1 Coríntios 15
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo,"
1 Ora, eu vos lembro, irmãos, o evangelho que já vos anunciei; o qual também recebestes, e no qual perseverais,
2 nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa."
2 pelo qual também sois salvos, se é que o conservais tal como vo-lo anunciei; se não é que crestes em vão.
3 Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo,"
3 Porque primeiramente vos entreguei o que também recebi: que Cristo morreu por nossos pecados, segundo as Escrituras;
4 nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;"
4 que foi sepultado; que foi ressuscitado ao terceiro dia, segundo as Escrituras;
5 nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini."
5 que apareceu a Cefas, e depois aos doze;
6 Emveni kuko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa."
6 depois apareceu a mais de quinhentos irmãos duma vez, dos quais vive ainda a maior parte, mas alguns já dormiram;
7 Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile."
7 depois apareceu a Tiago, então a todos os apóstolos;
8 Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim."
8 e por derradeiro de todos apareceu também a mim, como a um abortivo.
9 Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo."
9 Pois eu sou o menor dos apóstolos, que nem sou digno de ser chamado apóstolo, porque persegui a igreja de Deus.
10 Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam."
10 Mas pela graça de Deus sou o que sou; e a sua graça para comigo não foi vã, antes trabalhei muito mais do que todos eles; todavia não eu, mas a graça de Deus que está comigo.
11 Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa."
11 Então, ou seja eu ou sejam eles, assim pregamos e assim crestes.
12 Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?"
12 Ora, se prega que Cristo foi ressuscitado dentre os mortos, como dizem alguns entre vós que não há ressurreição de mortos?
13 Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;"
13 Mas se não há ressurreição de mortos, também Cristo não foi ressuscitado.
14 ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu."
14 E, se Cristo não foi ressuscitado, logo é vã a nossa pregação, e também é vã a vossa fé.
15 Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki."
15 E assim somos também considerados como falsas testemunhas de Deus que ele ressuscitou a Cristo, ao qual, porém, não ressuscitou, se, na verdade, os mortos não são ressuscitados.
16 Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga."
16 Porque, se os mortos não são ressuscitados, também Cristo não foi ressuscitado.
17 Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu;"
17 E, se Cristo não foi ressuscitado, é vã a vossa fé, e ainda estais nos vossos pecados.
18 ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele."
18 Logo, também os que dormiram em Cristo estão perdidos.
19 Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke."
19 Se é só para esta vida que esperamos em Cristo, somos de todos os homens os mais dignos de lástima.
20 UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa."
20 Mas na realidade Cristo foi ressuscitado dentre os mortos, sendo ele as primícias dos que dormem.
21 Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo."
21 Porque, assim como por um homem veio a morte, também por um homem veio a ressurreição dos mortos.
22 Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:"
22 Pois como em Adão todos morrem, do mesmo modo em Cristo todos serão vivificados.
23 elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe;"
23 Cada um, porém, na sua ordem: Cristo as primícias, depois os que são de Cristo, na sua vinda.
24 kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla."
24 Então virá o fim quando ele entregar o reino a Deus o Pai, quando houver destruído todo domínio, e toda autoridade e todo poder.
25 Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba."
25 Pois é necessário que ele reine até que haja posto todos os inimigos debaixo de seus pés.
26 Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa;"
26 Ora, o último inimigo a ser destruído é a morte.
27 kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto."
27 Pois se lê: Todas as coisas sujeitou debaixo de seus pés. Mas, quando diz: Todas as coisas lhe estão sujeitas, claro está que se excetua aquele que lhe sujeitou todas as coisas.
28 Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke."
28 E, quando todas as coisas lhe estiverem sujeitas, então também o próprio Filho se sujeitará àquele que todas as coisas lhe sujeitou, para que Deus seja tudo em todos.
29 Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo?"
29 De outra maneira, que farão os que se batizam pelos mortos? Se absolutamente os mortos não ressuscitam, por que então se batizam por eles?
30 Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke?"
