1 Coríntios 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF

Sair da comparação
ACF Almeida Corrigida Fiel
1 Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana."
1 Ora, quanto às coisas que me escrevestes, bom seria que o homem não tocasse em mulher;
2 Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda."
2 Mas, por causa da fornicação, cada um tenha a sua própria mulher, e cada uma tenha o seu próprio marido.
3 Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe."
3 O marido pague à mulher a devida benevolência, e da mesma sorte a mulher ao marido.
4 Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo."
4 A mulher não tem poder sobre o seu próprio corpo, mas tem-no o marido; e também da mesma maneira o marido não tem poder sobre o seu próprio corpo, mas tem-no a mulher.
5 Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu."
5 Não vos priveis um ao outro, senão por consentimento mútuo por algum tempo, para vos aplicardes ao jejum e à oração; e depois ajuntai-vos outra vez, para que Satanás não vos tente pela vossa incontinência.
6 Ndisitsho nje, ndiyabonisa; anidithumi mntu."
6 Digo, porém, isto como que por permissão e não por mandamento.
7 Kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam nje; kodwa ke elowo unesakhe isipho, asibabalwe nguThixo; omnye uba naso ngokunje, omnye abe naso ngokunjeya."
7 Porque quereria que todos os homens fossem como eu mesmo; mas cada um tem de Deus o seu próprio dom, um de uma maneira e outro de outra.
8 Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje."
8 Digo, porém, aos solteiros e às viúvas, que lhes é bom se ficarem como eu.
9 Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka."
9 Mas, se não podem conter-se, casem-se. Porque é melhor casar do que abrasar-se.
10 Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda"
10 Todavia, aos casados mando, não eu mas o Senhor, que a mulher não se aparte do marido.
11 (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo."
11 Se, porém, se apartar, que fique sem casar, ou que se reconcilie com o marido; e que o marido não deixe a mulher.
12 Ke kaloku kwabanye ndithi mna, akutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali."
12 Mas aos outros digo eu, não o Senhor: Se algum irmão tem mulher descrente, e ela consente em habitar com ele, não a deixe.
13 Nomfazi onendoda engakholiweyo, ize yona ithande ukuhlala naye, makangayali."
13 E se alguma mulher tem marido descrente, e ele consente em habitar com ela, não o deixe.
14 Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele."
14 Porque o marido descrente é santificado pela mulher; e a mulher descrente é santificada pelo marido; de outra sorte os vossos filhos seriam imundos; mas agora são santos.
15 Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni."
15 Mas, se o descrente se apartar, aparte-se; porque neste caso o irmão, ou irmã, não está sujeito à servidão; mas Deus chamou-nos para a paz.
16 Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umfazi wakho?"
16 Porque, de onde sabes, ó mulher, se salvarás teu marido? ou, de onde sabes, ó marido, se salvarás tua mulher?
17 Ke, njengoko uThixo wamabelayo ulowo, njengoko iNkosi imbizileyo ulowo, makahambe ngokunjalo. Ndimisa ngokunjalo ke kuwo onke amabandla."
17 E assim cada um ande como Deus lhe repartiu, cada um como o Senhor o chamou. É o que ordeno em todas as igrejas.
18 Kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na? Makangaluki."
18 É alguém chamado, estando circuncidado? fique circuncidado. É alguém chamado estando incircuncidado? não se circuncide.
19 Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo."
19 A circuncisão é nada e a incircuncisão nada é, mas, sim, a observância dos mandamentos de Deus.
20 Elowo makahlale elubizweni abizwe ekulo."
20 Cada um fique na vocação em que foi chamado.
21 Wabizwa ulikhoboka na? Ungakhathali koko; nokuba ke unokukhululeka, nyula kanye oko."
21 Foste chamado sendo servo? não te dê cuidado; e, se ainda podes ser livre, aproveita a ocasião.
22 Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu."
22 Porque o que é chamado pelo Senhor, sendo servo, é liberto do Senhor; e da mesma maneira também o que é chamado sendo livre, servo é de Cristo.
23 Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu."
23 Fostes comprados por bom preço; não vos façais servos dos homens.
24 Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo."
