1 João 3
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena."
1 Vede que grande amor nos tem concedido o Pai: que fôssemos chamados filhos de Deus; e nós o somos. Por isso o mundo não nos conhece; porque não conheceu a ele.
2 Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo."
2 Amados, agora somos filhos de Deus, e ainda não é manifesto o que havemos de ser. Mas sabemos que, quando ele se manifestar, seremos semelhantes a ele; porque assim como é, o veremos.
3 Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu."
3 E todo o que nele tem esta esperança, purifica-se a si mesmo, assim como ele é puro.
4 Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho."
4 Todo aquele que vive habitualmente no pecado também vive na rebeldia, pois o pecado é rebeldia.
5 Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye."
5 E bem sabeis que ele se manifestou para tirar os pecados; e nele não há pecado.
6 Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi."
6 Todo o que permanece nele não vive pecando; todo o que vive pecando não o viu nem o conhece.
7 Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa."
7 Filhinhos, ninguém vos engane; quem pratica a justiça é justo, assim como ele é justo;
8 Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wone kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi."
8 quem comete pecado é do Diabo; porque o Diabo peca desde o princípio. Para isto o Filho de Deus se manifestou: para destruir as obras do Diabo.
9 Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo."
9 Aquele que é nascido de Deus não peca habitualmente; porque a semente de Deus permanece nele, e não pode continuar no pecado, porque é nascido de Deus.
10 Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe."
10 Nisto são manifestos os filhos de Deus, e os filhos do Diabo: quem não pratica a justiça não é de Deus, nem o que não ama a seu irmão.
11 Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;"
11 Porque esta é a mensagem que ouvistes desde o princípio, que nos amemos uns aos outros,
12 singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa."
12 não sendo como Caim, que era do Maligno, e matou a seu irmão. E por que o matou? Porque as suas obras eram más e as de seu irmão justas.
13 Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile."
13 Meus irmãos, não vos admireis se o mundo vos odeia.
14 Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni."
14 Nós sabemos que já passamos da morte para a vida, porque amamos os irmãos. Quem não ama permanece na morte.
15 Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso."
15 Todo o que odeia a seu irmão é homicida; e vós sabeis que nenhum homicida tem a vida eterna permanecendo nele.
16 Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu."
16 Nisto conhecemos o amor: que Cristo deu a sua vida por nós; e nós devemos dar a vida pelos irmãos.
17 Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?"
17 Quem, pois, tiver bens do mundo, e, vendo o seu irmão necessitando, lhe fechar o seu coração, como permanece nele o amor de Deus?
18 Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso."
18 Filhinhos, não amemos de palavra, nem de língua, mas por obras e em verdade.
19 Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe."
19 Nisto conheceremos que somos da verdade, e diante dele tranqüilizaremos o nosso coração;
20 Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke."
20 porque se o coração nos condena, maior é Deus do que o nosso coração, e conhece todas as coisas.
21 Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo;"
21 Amados, se o coração não nos condena, temos confiança para com Deus;
22 nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe."
22 e qualquer coisa que lhe pedirmos, dele a receberemos, porque guardamos os seus mandamentos, e fazemos o que é agradável à sua vista.
23 Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho."
23 Ora, o seu mandamento é este, que creiamos no nome de seu Filho Jesus Cristo, e nos amemos uns aos outros, como ele nos ordenou.
24 Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo."
24 Quem guarda os seus mandamentos, em Deus permanece e Deus nele. E nisto conhecemos que ele permanece em nós: pelo Espírito que nos tem dado.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 João 3, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.