30 E por que nos expomos também nós a perigos a toda hora?
31 Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu."
31 Eu vos declaro, irmãos, pela glória que de vós tenho em Cristo Jesus nosso Senhor, que morro todos os dias.
32 Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa."
32 Se, como homem, combati em Éfeso com as feras, que me aproveita isso? Se os mortos não são ressuscitados, comamos e bebamos, porque amanhã morreremos.
33 Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo."
33 Não vos enganeis. As más companhias corrompem os bons costumes.
34 Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane."
34 Acordai para a justiça e não pequeis mais; porque alguns ainda não têm conhecimento de Deus; digo-o para vergonha vossa.
35 Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na?"
35 Mas alguém dirá: Como ressuscitam os mortos? e com que qualidade de corpo vêm?
36 Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife."
36 Insensato! o que tu semeias não é vivificado, se primeiro não morrer.
37 Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo;"
37 E, quando semeias, não semeias o corpo que há de nascer, mas o simples grão, como o de trigo, ou o de outra qualquer semente.
38 uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu."
38 Mas Deus lhe dá um corpo como lhe aprouve, e a cada uma das sementes um corpo próprio.
39 Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka."
39 Nem toda carne é uma mesma carne; mas uma é a carne dos homens, outra a carne dos animais, outra a das aves e outra a dos peixes.
40 Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli bezasezulwini, bubodwa obezasemhlabeni."
40 Também há corpos celestes e corpos terrestres, mas uma é a glória dos celestes e outra a dos terrestres.
41 Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli."
41 Uma é a glória do sol, outra a glória da lua e outra a glória das estrelas; porque uma estrela difere em glória de outra estrela.
42 Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala."
42 Assim também é a ressurreição, é ressuscitado em incorrupção.
43 Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla;"
43 Semeia-se em ignomínia, é ressuscitado em glória. Semeia-se em fraqueza, é ressuscitado em poder.
44 kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya."
44 Semeia-se corpo animal, é ressuscitado corpo espiritual. Se há corpo animal, há também corpo espiritual.
45 Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi."
45 Assim também está escrito: O primeiro homem, Adão, tornou-se alma vivente; o último Adão, espírito vivificante.
46 Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya."
46 Mas não é primeiro o espiritual, senão o animal; depois o espiritual.
47 Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini."
47 O primeiro homem, sendo da terra, é terreno; o segundo homem é do céu.
48 Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;"
48 Qual o terreno, tais também os terrenos; e, qual o celestial, tais também os celestiais.
49 njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini."
49 E, assim como trouxemos a imagem do terreno, traremos também a imagem do celestial.
50 Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali."
50 Mas digo isto, irmãos, que carne e sangue não podem herdar o reino de Deus; nem a corrupção herda a incorrupção.
51 Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke,"
51 Eis aqui vos digo um mistério: Nem todos dormiremos mas todos seremos transformados,
52 ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina."
52 num momento, num abrir e fechar de olhos, ao som da última trombeta; porque a trombeta soará, e os mortos serão ressuscitados incorruptíveis, e nós seremos transformados.
53 Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi."
53 Porque é necessário que isto que é corruptível se revista da incorruptibilidade e que isto que é mortal se revista da imortalidade.
54 Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni."
54 Mas, quando isto que é corruptível se revestir da incorruptibilidade, e isto que é mortal se revestir da imortalidade, então se cumprirá a palavra que está escrito: Tragada foi a morte na vitória.
55 Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi, uloyiso lwakho?"
55 Onde está, ó morte, a tua vitória? Onde está, ó morte, o teu aguilhão?
56 Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho."
56 O aguilhão da morte é o pecado, e a força do pecado é a lei.
57 Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu."
57 Mas graça a Deus que nos dá a vitória por nosso Senhor Jesus Cristo.
58 Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini."
58 Portanto, meus amados irmãos, sede firmes e constantes, sempre abundantes na obra do Senhor, sabendo que o vosso trabalho não é vão no Senhor.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Coríntios 15, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.