24 Irmãos, cada um fique diante de Deus no estado em que foi chamado.
25 Ke kaloku, ngazo iintombi andinammiselo weNkosi; ndibona oku mna, njengowenzelwe inceba yiNkosi ukuba athembeke."
25 Ora, quanto às virgens, não tenho mandamento do Senhor; dou, porém, o meu parecer, como quem tem alcançado misericórdia do Senhor para ser fiel.
26 Ndiba ngoko, kulungile oku ngenxa yengxakeko engeneyo, kulungile emntwini ukuthi aselehlala njengoko anjalo."
26 Tenho, pois, por bom, por causa da instante necessidade, que é bom para o homem o estar assim.
27 Ubotshelelwe na emfazini? Musa ukufuna ukukhululwa kuye. Ukhululekile na emfazini? Musa ukufuna umfazi."
27 Estás ligado à mulher? não busques separar-te. Estás livre de mulher? não busques mulher.
28 Kodwa ke ukuba uthe wazeka, akonanga; nokuba intombi ithe yenda, ayonanga. Ke abanjalo boba nembandezelo enyameni. Ke mna, ngokwenjenje, ndiconga nina."
28 Mas, se te casares, não pecas; e, se a virgem se casar, não peca. Todavia os tais terão tribulações na carne, e eu quereria poupar-vos.
29 Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha lifinyele, ukuze kwelisaseleyo bathi nabo banabafazi, babe njengabangenabo;"
29 Isto, porém, vos digo, irmãos, que o tempo se abrevia; o que resta é que também os que têm mulheres sejam como se não as tivessem;
30 bathi abalilayo, babe njengabangaliliyo; bathi abavuyayo, babe njengabangavuyiyo; bathi abathengayo, babe njengabangenanto;"
30 E os que choram, como se não chorassem; e os que folgam, como se não folgassem; e os que compram, como se não possuíssem;
31 bathi abasebenzayo ngeli hlabathi, babe njengabangalixhamliyo; kuba ukumila kweli hlabathi kuyadlula."
31 E os que usam deste mundo, como se dele não abusassem, porque a aparência deste mundo passa.
32 Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuba angathini na ukuyikholisa iNkosi."
32 E bem quisera eu que estivésseis sem cuidado. O solteiro cuida das coisas do Senhor, em como há de agradar ao Senhor;
33 Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukumkholisa umkakhe."
33 Mas o que é casado cuida das coisas do mundo, em como há de agradar à mulher.
34 Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukuyikholisa indoda yakhe."
34 Há diferença entre a mulher casada e a virgem. A solteira cuida das coisas do Senhor para ser santa, tanto no corpo como no espírito; porém, a casada cuida das coisas do mundo, em como há de agradar ao marido.
35 Oku ke ndikuthetha ndisingisele kokunilungeleyo, ndingenzeli kunirhintyela; ndikuthethela ukuba nizibeke, nihlale nihleli kakuhle eNkosini, ningakruthakrutheki."
35 E digo isto para proveito vosso; não para vos enlaçar, mas para o que é decente e conveniente, para vos unirdes ao Senhor sem distração alguma.
36 Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe."
36 Mas, se alguém julga que trata indignamente a sua virgem, se tiver passado a flor da idade, e se for necessário, que faça o tal o que quiser; não peca; casem-se.
37 Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo."
37 Todavia o que está firme em seu coração, não tendo necessidade, mas com poder sobre a sua própria vontade, se resolveu no seu coração guardar a sua virgem, faz bem.
38 Ngoko ke lowo wendisayo uyatyapha, kodwa ke lowo ungendisiyo nguyena ukholisayo."
38 De sorte que, o que a dá em casamento faz bem; mas o que não a dá em casamento faz melhor.
39 Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilileyo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ithe yafa, ukhululekile, angendiselwa kwayithandayo, kodwa ke ngokwaseNkosini."
39 A mulher casada está ligada pela lei todo o tempo que o seu marido vive; mas, se falecer o seu marido fica livre para casar com quem quiser, contanto que seja no Senhor.
40 Noko ke unoyolo ngakumbi, ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo, ngokwam mna ukubona; ndiba ke ndinaye nam uMoya kaThixo."
40 Será, porém, mais bem-aventurada se ficar assim, segundo o meu parecer, e também eu cuido que tenho o Espírito de Deus.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Coríntios 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.