1 Crônicas 21

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Ke kaloku uSathana wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli."
1 Satanás quis criar problemas para o povo de Israel e por isso levou Davi a fazer uma contagem do povo.
2 Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBher-shebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo."
2 Davi deu a Joabe e aos outros oficiais a seguinte ordem: — Vão por toda a terra de Israel, desde o Norte até o Sul, e façam a contagem do povo. Eu quero saber quantos somos.
3 Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?"
3 Mas Joabe respondeu: — Que o
4 Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem."
4 Mas o rei fez com que Joabe obedecesse à sua ordem. Então Joabe saiu, viajou por toda a terra de Israel e depois voltou para Jerusalém.
5 UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amane anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele."
5 Ele informou ao rei Davi que o total de homens capazes para o serviço militar era o seguinte: um milhão e cem mil em Israel e quatrocentos e setenta mil em Judá.
6 Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi."
6 Mas Joabe desaprovava a ordem do rei e por isso não fez a contagem nas tribos de Levi e Benjamim.
7 Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli."
7 O que foi feito desagradou a Deus, e por isso ele castigou o povo de Israel.
8 Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu."
8 Então Davi disse: — Ó Deus, eu cometi um pecado terrível quando mandei contar o povo. Por favor, perdoa-me! O que fiz foi uma loucura.
9 Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,"
9 Então o Senhor Deus disse a Gade, o profeta de Davi:
10 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe."
10 — Vá e diga a Davi que eu dou a ele o direito de escolher uma de três coisas; aquilo que ele escolher eu farei. — Você pode escolher uma destas três coisas: três anos de fome, três meses fugindo dos exércitos dos seus inimigos ou três dias nos quais o
11 Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Zityumbele;"
11 — ausente —
12 nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo."
12 — ausente —
13 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu."
13 Davi respondeu: — Estou desesperado; porém não quero ser castigado por homens. Que o próprio
14 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli."
14 Então Deus mandou que uma peste caísse sobre o povo de Israel, e morreram setenta mil israelitas.
15 UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi."
15 Depois mandou um anjo para destruir a cidade de Jerusalém, mas mudou de ideia e disse ao anjo: — Pare! Já chega! O anjo do
16 UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso."
16 Davi olhou e viu o anjo no ar, segurando a sua espada, pronto para destruir Jerusalém. Então Davi e os líderes do povo, todos eles vestindo roupas feitas de pano grosseiro, ajoelharam-se e encostaram o rosto no chão.
17 Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe."
17 Aí Davi orou assim: — Ó Deus, fui eu que errei. Fui eu quem mandou fazer o recenseamento. O que foi que essa pobre gente fez? Ó
18 Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandeni sikaOrnan umYebhusi."
18 Então o anjo do Senhor disse a Gade que mandasse Davi construir um altar para Deus no terreiro de malhar cereais que pertencia a Araúna.
19 Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova."
19 Davi obedeceu à ordem do Senhor e foi, como Gade lhe tinha dito.
20 Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abane ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa."
20 Ali, no terreiro, Araúna e os seus quatro filhos estavam malhando trigo. Quando viram o anjo, os filhos fugiram e se esconderam.
21 Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandeni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni."
21 Ao ver Davi chegando, Araúna saiu do terreiro, ajoelhou-se e encostou o rosto no chão.
22 Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesanda, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wondinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini."
22 Então Davi lhe disse: — Quero que você me venda o seu terreiro de malhar cereais a fim de que eu construa nele um altar para Deus, o
23 Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko."
23 Araúna disse: — Fique com o terreiro e faça com ele o que quiser. Aqui estão estes bois para serem queimados em
24 Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize."
24 Mas Davi respondeu: — Isso não! Eu pagarei o preço justo. Não vou dar como oferta ao
25 UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu."
25 E pagou a Araúna quase sete quilos de ouro pelo terreiro.
26 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo."
26 Então construiu ali um altar para Deus e ofereceu sacrifícios que foram completamente queimados e ofertas de paz. Ele orou, e Deus respondeu, mandando fogo do céu para queimar os sacrifícios que estavam no altar.
27 Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso."
27 O Senhor Deus mandou que o anjo colocasse a sua espada na bainha, e ele obedeceu.
28 Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandeni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona."
28 Naquele instante Davi entendeu que Deus havia respondido à sua oração e por isso ofereceu sacrifícios no altar do terreiro de malhar cereais.
29 Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha."
29 Naquele tempo a Tenda da Presença de Deus , que Moisés havia feito no deserto, e o altar onde os sacrifícios eram queimados ainda estavam no lugar de adoração que ficava em Gibeão.
30 UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova."
30 Mas Davi não podia ir até lá para adorar a Deus porque estava com medo da espada do anjo do Senhor .

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Crônicas 21, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.