1 Crônicas 15
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 UDavide wazenzela izindlu emzini kaDavide; wayilungiselela indawo ityeya kaThixo, wayimisela intente."
1 Davi construiu casas para si na cidade de Davi; preparou um lugar para a arca de Deus e levantou para ela um pavilhão.
2 Waza uDavide wathi, Mayingathwalwa ityeya kaThixo ngabangebaLevi; ngokuba unyule bona uYehova ukuba bayithwale ityeya kaThixo, bamlungiselele ngonaphakade."
2 Disse, então, Davi: A arca de Deus só pode ser carregada por levitas, pois são eles que o Senhor escolheu para carregá-la e para servi-la perpetuamente.
3 UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona."
3 Davi convocou todo o Israel em Jerusalém, para fazer subir a arca do Senhor ao lugar que lhe havia preparado.
4 Wabahlanganisa uDavide oonyana baka-Aron nabaLevi."
4 Reuniu os filhos de Aarão e os levitas:
5 Koonyana bakaKehati yangu-Uriyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mabini."
5 dos filhos de Caat, Uriel, o chefe, e seus 120 irmãos;
6 Koonyana bakaMerari yanguAsaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamanci mabini."
6 dos filhos de Merari, Asaia, o chefe, e seus 220 irmãos;
7 Koonyana bakaGershom yanguYoweli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mathathu."
7 dos filhos de Gerson, Joel, o chefe, e seus 130 irmãos;
8 Koonyana bakaElitsafan yanguShemaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini."
8 dos filhos de Elisafã, Semeías, o chefe, e seus 200 irmãos;
9 Koonyana bakaHebron yanguEliyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamashumi asibhozo."
9 dos filhos de Hebron, Eliel, o chefe, e seus 80 irmãos;
10 Koonyana bakaUziyeli yanguAminadabhi umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinashumi-nye linababini."
10 dos filhos de Oziel, Aminadab, o chefe, e seus 112 irmãos.
11 UDavide wabiza ooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli, nabaLevi ooUriyeli, noAsaya, noYoweli, noShemaya, noEliyeli, noAminadabhi."
11 Davi chamou Sadoc e Abiatar, e os levitas Uriel, Asaías, Joel, Semeías, Eliel e Aminadab,
12 Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi; zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona;"
12 e disse-lhes: Vós sois os chefes das famílias levíticas; santificai-vos, vós e vossos irmãos, e fazei subir a arca do Senhor, Deus de Israel, ao lugar que lhe preparei.
13 ngokuba, yabingenini nje enayinyusayo kwasekuqaleni, wasityhobozela uYehova uThixo wethu, ngokuba singamfunanga ngokwesiko."
13 É porque não fostes vós, que o Senhor, nosso Deus, feriu na primeira vez, pois não a fomos procurar como manda a lei.
14 Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi, ukuba bayinyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli."
14 Os sacerdotes e levitas santificaram-se, portanto, para fazer subir a arca do Senhor, Deus de Israel.
15 Bayithwala oonyana bakaLevi ityeya kaThixo, njengoko abemwisele umthetho uMoses ngokwelizwi likaYehova, emagxeni abo, ngezibonda ezikuwo."
15 E os filhos de Levi, como o tinha ordenado Moisés, segundo a palavra do Senhor, levaram a arca aos ombros, por meio de varais.
16 Wathi uDavide kubathetheli babaLevi, mabamise abazalwana babo babe ziimvumi, beneempahla zokuvuma: imirhubhe, neehadi, namacangci akhenkcezayo, kuphakanyiswe ngesandi sovuyo."
16 Davi disse aos chefes dos levitas que estabelecessem seus irmãos como cantores com instrumentos de música, cítaras, harpas e címbalos, para que sons vibrantes e alegres se fizessem ouvir.
17 AbaLevi bamisa ke uHeman unyana kaYoweli, nakubazalwana bakhe uSafu unyana kaBherekiya, nakoonyana bakaMerari, abazalwana babo, uEtan unyana kaKushaya,"
17 Os levitas constituíram Hemã, filho de Joel, e dentre seus irmãos, Asaf, filho de Baraquias; dentre os filhos de Merari, seus irmãos, Etã, filho de Cusaia;
18 benabazalwana babo bolwesibini udidi: yanguZekariya, noBhen, noYahaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noBhenaya, noMahazeya, noMatitiya, noElifelehu, noMikeneya, oo-Obhedi-edom, noYehiyeli, abamasango."
