1 Coríntios 11
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu."
1 Sede meus imitadores, como também eu, de Cristo.
2 Ke kaloku ndiyanidumisa, bazalwana, kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo."
2 E louvo-vos, irmãos, porque em tudo vos lembrais de mim e retendes os preceitos como vo-los entreguei.
3 Kodwa ke ndithanda ukuba nazi, ukuba intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo."
3 Mas quero que saibais que Cristo é a cabeça de todo varão, e o varão, a cabeça da mulher; e Deus, a cabeça de Cristo.
4 Umntu wonke oyindoda, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, enento entloko, uya intloko yakhe."
4 Todo homem que ora ou profetiza, tendo a cabeça coberta, desonra a sua própria cabeça.
5 Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kunto-nye nokuba uchetyiwe."
5 Mas toda mulher que ora ou profetiza com a cabeça descoberta desonra a sua própria cabeça, porque é como se estivesse rapada.
6 Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo."
6 Portanto, se a mulher não se cobre com véu, tosquie-se também. Mas, se para a mulher é coisa indecente tosquiar-se ou rapar-se, que ponha o véu.
7 Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda."
7 O varão, pois, não deve cobrir a cabeça, porque é a imagem e glória de Deus, mas a mulher é a glória do varão.
8 Kuba indoda ayiphume emfazini, ngumfazi ophume endodeni;"
8 Porque o varão não provém da mulher, mas a mulher, do varão.
9 kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi, kwadalwa umfazi ngenxa yendoda."
9 Porque também o varão não foi criado por causa da mulher, mas a mulher, por causa do varão.
10 Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu."
10 Portanto, a mulher deve ter sobre a cabeça sinal de poderio, por causa dos anjos.
11 Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda;"
11 Todavia, nem o varão é sem a mulher, nem a mulher, sem o varão, no Senhor.
12 kuba, njengokuba umfazi ephume kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphume kuThixo."
12 Porque, como a mulher provém do varão, assim também o varão provém da mulher, mas tudo vem de Deus.
13 Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele?"
13 Julgai entre vós mesmos: é decente que a mulher ore a Deus descoberta?
14 Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo?"
14 Ou não vos ensina a mesma natureza que é desonra para o varão ter cabelo crescido?
15 Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo."
15 Mas ter a mulher cabelo crescido lhe é honroso, porque o cabelo lhe foi dado em lugar de véu.
16 Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo."
16 Mas, se alguém quiser ser contencioso, nós não temos tal costume, nem as igrejas de Deus.
17 Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; kusingisa kokhona kubi."
17 Nisto, porém, que vou dizer-vos, não vos louvo, porquanto vos ajuntais, não para melhor, senão para pior.
18 Kuba kuqalake, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho."
18 Porque, antes de tudo, ouço que, quando vos ajuntais na igreja, há entre vós dissensões; e em parte o creio.
19 Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu."
19 E até importa que haja entre vós heresias, para que os que são sinceros se manifestem entre vós.
20 Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nidle isidlo seNkosi;"
20 De sorte que, quando vos ajuntais num lugar, não é para comer a Ceia do Senhor.
21 kuba ekudleni kwenu elowo udla okwakhe ukudla; uqala adle, bengekafiki abanye, aze omnye alambe, omnye anxile."
21 Porque, comendo, cada um toma antecipadamente a sua própria ceia; e assim um tem fome, e outro embriaga-se.
22 Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndithini na kuni? Ndinidumise na kule nto? Andinidumisi."
22 Não tendes, porventura, casas para comer e para beber? Ou desprezais a igreja de Deus e envergonhais os que nada têm? Que vos direi? Louvar-vos-ei? Nisso não vos louvo.
23 Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;"
23 Porque eu recebi do Senhor o que também vos ensinei: que o Senhor Jesus, na noite em que foi traído, tomou o pão;
24 yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula."
24 e, tendo dado graças, o partiu e disse: Tomai, comei; isto é o meu corpo que é partido por vós; fazei isto em memória de mim.
25 Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula."
25 Semelhantemente também, depois de cear, tomou o cálice, dizendo: Este cálice é o Novo Testamento no meu sangue; fazei isto, todas as vezes que beberdes, em memória de mim.
26 Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike."
26 Porque, todas as vezes que comerdes este pão e beberdes este cálice, anunciais a morte do Senhor, até que venha.
27 Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi."
27 Portanto, qualquer que comer este pão ou beber o cálice do Senhor, indignamente, será culpado do corpo e do sangue do Senhor.
28 Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;"
28 Examine-se, pois, o homem a si mesmo, e assim coma deste pão, e beba deste cálice.
29 kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi."
29 Porque o que come e bebe indignamente come e bebe para sua própria condenação, não discernindo o corpo do Senhor.
30 Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banele nabalele ukufa."
30 Por causa disso, há entre vós muitos fracos e doentes e muitos que dormem.
31 Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa."
31 Porque, se nós nos julgássemos a nós mesmos, não seríamos julgados.
32 Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi."
32 Mas, quando somos julgados, somos repreendidos pelo Senhor, para não sermos condenados com o mundo.
33 Ngoko ke, bazalwana bam, xa nihlangene ndawonye ukuba nidle, lindanani."
33 Portanto, meus irmãos, quando vos ajuntais para comer, esperai uns pelos outros.
34 Ukuba ke ubani ulambile, makadle ekhaya, ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa, xa ndithe ndafika."
34 Mas, se algum tiver fome, coma em casa, para que vos não ajunteis para condenação. Quanto às demais coisas, ordená-las-ei quando for ter convosco.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar 1 Coríntios 11, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.