1 Crônicas 17
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga."
1 Quando Davi se instalou em sua casa, disse ao profeta Natã: Eis que moro numa casa de cedro e a arca da aliança do Senhor está debaixo de uma tenda.
2 Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe."
2 Natã respondeu: Faze o que teu coração te sugere, porque Deus está contigo.
3 Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,"
3 Mas, na noite seguinte, a palavra de Deus foi dirigida a Natã, nestes termos:
4 Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala."
4 Vai e dize a Davi, meu servo: Eis o que diz o Senhor: Não és tu que me construirás a casa em que habitarei.
5 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni."
5 Nunca habitei numa casa, desde o dia em que fiz sair Israel do Egito até hoje, mas tenho estado de tenda em tenda, de morada em morada.
6 Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalusa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningandakheli ndlu yamisedare?"
6 Durante todo o tempo em que viajei com todo o Israel, jamais propus esta questão a algum dos juízes de Israel, aos quais encarregara de apascentar meu povo: Por que não me edificais uma casa de cedro?
7 Ke ngoko wotsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndakuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli."
7 Agora dirás a meu servo Davi: Eis o que diz o Senhor dos exércitos: Eu te tirei dos campos de pastagens e do pastoreio das ovelhas, para seres o chefe de meu povo de Israel;
8 Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini."
8 em toda parte a que foste, estive contigo, exterminei diante de ti teus inimigos e dei-te um nome igual ao dos grandes da terra.
9 Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babonakalise, njengamhla mnene;"
9 Dei um lugar a meu povo de Israel, e o fixei. Ele está estabelecido, e não será mais inquietado, e os iníquos não mais o oprimirão, como outrora,
10 kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi, ndazithoba zonke iintshaba zakho. Ke ndiyakuxelela ukuba uYehova uya kukwakhela indlu."
10 como nos dias em que estabeleci juízes sobre Israel, meu povo. Humilhei todos os teus inimigos. Eu te anuncio que o Senhor há de fundar para ti uma casa.
11 Kothi, xa ithe yazaliseka imihla yakho yokuba uye kooyihlo, ndiyipha kamise emva kwakho imbewu yakhe, eya kuvela koonyana bakho, ndibuzi nzise ukukumkani bakhe."
11 Quando teus dias se acabarem e tiveres ido juntar-te a teus pais, levantarei tua posteridade após ti, num de teus filhos, e firmarei seu reino.
12 Nguye oya kundakhela indlu, ndiyizinzise itrone yakhe, kude kuse ephakadeni."
12 É ele que me construirá uma casa e firmarei seu trono para sempre.
13 Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho."
13 Serei para ele um pai, e ele será para mim um filho; e nunca retirarei dele o meu favor como retirei daquele que reinou antes de ti.
14 Ndiya kummisa endlwini yam, nasebukumkanini bam, kude kuse ephakadeni; itrone yakhe iya kuzinza kude kuse ephakadeni."
14 Eu o estabelecerei na minha casa e no meu reino para sempre, e seu trono será firme por todos os séculos.
15 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide."
15 Natã referiu a Davi todas as palavras que tinha ouvido em visão.
16 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?"
16 Então Davi foi e se apresentou diante do Senhor e disse: Quem sou eu, Senhor Deus, e que é minha casa, para que me façais chegar ao que sou?
17 Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethe nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo."
17 E é ainda pouco a vossos olhos, ó Deus! Falastes da casa de vosso servo para os tempos longínquos, e olhastes para mim como a um homem de alta dignidade, ó Senhor Deus.
18 Usaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo."
18 Que mais poder-vos-ia dizer Davi sobre a honra que fazeis ao vosso servo? Vós conheceis o vosso servo.
19 Yehova, ubenze ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka."
19 Senhor, é por causa de vosso servo e segundo o impulso de vosso coração que executastes todas estas grandes coisas para lhas revelar.
20 Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu."
20 Senhor, ninguém é semelhante a vós, e, conforme tudo que ouvimos dizer, não há outro Deus além de vós.
21 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?"
21 Há sobre a terra outra nação comparável ao nosso povo de Israel, o qual seu Deus veio redimir para dele fazer seu povo, para vos fazer célebre, por meio de milagres e prodígios, repelindo nações diante de vosso povo que redimistes do Egito?
22 Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo."
22 De Israel, fizestes vosso povo para sempre, e vós, Senhor, tornastes-vos seu Deus.
23 Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wenze njengoko uthethileyo;"
23 E agora, Senhor, possa a palavra que pronunciastes acerca de vosso servo e de sua casa subsistir eternamente! Fazei como o dissestes.
24 libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho."
24 Que ela subsista; então vosso nome será eternamente exaltado e dir-se-á: o Senhor dos exércitos é o Deus de Israel; é um Deus para Israel. E que seja sólida diante de vós a casa de vosso servo Davi.
25 Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba uya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho."
25 Porque fostes vós mesmo, ó meu Deus, que revelastes a vosso servo que lhe constituiríeis uma casa; eis por que vosso servo ousa dirigir-vos esta prece.
26 Kaloku, Yehova, unguye uThixo wena; uzithethile ke ngomkhonzi wakho ezi zinto zilungileyo."
26 Agora, Senhor, vós sois Deus, e dissestes a vosso servo essa palavra agradável.
27 Kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Yehova, uyisikelele into, yosikeleleka ke ngonaphakade."
27 Dignai-vos, portanto, abençoar a casa de vosso servo, para que ela subsista perpetuamente diante de vós; porque, o que abençoais, Senhor, é para sempre bendito.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Crônicas 17, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.