki, ngokuba engakholwanga bubo ubungqina abungqinele uNyana wakhe uThixo."
10 Aquele que crê no Filho de Deus tem em si o testemunho de Deus. Aquele que não crê em Deus, o faz mentiroso, porque não crê no testemunho que Deus deu a respeito de seu Filho.
11 Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe."
11 E o testemunho é este: Deus nos deu a vida eterna, e esta vida está em seu Filho.
12 Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi."
12 Quem possui o Filho possui a vida; quem não tem o Filho de Deus não tem a vida.
13 Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo."
13 Isto vos escrevi para que saibais que tendes a vida eterna, vós que credes no nome do Filho de Deus.
14 Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva."
14 A confiança que depositamos nele é esta: em tudo quanto lhe pedirmos, se for conforme à sua vontade, ele nos atenderá.
15 Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye."
15 E se sabemos que ele nos atende em tudo quanto lhe pedirmos, sabemos daí que já recebemos o que pedimos.
16 Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho sona sisingisa ekufeni; anditsho ukuthi makacelele sona."
16 Se alguém vê seu irmão cometer um pecado que não o conduza à morte, reze, e Deus lhe dará a vida; isto para aqueles que não pecam para a morte. Há pecado que é para morte; não digo que se reze por este.
17 Konke ukungalungisi sisono; kukho sono singasingisi khona ekufeni."
17 Toda iniqüidade é pecado, mas há pecado que não leva à morte.
18 Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; usuke athi lowo wazalwayo nguThixo azigcine, aze ongendawo angamchukumisi."
18 Sabemos que aquele que nasceu de Deus não peca; mas o que é gerado de Deus se acautela, e o Maligno não o toca.
19 Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo."
19 Sabemos que somos de Deus, e que o mundo todo jaz sob o Maligno.
20 Ke siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Kristu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade."
20 Sabemos que o Filho de Deus veio e nos deu entendimento para conhecermos o Verdadeiro. E estamos no Verdadeiro, nós que estamos em seu Filho Jesus Cristo. Este é o verdadeiro Deus e a vida eterna.
21 Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen."
21 Filhinhos, guardai-vos dos ídolos!
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 João 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.