18 e com eles, seus irmãos de segunda ordem; Zacarias, Oziel, Semiramot, Jaiel, Ani, Eliab, Banaías, Maasias, Matatias, Elifalu, Macenias, Obededom e Jeiel, os porteiros.
19 Iimvumi, ooHeman, noAsafu, noEtan, baba ngabokuvakalisa ngamacangci obhedu;"
19 Os cantores, Hemã, Asaf e Etã, tinham címbalos de bronze para faze-los retinir.
20 ooZekariya, noHaziyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noUni, noEliyabhi, noMagaseya, noBhenaya, ngemirhubhe, ngeleentombi ilizwi;"
20 Zacarias, Oziel, Semiramot, Jaiel, Ani, Eliab, Maasias e Banaías tinham cítaras em soprano.
21 ooMatitiya, noElifelehu, noMikeneha, no-Obhedi-edom, noYehiyeli, noAzaziya ngeehadi, ngelamadoda ilizwi, ukuba bahlabele."
21 Matatias, Elifalu, Macenias, Obededom, Jeiel e Ozaziu tinham harpas na oitava inferior, para conduzir o canto.
22 UKenaniya, umthetheli wabaLevi ekuthwaleni, wafundisa ukuthwala; ngokuba ebenengqondo yoko."
22 Conenias, chefe dos levitas para o transporte, dirigia o transporte, pois era entendido nisso.
23 OoBherekiya noElikana babengabamasango etyeya."
23 Baraquias e Elcana eram porteiros da arca.
24 OoShebhaniya, noYehoshafati, noNataniyeli, noAmasayi, noZekariya, noBhenaya, noEliyezere, ababingeleli, babengabokuvuthela ngamaxilongo phambi kwetyeya kaThixo, Oo-Obhedi-edom noYehiya babengabamasango etyeya."
24 Os sacerdotes Sebenias, Josafá, Natanael, Amasaí, Zacarias, Banaias e Eliezer tocavam trombetas diante da arca de Deus. Obededom e Jeías eram porteiros da arca.
25 Kwathi ke ooDavide, namadoda amakulu akwaSirayeli, nabathetheli bamawaka, baya kuyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova endlwini kaObhedi-edom, bevuya."
25 Davi, os anciãos de Israel e os chefes de mil foram para retirar da casa de Obededom a arca da aliança do Senhor, e para transportá-la no meio de regozijo.
26 Kwathi, ekubancedeni kukaThixo abaLevi, bayithwala ityeya yomnqophiso kaYehova, babingelela iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe."
26 Foi com a assistência de Deus que os levitas transportaram a arca da aliança do Senhor; e foram sacrificados sete touros e sete carneiros.
27 Wayambethe ingubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo uDavide, nabaLevi bonke ababethwele ityeya, neemvumi, noKenaniya umphathi wabathwali; ke uDavide wayebhinqe iefodi yelinen emhlophe."
27 Davi estava revestido de um manto de linho fino, e da mesma forma todos os levitas que transportavam a arca, os cantores e Conenias que dirigia o transporte da arca entre os cantores. Davi estava ainda revestido de um efod de linho.
28 AmaSirayeli onke abeyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova eduma, enesandi sezigodlo, nesamaxilongo, nesamacangci, evakalisa ngemirhubhe nangeehadi."
28 Todo o Israel, ao fazer subir a arca da aliança do Senhor, soltava brados de júbilo, ressoando trombetas, trompas e címbalos, retinindo cítaras e harpas.
29 Kwathi ke ekufikeni kwetyeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide, walunguza ngefestile uMikali, intombi kaSawule, wabona ukumkani uDavide esina, eqamba, wamcekisa entliziyweni yakhe."
29 Quando a arca da aliança do Senhor entrava na cidade de Davi, Micol, filha de Saul, que olhava pela janela, viu que o rei saltava e dançava, e desprezou-o no seu coração.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Crônicas 15, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.