1 Coríntios 12

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs BKJ

Sair da comparação
1 Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningazi."
1 Ora, acerca dos dons espirituais, irmãos, eu não quero que sejais ignorantes.
2 Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako."
2 Vós sabeis que, ainda quando gentios, fostes levados aos ídolos mudos, assim como fostes conduzidos.
3 Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi uyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele."
3 Por isso, eu vos quero fazer entender que nenhum homem falando pelo Espírito de Deus chama Jesus de amaldiçoado. E que nenhum homem pode dizer que Jesus é o Senhor, senão pelo Santo Espírito.
4 Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye."
4 Ora, há diversidade de dons, mas o Espírito é o mesmo.
5 Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye."
5 E há diferentes ministérios, mas o Senhor é o mesmo.
6 Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke."
6 E há diversidade de operações, mas é o mesmo Deus que opera tudo em todos.
7 Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke;"
7 Mas a manifestação do Espírito é dada a cada um para proveito comum.
8 kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya;"
8 Porque a um é dada, pelo Espírito, a palavra da sabedoria; a outro a palavra do conhecimento, pelo mesmo Espírito;
9 wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya;"
9 a outro a fé, pelo mesmo Espírito; a outro, os dons de cura, pelo mesmo Espírito;
10 omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi."
10 a outro, a operação de milagres; a outro, a profecia; a outro, o discernimento dos espíritos; a outro, diversos tipos de línguas; a outro, a interpretação das línguas.
11 Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo."
11 Um só e o mesmo Espírito opera estas coisas, dividindo a cada homem várias vezes como ele deseja.
12 Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo."
12 Porque, assim como o corpo é um, e tem muitos membros, e todos os membros desse corpo, sendo muitos, são um corpo, assim também é Cristo.
13 Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;"
13 Porque por um Espírito, todos nós fomos batizados em um corpo, quer sejamos judeus ou gentios, quer sejamos escravos ou livres, e a todos foi dado beber em um só Espírito.
14 kuba nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi."
14 Pois o corpo não é um membro, mas muitos.
15 Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, luthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?"
15 Se o pé disser: Porque eu não sou mão, eu não sou do corpo; não é portanto do corpo?
16 Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, ithi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na?"
16 E se a orelha disser: Porque eu não sou o olho, eu não sou do corpo; não é portanto do corpo?
17 Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?"
17 Se todo o corpo fosse olho, onde estaria o ouvido? Se todo fosse ouvido, onde estaria o olfato?
18 Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo."
18 Mas agora Deus colocou cada um dos membros no corpo como lhe agradou.
19 Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?"
19 E, se todos eles fossem um só membro, onde estaria o corpo?
20 Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba."
20 Mas agora, eles são muitos membros, mas um só corpo.
21 Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum."
21 E o olho não pode dizer à mão: Eu não tenho necessidade de ti; nem ainda a cabeça aos pés: Eu não tenho necessidade de vós.
22 Asuka amalungu omzimba angathi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo."
22 Antes, os membros do corpo que parecem ser os mais fracos são os mais necessários;
23 Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo."
23 e os membros do corpo que pensamos ser os menos honrosos, a esses concedemos abundante honra; e às nossas partes íntimas são tratadas com maior decoro.
24 Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu;"
24 Porque nossas partes decentes não têm necessidade disso, mas Deus de tal forma articulou o corpo, dando mais abundante honra à parte que faltava,
25 ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye;"
25 para que não haja separação no corpo, mas que os membros tenham o mesmo cuidado uns para com os outros.
26 kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke."
26 E se um membro sofrer, todos os membros sofrem com ele; e se um membro for honrado, todos os membros se regozijam com ele.
27 Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo."
27 Ora, vós sois o corpo de Cristo, e seus membros em particular.
28 Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi."
28 E Deus colocou alguns na igreja, primeiro apóstolos, em segundo lugar, profetas, em terceiro, mestres, depois milagres, depois, dons de curar, de ajudar, de governar, de diversidades de línguas.
29 Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na?"
29 São todos apóstolos? São todos profetas? São todos mestres? São todos operadores de milagres?
30 Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?"
30 Têm todos do dom de cura? Falam todos em línguas? Fazem todos interpretações?
31 Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo; kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo."
31 Portanto, procurai fervorosamente os melhores dons; e eu vos mostrarei um caminho ainda mais excelente.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Coríntios 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.