1 Coríntios 16
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF
1 Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani."
1 Ora, quanto à coleta que se faz para os santos, fazei vós também o mesmo que ordenei às igrejas da Galácia.
2 Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali."
2 No primeiro dia da semana cada um de vós ponha de parte o que puder ajuntar, conforme a sua prosperidade, para que não se façam as coletas quando eu chegar.
3 Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem."
3 E, quando tiver chegado, mandarei os que por cartas aprovardes, para levar a vossa dádiva a Jerusalém.
4 Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam."
4 E, se valer a pena que eu também vá, irão comigo.
5 Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni."
5 Irei, porém, ter convosco depois de ter passado pela macedônia (porque tenho de passar pela macedônia).
6 Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona."
6 E bem pode ser que fique convosco, e passe também o inverno, para que me acompanheis aonde quer que eu for.
7 Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma."
7 Porque não vos quero agora ver de passagem, mas espero ficar convosco algum tempo, se o Senhor o permitir.
8 Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;"
8 Ficarei, porém, em Éfeso até ao Pentecostes;
9 kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi."
9 Porque uma porta grande e eficaz se me abriu; e há muitos adversários.
10 Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam,"
10 E, se Timóteo for, vede que esteja sem temor convosco; porque trabalha na obra do Senhor, como eu também.
11 Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana."
11 Portanto, ninguém o despreze, mas acompanhai-o em paz, para que venha ter comigo; pois o espero com os irmãos.
12 Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo."
12 E, acerca do irmão Apolo, roguei-lhe muito que fosse com os irmãos ter convosco, mas, na verdade, não teve vontade de ir agora; irá, porém, quando se lhe oferecer boa ocasião.
13 Phaphani, elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani."
13 Vigiai, estai firmes na fé; portai-vos varonilmente, e fortalecei-vos.
14 Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando."
14 Todas as vossas coisas sejam feitas com amor.
15 Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),"
15 Agora vos rogo, irmãos (sabeis que a família de Estéfanas é as primícias da Acaia, e que se tem dedicado ao ministério dos santos),
16 ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo."
16 Que também vos sujeiteis aos tais, e a todo aquele que auxilia na obra e trabalha.
17 Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;"
17 Folgo, porém, com a vinda de Estéfanas, de Fortunato e de Acaico; porque estes supriram o que da vossa parte me faltava.
18 kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo."
18 Porque recrearam o meu espírito e o vosso. Reconhecei, pois, aos tais.
19 Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo."
19 As igrejas da Ásia vos saúdam. Saúdam-vos afetuosamente no Senhor áqüila e Priscila, com a igreja que está em sua casa.
20 Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele."
20 Todos os irmãos vos saúdam. Saudai-vos uns aos outros com ósculo santo.
21 Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos."
21 Saudação da minha própria mão, de Paulo.
22 Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. INkosi iyeza."
22 Se alguém não ama ao Senhor Jesus Cristo, seja anátema. Maranata!
23 Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani."
23 A graça do Senhor Jesus Cristo seja convosco.
24 Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen."
24 O meu amor seja com todos vós em Cristo Jesus. Amém.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Coríntios 16, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.